Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 1

- Ubulumko busendleleni yobomi bemihla ngemihla
- Bethelela ubugcisa bokukhetha okufanelekileyo

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 37

23NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;

nguye omenza akholeke kuye.

24Nokuba uwile, uyavuka,

kuba nguNdikhoyo omthundezayo.

IINDUMISO 37:23-24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 18

33Undicondobisa kuhle njengenxala,

ndichankcathe emaweni ndingatyibiliki.

IINDUMISO 18:33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 121

UNdikhoyo umalusi wethu

Iculo labahambi.

1Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;

yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?

2Umncedi wam *nguNdikhoyo,

yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.

3Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;

kaloku akozeli, walusa mna.

4Khangela, umalusi kaSirayeli akozeli,

engalali nokulala oku.

5Kaloku nguNdikhoyo okwalusayo –

nguye okwenzela umthunzi.

6Emini ilanga aliyi kukugqatsa;

kanti ke nenyanga ebusuku ayinakukwenza nto.

7NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;

ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.

8Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,

xa uhambayo naxa ubuyayo,

kuqalela ngoku kude kube nini-nini.

IINDUMISO 121XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 1

(IiNdumiso 1 – 41)

Ilungisa nomoni

1Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,

ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,

umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo.

2Lowo wonwatyiswa yimiyalelo *kaNdikhoyo,

ayetyise emini nasebusuku.

3Unjengomth' otyalwe ngasemijelweni yamanzi,

umth' ovelisa iziqhamo ngexesha leziqhamo,

umth' omagqabi angasoz' abune.

Ewe, konk' akwenzayo umnt' onjalo kuyaphumelela.

IINDUMISO 1:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 16

3Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,

yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

IZAFOBE 16:3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Ubulumko busendleleni yobomi bemihla ngemihla
Yonke imihla yohambo lwakho ebomini yenziwe ngamanyathelo amancinci, nje ngokushiya ikhaya okokuqala kuba utshintsha umsebenzi, okanye utshata nomntu omthanda kakhulu, okanye usiya kukhulisa usapho lwakho. Konke oku kwenzeka ukwingingqi ongayiqhelanga kwaye udibana nabantu abasuka kumasiko ahlukileyo nakwiindawo ngeendawo zokusebenza. Ungahamba urhintyeleka uzibhaqe sele uphuma endleleni ngokulula ngethuba utshintsha imisebenzi, abahlobo, kwakunye neemeko zoxinzelelo esizibhaqa sikuzo ebomini. Umngeni ngowokuba ubambelele kukholo lwakho ngokuqinisekileyo nangendlela enentsingiselo. NgeBhayibhile esiSalathisi (GPS) kwindlela yakho, qiniseka ukuba usendleleni efanelekileyo. Khangela ulungelelwano lwendlela ofuna ukuyihamba kwincwadi yeNdumiso.

Bethelela ubugcisa bokukhetha okufanelekileyo
Nokuba sele uzifumana uphi na kuhambo lwakho, uya kujongana nezigqibo zokuziphatha. Uza kujongana neenkolo ezingqubanayo, kwaneendlela zokuphila ezahlukileyo. Ngelixa ezinye iimeko kucaca gca ukuba zilungile okanye azilunganga, iimeko ezizamana kakhulu nokholo lwakho aziyi kucaca ngokuthe gca. Ukugcina amehlo akho ejonge kuThixo kuya kukunceda uyifumane indlela yakho kweli hlabathi.

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-