Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 12

Ubukhulu

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 89

5Amazulu ababaza imimangaliso yakho, Ndikhoyo,

ukuthembeka kwakho ebandleni lemilowo yakwakho!

6Esibhakabhakeni ngubani onokulinganiswa nawe, Ndikhoyo,

ingubani kwabasemazulwini ofana nawe?

7UnguThixo ohlonelwayo kwibandla labamsulwa;

umkhulu uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abakungqongileyo.

8Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,

ngubani oyingangamsha njengawe?

Ngeendlela zonke uthembekile!

9Iilwandle ezinzongo-nzongo zilawulwa nguwe;

wena uyawazolisa amaza agugumayo.

IINDUMISO 89:5-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 8

Ubungangamsha bukaThixo nesidima somntu

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngathi yilaa ngoma yamaGati.

1*Ndikhoyo, Nkosi yethu,

hayi ukubaluleka kwegama lakho ehlabathini!

Wena uqaqambisa amazulu ngesithozela sakho,

2nditsho abantwana kwaneentsana ziyakubonga,

nto leyo ibamisela umqobo abachasi

wokuvalela utshaba kwanomphindezeli.

3Xa ndiqwalasela amazulu owenzileyo,

inyanga, neenkwenkwezi ezidalwe nguwe,

4ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,

engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?

IINDUMISO 8:1-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 19

Indalo nomyalelo kaThixo

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Amazulu abalisa ngobungangamsha bukaThixo,

nesibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.

2Imini ixelela imin' elandelayo,

nobusuku bubikela ubusuk' obulandelayo.

3Akukho ntetho namazwi nasandi sivakalayo;

4kodwa kukho intlokoma kulo lonk' elimiweyo,

nebali lazo liwugqibe wonk' umhlaba.

UThixo ulakhele esibhakabhakeni ilanga.

5Liphuma linyalasa njengomyen' ephum' entangeni,

nanjengembalek' engxamel' ukubalek' elugqatsweni.

6Liphum' emaphethelwen' esibhakabhaka,

liye kutshw' emaphethelweni kwelinye icala;

akukho nto inokusinda kwingqatsini yalo.

IINDUMISO 19:1-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 48

Isixeko sikaThixo iZiyon

Ingoma; umhobe woonyana bakwaKora.

1*UNdikhoyo mkhulu kakhulu;

masimbonge simdumise,

esixekweni sikaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.

IINDUMISO 48:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 48

10Ukudunyiswa kwakho, Thixo,

kukwanjengegama lakho,

kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.

Ulawulo lwakho lunobulungisa.

11Mabavuye abemi beNtaba iZiyon;

mazidlokove izixeko zelakwaJuda.

Kaloku kulungile ukugweba kwakho.

IINDUMISO 48:10-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-