Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 34

Ukuphatheka kakubi

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 10

Ukucela uncedo

1Yini na, *Ndikhoyo? Wachasela?

Kutheni? Wazifihla ngexesha longxunguphalo?

IINDUMISO 10:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 10

4Libathe lwale ikratshi abantw' abagwenxa;

bade bazikhohlise ngokuthi: “Akukho Thixo ngandawo!”

5Zinempumelelo zonk' iinzame zabo,

kodwa imiyalelo yakho ikude lee kubo.

Bayazeya zonke iintshaba zabo.

IINDUMISO 10:4-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 10

12Lamla, Ndikhoyo; caca ukuba unguThixo!

Sukubalibal' abantw' abahlelelekileyo!

IINDUMISO 10:12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 10

14Ewe, wena uzijongile wazibona iintlupheko neentsizi,

khon' ukuze ulungele ukusisiza.

Ewe, zibalekela kuwe nazo iindwayi,

wena ongumncedi weenkedama.

IINDUMISO 10:14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 10

16Ngukumkani uNdikhoyo kuya kude kube nini-nini.

Zobhanga ziphele nya emhlabeni iintshaba zakhe.

17Ndikhoyo, uyaziva izicelo zabantw' abathobekileyo;

uyabavuselela, uziphendule izicelo zabo.

IINDUMISO 10:16-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 73

Ubulungisa bukaThixo

Umhobe ka-Asafu.

1Ngenene uThixo umphethe kakuhle uSirayeli;

ulungile kwabantliziyo zinyulu.

2Kodwa ke mna suka ndathandabuza,

ewe, gcwizi ndityibilike,

3kuba ndinekhwele ngabaqhayisayo,

kukubona inkqubela yabakhohlakeleyo.

IINDUMISO 73:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 73

16Ndizamile ukuyiphonononga le nyewe,

kodwa suka yayinkinge kum.

17Ndide ke ndabhenela engcweleni kaThixo,

ndacacelwa ke sisiphelo sabo.

IINDUMISO 73:16-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 73

23Kambe ke ndisoloko ndikuwe;

undithe chu ngesandla.

24Ewe, wena uyandithundeza;

kamva ke wondamkelela ewongeni.

25Ndikholosa ngawe usemazulwini;

ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

IINDUMISO 73:23-25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 73

28Kum ke kuluyolo ukuba kufuphi kuwe, Thixo.

Nkosi yam *Ndikhoyo, ndikhuselwa nguwe,

ukuze ndibalise ngemisebenzi yakho.

IINDUMISO 73:28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-