Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 1

Ngqiyama ngoThixo.

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 8

17Nisenokuthetha nithi: ‘Obu butyebi sibufumene ngamandla nangobuchule bethu.’ 18Ngokutsho noba nilibele ukuba nguNdikhoyo uThixo wenu onithe jize ngobutyebi. Le nto ke uyenza kuba ezinzisa umnqophiso awawenzayo nooyihlo-mkhulu ngesifungo.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 8:17-18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EKAYAKOBI 4

Isilumkiso ngokuqhayisa

13Makhe ndibhekise kuni nina bathi: “Namhlanje okanye ngomso siya kuya kwidolophu ethile, sifike sihlale unyaka wonke, sirhwebe sizuze imali eninzi.” 14Nithetha nje ningayazi into eniza kuba yiyo ngomso. Nifana nje nomfa-nkungu othi uvele umzuzwana nje uphinde uphele. 15Xa nithetha yithini: “INkosi ivuma, siya kwenza le naleya.” 16Kodwa ke endaweni yokwenjenjalo nisuka nibe nekratshi, niqhayise; ibe ke ukuqhayisa yinto egwenxa. 17Phofu ke yena umntu ongayenziyo imfanelo yakhe nakuba eyazi, unetyala.

EKAYAKOBI 4:13-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 16

3Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,

yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

IZAFOBE 16:3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Simana sisiva intetho ethi, amadoda okanye amakhosikazi “akwazi ukuzenzela ngokwawo” xa kuchazwa abantu abazingca ngeetalente zabo nezinto abakwazi ukuzenza emisebenzini. IBhayibhile isifundisa ukuba akukho nto sinokuyiphumeza ngaphandle koncedo lukaThixo. Siyalunyukiswa ukuba singenzi izicwangciso ngokungathi yonke into into eza kuqhubeka ilawulwa sithi yaye singaqhayisi, sithi, yonke into siyiphumeze ngokwethu.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-