Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 10

Ukuthobela uThixo

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 119

Ukucela ingqiqo

33Awu, *Ndikhoyo, ndifundise imithetho yakho,

ukuze ndihlale ndiyithobela maxa onke.

34Ndivule ingqondo, ndiwuthobele umyalelo wakho;

ndiya kuwulandela ngomxhelo wam wonke.

IINDUMISO 119:33-34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 119

Imimiselo kaNdikhoyo iyathandeka

129Imfundiso yakho ibalulekile;

ndoyithobela ngomxhelo wam wonke.

130Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;

abangazi nto libanika ukuqonda.

131Ndisuka ndikhefuze ndithe nkebe,

kuba ndiyazilangazelela iziyalo zakho.

132Khawuze kum undibabale,

kakade wenjenjalo kwabakuthandayo.

133Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,

ungandiyekeli ndonganyelwe bububi.

IINDUMISO 119:129-133XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 119

10Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;

ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.

11Ndihamba ngokomlomo wakho,

khon' ukuze ndingoni.

IINDUMISO 119:10-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-