Bible Society of South Africa

An Unforgettable Journey – Day 3

Goodness

Itekisi yeBhayibhile

1 KAPETROS 3

Ukutshutshiswa ngenxa yobulungisa

8Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane. 9Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo, 10nanjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:

“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubela

makazilumle ekuthetheni kakubi,

ayeke ukuthetha ubuxoki.

11Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;

makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

12Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,

iyiphulaphule imithandazo yawo.

Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.”

13Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo? 14Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku. 15Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo. 16Kodwa loo nto ze niyenze ngobulali nangembeko, ningenasazela nganto, ukuze nokuba niyanyenjwa, abo banihlebayo badane ngenxa yendlela eniziphethe ngayo ukulandela uKrestu. 17Kaloku kungcono ukutshutshiswa ngenxa yobulungisa, xa kuyintando kaThixo oko, kunokutshutshiselwa izenzo ezibi.

1 KAPETROS 3:8-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-