Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 36

WEEK 6 – Cultivate the right appetite

Itekisi yeBhayibhile

KWABASE-EFESE 6

14Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba. 15Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo. 16Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana. 17Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya. 18Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo. 19Nam ndithandazeleni, ukuze uThixo andiphe udaba xa ndithethayo, ndibe nesibindi sokuyivakalisa injongo yakhe eyayifihlakele, ndixela iindaba ezimnandi. 20Mna ndingunozakuzaku obanjiweyo ngenxa yazo. Ndithandazeleni ukuze ndithethe ngesibindi, njengoko kufuneka ndenjenjalo kakade.

KWABASE-EFESE 6:14-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 4

Iziyalo

2Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo. 3Nam nindikhumbule emthandazweni, ukuze uThixo andivulele ithuba lokushumayela, ndivakalise udaba olungoKrestu obelukade lungaziwa mntu. Ndikhonkxiwe nje kaloku yiloo nto. 4Ze nindithandazele ukuze ndiyithethe icace le mfihlelo, njengoko ndimelwe kukwenjenjalo.

5Yilumkeleni indlela eniziphatha ngayo phambi kwabo bangakholwayo, nilisebenzise kakuhle ithuba eninalo.

KWABASEKOLOSE 4:2-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-