Bible Society of South Africa

An Unforgettable Journey – Day 2

Forgiveness

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 32

Ukuzohlwaya nokuxolelwa

Umbongo kaDavide.

1Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,

abo bazono zabo zingcwatyiweyo.

2Ewe, unoyolo lowo athe *uNdikhoyo akabubalela kuye ubugwenxa bakhe,

umnt' ongenayo konke inkohliso.

3Ndithi ndakungasivumi isono sam,

amandla atsho andiphelele,

ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke.

4Isandla sakho sindicinezele ubusuku nemini,

ndaphelelwa ngamandla, ngathi ndigqatswe lilanga lehlobo.

5Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,

ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:

“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”

wandixolela wena ityala lam.

IINDUMISO 32:1-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 18

Umzekeliso ngesicaka esingafuni kuxolela

21Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?”

22UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.

UMATEWU 18:21-22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 1

9Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

1 KAYOHANE 1:9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 3

13Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.

KWABASEKOLOSE 3:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-