Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 37

WEEK 6 – Cultivate the right appetite

Itekisi yeBhayibhile

UNAHUM 1

7Ewe, uNdikhoyo ulungile:

ungumqolomba ngamaxesha eenkathazo;

ubakhathalele abo bathembele kuye.

8Ngeempuphuma ezikhukhulisayo uyayigubungela iNiniva,

aye kuzitshonisa ebumnyameni iintshaba zakhe.

9Nimjikeleza ngantoni uNdikhoyo?

Wosuka yena anitshabalalise;

inkathazo soze iphindelele.

10Noba sebebhijeleke okobobo,

noba sebemanzi ngokwamanxila,

bofana nomququ owomileyo,

bovutha baphele kuthi nya.

11Apho kuwe kuthe gqi umfo

owenzela uNdikhoyo ubugwenxa,

umfo ofutha inkohlakalo.

12Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Nangona bomelele beyinyambalala,

baya kunqanyulwa bathi shwaka.

Nangona ndakubandezelayo, Juda,

ngoku andiyi kuphinda.

13Idyokhwe yabo ndiza kuyaphula;

ewe, ndoyisusa entanyeni yakho,

ndiziqhawule iimbophelelo zakho.”

14UNdikhoyo umisele umyalelo ngawe, Niniva:

“Wena akuyi kuba nasizukulwana;

igama lakho aliyi kuhlwayeleka.

Ndoyitshabalalisa imifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo

apho kuloo ndlu yothixo wakho.

Sendikumbela ingcwaba,

kuba uphuthile.”

15Khawukhangele phaya ezintabeni;

nazo iinyawo zalowo uzisa iindaba ezimnandi,

lowo uvakalisa uxolo.

Xhamlani imibhiyozo yenu, maJuda;

zifezekiseni izibhambathiso zenu.

Anisayi kuphinda nihlaselwe sisikhohlakali;

sona sitshatyalaliswe kwaphela.

UNAHUM 1:7-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 4

15Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye. 16Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.

UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye. 17Xa uthando lukaThixo luyondelelene kuthi, asiyi koyika ngomhla womgwebo, kuba sohlala kweli hlabathi njengoko uKrestu wayesoloko enjalo ehlabathini. 18Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.

19Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala. 20Umntu othi uyamthanda uThixo kodwa abe emthiyile uwabo, ulixoki. Kaloku ukuba akamthandi uwabo lo ambonayo, akanako ukumthanda uThixo angamboniyo. 21Nguwo lo umyalelo esiwunikwe nguKrestu ngenkqu: Ukuba umntu uyamthanda uThixo, makamthande nowabo.

1 KAYOHANE 4:15-21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-