Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 35

Ulingeko

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 141

3Ndikhoyo, wumisele umlindi umlomo wam;

imilebe yam mayihlale yalusiwe.

4Ndenze ndikucezele ukwenza ububi,

ndingazixakekisi ngezenzo zenkohlakalo,

ndingahambisani nabantu abakhohlakeleyo.

Mandingaze ndizixhamle izimuncu-muncu zabo.

5Noba lingandohlwaya ilungisa – yinyhweba leyo;

nokuba liyandikhalimela – yintsikelelo leyo;

ewe, andinakuphikisana nayo.

Umthandazo wam uchasene nezenzo zamatshijolo.

IINDUMISO 141:3-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 141

8Ke mna ndijonge enkalweni

kuwe, Ndikhoyo, Thixo wam.

Ndilangazelela ukukhuselwa nguwe;

ungandishiyi ndisesichengeni.

IINDUMISO 141:8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-