Bible Society of South Africa

40 DAYS – Time with God – Day 1

Hearing God

by Noelene Curry

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 6

Ukubizwa kukaIsaya

1Ngonyaka awasweleka ngawo ukumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli kwibhotwe layo eliphakamileyo nelizimasekileyo. Yayizithe wambu ngomnweba owawulurhululu lomwundu-wundu owalitsho lazala qhu elo pomakazi liyindlu yayo. 2Yayiphahlwe *zizithunywa ezimaphiko ngamathandathu. Ngasinye-ngasinye kuzo, isibini samaphiko sasigqume ubuso, isibini sambathise iinyawo, ukanti ke ngala mabini aseleyo sasiphaphazela. 3Zazikhwazana zixelelana zisithi:

“Hay' isidima, ayisosidima, ayisosidima *kuNdikhoyo uSomandla-onke!

Ubungangamsha bakhe bulizalisile ihlabathi jikelele!”

4Ke kaloku eso sandi samazwi azo sazitsho zazama-zama iziseko zelo pomakazi; asisathethi ke ngomsi owawulapho, kuba wawubophe kulitsili nje!

5Suka ke mna ndadanduluka ndathi: “Athi ke mna, mntu uludwayi! Kuxa bendingubani kakade ndingumfi nje! Kaloku nokuthetha kwam kuvuza ukona, ibe ke ndimi phakathi kwabantu abathi bakuthetha kurhuq' ukona. Kambe ke naxa kunjalo, uKumkani onguNdikhoyo uSomandla-onke ndimbone ngala wam amehlo!”

6Sasuka ke esinye sezo zithunywa ezimaphiko saphaphazela seza kum, siphethe ilahle elivuthayo, esasilithathe ngesibambo phaya kwiqonga leziqhumiso. 7Safika sandirheca ngalo apha emlonyeni, saza ke sathi: “Uyabona ke, likurhecile nje ngoku eli lahle, buphelisiwe ubutyala kuwe, zaye ke nezono zakho zicanyagushelwe.”

8INkosi ke yadanduluka yathi: “Yaz'ba ndiya kuthuma bani na? Ngubani ongaba sisigidimi sethu?”

Ke mna ndiphendule ndathi: “Thuma mna; ndiyaya!”

UISAYA 6:1-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

If we want to hear God’s voice speaking to us, we need to follow the example set by men and women of God. If we emulate Isaiah in our attitude and spiritual habits, we will start ‘hearing’ God speaking directly to us.

Author Oswald Chambers states, ‘God did not direct His call to Isaiah – Isaiah overheard God saying, ‘…who will go for Us?’ The call of God is not just for a select few but for everyone. Whether I hear God’s call or not depends on the condition of my ears, and exactly what I hear depends upon my spiritual attitude.’

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-