Bible Society of South Africa

Strength For Today – Day 15

- The Love of Christ
- Peace Which Transcends Understanding
- The Holy Scripture

Itekisi yeBhayibhile

KWABASE-EFESE 3

Uthando lukaKrestu

14Ngenxa yale nto ke, ndizikhahlela phantsi phambi koBawo, 15uYise walo lonke usapho olusezulwini nasemhlabeni. 16Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, 17khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele. 18Nanga nina nosapho lukaThixo xa lulonke, ningalunakana ukuba lungakanani na ububanzi balo, lungakanani na ubude balo, kukwangakanani na ukuphakama kwalo nokuba nzulu kwalo uthando lukaKrestu, 19nilwazi nakuba lungenakwaziwa nje. Ewe, niye niphuphuma bubukho bukaThixo obugqibeleleyo.

20Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi: 21Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. *Amen.

KWABASE-EFESE 3:14-21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 4

4Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!

5Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango. 6Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. 7Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu. 8Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo. 9Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

KWABASEFILIPI 4:4-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 3

14Ke wena yayamana rhoqo neenyaniso ozifundileyo waqinisekiswa ngazo. Khumbula ukuba uzifunde kubani na. 15Khumbula ukuba kwausengumntwana waqhelaniswa *neziBhalo eziNgcwele ezikunika ubulumko, khon' ukuze usindiswe ngokukholwa kuKrestu Yesu. 16Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; 17ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.

2 KUTIMOTI 3:14-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-