Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 3

Ixhala

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 119

8Mna ndiya kuyithobela imithetho yakho;

awu, nceda ungandilahli kuphele.

IINDUMISO 119:8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 42

3Imini nobusuku ndiyinyhididi kukugixa.

Ke zona izibhoxi zasoloko zindiphoxa zisithi:

“Ude abe phi na lo Thixo wakho?”

4Kambe ke ndithi ndakukhumbula mandulo

ijijitheke intliziyo yam.

Kaloku fudula ndiwukhokela loo mngcelele

uya endlwini kaThixo.

Ewe, sasingumkhosi wochulumacho

sonwabile, simemelela sidumisa.

5Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?

Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?

Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,

khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

IINDUMISO 42:3-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 42

8Kambe ke, ngeny' imini, *Ndikhoyo,

luya kubalasela uthando lwakho.

Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,

ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.

9Ndiyakhala kuwe, mqolomba wam, Thixo:

“Ngani ukuba undilibale?

Ngani ukuba ndihlale ndizibambe ngeenkophe

ngenxa yokubandezelwa ziintshaba?”

10Ewe, sendixushekile zizenyeliso zabo.

Kaloku basoloko bendigcolodela besithi:

“Ude abe phi na lo Thixo wakho?”

IINDUMISO 42:8-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-