Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 9

WEEK 2 – To Google God

Itekisi yeBhayibhile

IINKOKHELI 7

7UNdikhoyo ke wathi kuGidiyon: “Uyabona ke ngoku ndiza kunihlangula ngala makhulu mathathu axhapha amanzi, ndiwanikele ezandleni zakho la maMidiyan. Amanye la amadoda makagoduke.” 8Ngoko ke uGidiyon wawagodusa amaSirayeli, ngaphandle kwalaa makhulu mathathu awawugcina umphako ngokunjalo nezigodlo ebezize namanye. Ke wona amaMidiyan ayemise kwintili esezantsi kwabo.

9Ngobo busuku ke uNdikhoyo wathetha noGidiyon wathi: “Yihla uye ekampini yamaMidiyan; ndiwanikela esandleni sakho. 10Kambe ke, ukuba uyoyika, khawuthathe isicaka sakho uPura, niye kuwakrobela. 11Uya kuthi wakuziva iincoko zawo utsho ube nesibindi, uwahlasele.”

Ngoko ke uGidiyon noPura isicaka sakhe behla baya kutsho emdeni wekampu yotshaba. 12AmaMidiyan nama-Amaleki nezizwe zasempumalanga babethe saa kuloo ntili, sebengathi libubu leenkumbi; kanti ke neenkamela zabo zaziyinyambalala engenakubalwa enjengentlabathi elunxwemeni lolwandle.

13Wafika uGidiyon xa kanye indoda ilawulela uwayo iphupha layo, isithi: “Ndiphuphe kuqengqeleka isonka serhasi; senze uqulukubhode sada saza kufika apha kulo mkhosi wethu, sabhodloza enye intente, sayibetha yasisicaba.”

14Uwayo lowo ke uthe ukuphendula: “Tyhini, mfondini; nanjani na, lowo ngumkhonto kaGidiyon unyana kaJowashe, umfo wakwaSirayeli. Loo nto ke ithetha ukuba lo mkhosi wamaMidiyan uphela uThixo uwunikela kuye.”

15UGidiyon akuliva eli phupha lalo mfo ngokunjalo nokuchazwa kwalo, wasuka wee guqaqa wanqula uThixo. Emva koko ke wabuyela kwakumaSirayeli, wafika wathi: “Qulani niye; uNdikhoyo uwunikele esandleni senu umkhosi wamaMidiyan.”

IINKOKHELI 7:7-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 8

Uthando uThixo asithanda ngalo ngoYesu Krestu

31Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa? 32Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto? 33Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? 34Ngubani onokubagweba, ethe wafa nje uKrestu, wathi ngaphezu koko wabuya wavuka, waza waya kuhlala ewongeni kwaThixo, apho asithethelela khona? 35Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na? 36Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:

“Ngenxa yakho sisesichengeni sokubulawa;

yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje.”

37Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo. 38Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, 39nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.

KWABASEROMA 8:31-39XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-