Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 5

Ukhuseleko

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 63

Umhobe kaDavide xa wayesentlango yelakwaJuda.

1Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.

Umphefumlo wam uyakulangazelela.

Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;

ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.

2Ndikuzingela phakathi *esibingelelweni,

ukuze ndibone amandla nesidima sakho.

3Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,

ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.

4Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;

ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.

5Ndiya kutya ndide ndincinde amafutha;

ndiya kumemelela ndicule ndinemihlali.

6Emandlalweni wam ndicinga ngawe;

ndicamngca ngawe phakathi kobusuku.

7Kaloku wena uluncedo lwam;

ngamaphiko akho uyandikhusela, nditsho ndicule ndinemincili.

8Ndizimisele ukuthi nca kuwe;

kaloku wena uyandixhasa.

IINDUMISO 63:1-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 91

UThixo umkhuseli wethu

1Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,

uhlala esemthunzini kaSomandla.

2Yena uya kuthi: “*Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;

uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”

3Kuba nguye okuhlangula emgibeni wabakugcayiseleyo

nakubhubhani wesifo,

4akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,

kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe.

5Akuyi koyika zingozi zasebusuku,

nakuhlaselwa ngequbuliso emini,

6nabhubhani wangobusuku,

nasifo sigqugqisayo emini emaqanda.

IINDUMISO 91:1-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 91

15Akuzibika kum, ndiya kumva;

ndiya kuba naye ezimbandezelweni,

ndimhlangule, ndimbek' ezimbekweni,

IINDUMISO 91:15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 84

Ukulangazelela indlu kaThixo

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakaKora; uvunywa njengalowa wamaGati.

1Hay' ubuhle nokuthandeka komzi wakho,

*Ndikhoyo onamandla onke.

2Umphefumlo wam uzele lulangazelelo;

ewe, ulangazelela inkundla yakwakho, Ndikhoyo.

Ndiyamemelela ndicula ngochulumacho,

ndidumisa uThixo ophilayo.

3Namasomi azakhela iindlwana zawo khona;

kwaneenkonjane zifumana ikhaya khona.

Amathole azo ziwagcina *esibingelelweni sakho,

Ndikhoyo onamandla onke, wena kumkani noThixo wam.

4Hay' ithamsanqa lâbo bahlala endlwini yakho,

abasoloko bentyiloza bememelela bebonga wena.

IINDUMISO 84:1-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 84

11Kaloku uNdikhoyo uThixo ngumkhuseli nelanga lethu;

usithi jize ngendili nangobubele.

UNdikhoyo akazibandezi izinto ezintle

kwabo bamthobela ngokupheleleyo.

12Hay' ithamsanqa lomntu okholosa ngawe,

Ndikhoyo onamandla onke!

IINDUMISO 84:11-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 121

UNdikhoyo umalusi wethu

Iculo labahambi.

1Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;

yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?

2Umncedi wam *nguNdikhoyo,

yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.

3Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;

kaloku akozeli, walusa mna.

4Khangela, umalusi kaSirayeli akozeli,

engalali nokulala oku.

5Kaloku nguNdikhoyo okwalusayo –

nguye okwenzela umthunzi.

6Emini ilanga aliyi kukugqatsa;

kanti ke nenyanga ebusuku ayinakukwenza nto.

7NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;

ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.

8Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,

xa uhambayo naxa ubuyayo,

kuqalela ngoku kude kube nini-nini.

IINDUMISO 121XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 92

Ingoma yombulelo

Umbongo *waNgomhla woPhumlo.

1Yinto entle ukumbulela *uNdikhoyo;

yinto entle ukubonga igama loPhezukonke.

2Kulungil' ukubalisa ngezibele zakhe kusasa,

nangokunyaniseka kwakhe ngokuhlwa,

3kuvakala uncuthu lwengoma yeentambula,

nehapu itsho ngesongo sengom' emyoli.

4Kub' undivuyisile, Ndikhoyo, ngezinto ondenzele zona;

ndokubonga ndinemincili ngenxa yemisebenzi yakho.

5Hay' ukubaluleka kwemisebenzi yakho, Ndikhoyo!

Hay' ukuba nzulu kweengcamango zakho!

6Isidenge asinakuyazi loo nto,

nesiyatha asinako ukukuqiqa:

7le yokuba amatshijolo aya kubhangiswa,

nokuba selede amila njengokhula,

nokuba selede aphumelela.

8Kaloku wena, Ndikhoyo, unguPhezukonke;

wena unguye nanini-nanini.

9Iintshaba zakho, Ndikhoyo, zotshabalala kuphele,

kananjalo abhangiswe onke amatshijolo.

10Undomeleze ndanga ndiyinyathi;

undithe jize ngombhiyozo nolonwabo.

11Ndikubone ngala wam amehlo ukuwa kweentshaba zam;

ndiyive ngezi zam iindlebe intshabalalo yâbo bandizungulayo.

12Amalungisa achuma njengesundu,

akhula njengemisedare yaseLibhanon.

13Amilile emzini kaNdikhoyo;

ayakhula endlwini kaThixo.

14Avelisa iziqhamo naxa selaluphele,

aqhelezele omelele.

15Kutheth' ukuthi ke uNdikhoyo ulilungisa,

yena ngumkhuseli wam, akukho khwiniba kuye.

IINDUMISO 92XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 144

Ukumkani ubulela uThixo ngenxa yoloyiso

Umhobe kaDavide.

1Makabongwe *uNdikhoyo ondikhuselayo,

yena ondiqeqeshela idabi,

andenze ndiyiqulele imfazwe.

2Yena ulixhadi nenqaba yam,

umqolomba nomhlanguli wam,

umkhuseli endincathama ngaye.

Izizwe uzifaka phantsi kwam.

3Awu, Ndikhoyo, yaz'ba kuxa eyintoni na umntu

le nto ude uzidube ngaye?

Ngani ukuba ude uzikhathaze ngaye?

4Umntu ufana nqwa nomphunga,

imihla yakhe injengesithunzi sisiya kusithela.

5Wakuwashukumisa amazulu, Ndikhoyo,

suka akhahleleke phantsi.

Wakuzichukumisa iintaba zithuquza umsi.

6Lekuza ngemibane, ubasarhaze;

binza ngeentolo batsho baduba-dubeke.

7Yolula isandla sakho kweliphezulu,

undonyule ndiphume kulo mgxobhozo.

Ndihlangule esandleni seentlanga

8ezimilomo impompoza ubuxoki,

ezifunga ubuqhophololo.

9Thixo wam, ndiya kukudumisa ngengoma entsha;

ndiya kukuculela ngekatala.

10Ngumavathis' ookumkani ngoloyiso,

umhlanguli kaDavide isicaka sakhe.

Ndisindise kwikrele lezikhohlakali;

11ndihlangule esandleni seentlanga

ezimilomo impompoza ubuxoki,

ezifunga ubuqhophololo.

12Oonyana bethu ebutsheni babo

banga banganjengezityalo eziyokozelayo;

iintombi zethu zibe njengamatye akroliweyo

alungiselelwe ukuvathisa ibhotwe.

13Akwaba bangaphuphuma oovimba bethu,

bazale ziintlobo ngeentlobo zesivuno.

Akwaba zingazala amawaka iigusha zethu,

zande ngamawaka aphindwe kalishumi emaphandleni.

14Ngamana zathatha iimazi zethu zeenkomo;

zingemi ngenxa yokuphunza.

Ngamana akungebikho zimbonono ezitalatweni zethu;

ewe, singaphithizeliswa kukuthinjwa.

15Hayi uyolo lwabantu abayixhamlayo le ntsikelelo!

Sinenyhweba kambe isizwe esiThixo waso unguNdikhoyo!

IINDUMISO 144XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 139

5Kaloku wena undiphahle macal' onke;

isandla sakho sindifumbathile.

6Ndlela le undazi ngayo indongamele;

ewe, ndiyalabalaba, isemajukujukwini kum.

7Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?

Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?

8Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;

nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.

9Ndingafanelana ndihamba nokusa,

ndiye kutsho eziphelweni zolwandle,

10nalapho ndingakhokelwa sisandla sakho;

ewe, ndohlala ndisemandleni akho.

IINDUMISO 139:5-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-