Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 2

Xa usoyika

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 41

10Ngoko ke ndinawe, sukoyika;

ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.

Ndiza kukomeleza ndikusize,

amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

UISAYA 41:10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 36

5Kodwa zona izibele zakho, Ndikhoyo, ziye kuthi gaa ngamazulu,

nentembeko yakho yaya kuthi ngqu ngamafu.

6Ukulunga kwakho akugungqi, kunjengentaba;

zinzulu njengolwandle zona izigqibo zakho.

Uyabanakekela abantu nezilo, wena Ndikhoyo.

7Hayi izibele zakho, Thixo, ebantwini!

Oonyana babantu bazimela phantsi kwephiko lakho.

8Baxhamla intlutha yendlu yakho;

ubaseze kumlambo wokulunga kwakho.

9Wena ulithende lobomi;

ngokhanyiso lwakho sibona ukukhanya.

IINDUMISO 36:5-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Kuyinto emnandi ukuhamba ebomini wonwabele inkululeko yakho namathuba okukukhulisa. Ngelixa iyinto elungileyo le, uloyiko lokungalungelelanisi izinto, ungaphumeleli ukufika kwiinjongo zakho, ukuziqhelanisa kwiingingqi ezingaqhelekanga kuwe okanye ukungafunwa ngabanye, kungakubangela unxunguphalo ngeendlela ezininzi. UThixo uyakuqonda ukungaqiniseki kwakho, aze ayenze ingqondo yakho ikhululeke, esebenzisa iBhayibhile.

– Thembela kubulungisa bukaThixo
– Namathela kwimigangatho yakho

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-