Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 32

WEEK 5 – Mirror, mirror in God’s hand

Itekisi yeBhayibhile

UAMOS 5

USirayeli makayifune iNkosi uNdikhoyo

4Utsho ke *uNdikhoyo kwindlu kaSirayeli ukuthi:

“Quqelani kum, niphile.

5Musani ukuquqela eBhetele,

ningayi naseGiligali,

ningatyeleli eBheshebha,

kuba abantu baseGiligali baza kuthinjwa,

iBhetele ingabi nto yanto.”

6Quqelani kuNdikhoyo, niphile,

kungenjalo uya kuza evutha,

ayitshise iphele indlu kaJosefu,

kungekho nabani eBhetele ongawucimayo loo mlilo.

7Nina nigqwetha ubulungisa bube krakra njengekhala,

nibukhahlele phantsi eluthulini.

8Ulomenzi woomakroza noozilimela,

ulojik' isithokothoko sobumnyama sibe ngumsobomvu, nemini ibe yintsunguzi yobusuku,

ulovulela amanz' olwandle ankcenkceshe ngawo umhlaba,

nguNdikhoyo igama lakhe.

9Nguye umtshabalalisi wezigantsontso;

nguye umdilizi weenqaba zazo.

2 KAPETROS 3

8Ze nikhumbule le ndawo ke, zihlobo zam: umhla omnye kuThixo uyafana newaka leminyaka, newaka leminyaka lifana nomhla omnye. 9Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.

10Ke yona iMini yeNkosi iya kufika njengesela ingalindelekanga. Ngaloo mini amazulu aya kutsho ngenzwinini yengxolo, aze ke wona aphel' emehlweni. Ngokunjalo neziseko zawo ziya kutshiswa ngumlilo ziphele. Wona umhlaba nako konke okukuwo kuya kusala kuze; uya kunyamalala. 11Xa ke eli phakade liza kutshabalala kanje, ngaba kufuneka nithini nina? Kufuneka nizinikele ngokupheleleyo, niphile ubomi obunyulu. 12Kufuneka nenze unako-nako, nilangazelela ukuba ikhawuleze imini kaThixo. Ewe, loo mini iya kuwalenya ngomlilo amazulu atshabalale; ngokunjalo neziseko zawo ziya kunyibilika. 13Kambe ke thina silindele isithembiso sikaThixo, samazulu nehlabathi elitsha, apho kuya kulawula ucwangco.

2 KAPETROS 3:8-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-