Bible Society of South Africa

40 DAYS – Time with God – Day 3

Edit your Life

by Noelene Curry

Itekisi yeBhayibhile

KWABASE-EFESE 4

22Ngoko ke silahleni isimo senu esidala. Besinilahlekisa ngeenkanuko ezingendawo ezinirhuqela ekufeni. 23Iintliziyo zenu mazihlaziyeke ngokupheleleyo. 24Thathani isimo esitsha esidalwe safuza uThixo, esizibonakalisa ngobomi obumsulwa, obungcwele, obunyanisekileyo.

25Ngoko ke musani ukuba saxoka! Elowo makathethe inyaniso nowabo,kuba xa sisonke singamalungu omzimba kaKrestu. 26Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. 27Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu. 28Umntu obekade elisela makahlukane nokuba. Ndaweni yaloo nto makasebenze enyanisekile, azixhase, abe nako nokunceda abahlelelekileyo. 29Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo. 30Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko. 31Yahlukanani nayo yonke inzondo, iphuku, nomsindo; ukuthukisa, nokunyelisa nalo lonke ulunya. 32Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.

KWABASE-EFESE 4:22-32XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Edit your life frequently and ruthlessly. It’s your masterpiece after all. Life is like a book. It has many different chapters, and one bad chapter doesn’t mean that it’s the end! There are still many blank pages that you can write on. We are given only one life to live. Why not make that life a masterpiece through frequent editing and re-evaluating?

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-