Bible Society of South Africa
Ds Hein Barnard

Forgiveness – Day 11

This is one of the most read chapters in Jeremiah. God promises Israel (Israel and Judah) that they will be His people again (1-14), He will have mercy on weary Israel (15-26) and He will make them secure (27-30). Important: God takes the initiative, not Israel.

This is a confirmation of the covenant God made with Abraham – Genesis 17.

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 31

31Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ewe, iyeza imihla yokuba ndenze umnqophiso omtsha nesizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda. 32Lo wona umnqophiso awuyi kufana nalowa ndawenzayo nookhokho babo mhla ndabathi chu ngesandla ndibakhupha eJiputa, mnqophiso lowo bangawugcinanga naxa ndandiyinkosi yabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

33“Nguwo lo umnqophiso endiza kuwenza nesizwe sikaSirayeli kwimihla ezayo,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “Imiyalelo yam ndiya kuyimilisela ngaphakathi kwabo, ndiyishicilele ezintliziyweni zabo, mna ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona. 34Abayi kuba safundisana ngam elowo umntakwabo, elowo ummelwane wakhe, besithi: ‘Mazini uNdikhoyo;’ kuba bonke baya kundazi ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu. Ndobuxolela ubugwenxa babo, ndingabuye ndikukhumbule ukona kwabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

35NguNdikhoyo omisele ilanga ukuba likhanyise emini,

ngokunjalo inyanga neenkwenkwezi ukuba zikhanyise ebusuku;

ulozamazamisa ulwandle, agqume amaza;

kuthiwa nguNdikhoyo uSomandla-onke igama lakhe.

36Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:

“Xa ingatshitshayo le mimiselo ndingabi sayibona,

nesizukulwana sikaSirayeli singanqamka singabi saba ngabantu bam.”

37Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Mhla isibhakabhaka phezulu saba nokulinyaziswa,

neziseko zomhlaba ngaphantsi zaba nokugocagocwa,

kungelo thuba kuphela endingathi ndisibukule isizukulwana sikaSirayeli xa sisonke.”

38Lo ngumlomo kaNdikhoyo: “Iyeza imihla yokuba esi sixeko sakhelwe uNdikhoyo ukusuka kwinqaba kaHananeli kuse kwiSango leKona. 39Umda waso uya kusuka apho uye kuthi ga ngenduli iGarebhe, ujikele wenjenjeya ukuya eGowa. 40Yonke loo ntili kulahlwa kuyo izinto ezifileyo namabibi, nawo onke amasimi angasentla kwentlambo iKedron, kuye kutsho kwikona yeSango lamaHashe ngasempuma, iya kuba yekhethelwe uNdikhoyo. Esi sixeko asiyi kubuye sidilizwe, sibhukuqwe.”

UJEREMIYA 31:31-40XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Forgiveness in the Prophets – 1

Israel and Judah went into exile, but it was only Judah who returned after 70 years from Babylon.  Those in exile needed to reconcile with those that remained in the Promised Land.  There can only be reconciliation between people when they reconcile with God.  This includes forgiveness.

The terms for the relationship with God are the same, but it would not be written on tablets of stone, but in the hearts and minds of people.

This covenant would result in a spiritual transformation of the people and is often associated with the giving of the Holy Spirit.

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-