Bible Society of South Africa

40 Day Adventure – Day 31

WEEK 5 – Mirror, mirror in God’s hand

Itekisi yeBhayibhile

UJOWELI 2

Imini kaNdikhoyo

28“Kothi ke emva koko ndithulule uMoya wam kulo lonke uluntu,

bashumayele oonyana neentombi zenu,

amaxhego aphuphe amaphupha,

abafana babone imibono.

29Ewe, nezicaka nezicakazana

ndiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla.

30Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni nasemhlabeni,

kube ligazi, umlilo, nentshinyela yomsi.

31Ilanga liya kujika libe bubumnyama,

inyanga ibe bomvu njengegazi,

phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu woyikekayo kaNdikhoyo.

32Kananjalo nabani na othe wabiza igama likaNdikhoyo uya kusindiswa,

kuba kaloku kwintaba iZiyon naseJerusalem kuya kubakho ukuhlangulwa,

njengoko atshiloyo uNdikhoyo –

nditsho ukuhlangulwa kwâbo babiziweyo nguNdikhoyo.”

UJOWELI 2:28-32XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAPETROS 1

Ithemba elingagungqiyo

3Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Krestu, othe ngenceba wasinika ubomi obutsha ngokuvusa uYesu Krestu ekufeni! 4Kungenxa yaloo nto ke sinethemba elingagungqiyo nje, sihleli silinde ilifa leentsikelelo asigcinele zona uThixo. Azinakubola ezo ntsikelelo, azinakonakala, azinako nokutshitsha. 5Wonilondoloza uThixo ngamandla akhe, ngenxa yokholo eninalo, kude kufike loo nkululeko beniyilungiselelwe.

6Ngenxa yaloo nto ke vuyani, naxa phofu okwangoku ninyanzelekile ukuba nibe lusizi ngenxa yeentlupheko enizithweleyo. 7Ezo ntlupheko zicikida ukholo lwenu, lucace into oluyiyo. Negolide le iyinto etshabalalayo, iyacikidwa ngomlilo. Nalo ke ukholo lwenu oluxabiseke ngaphezu kwegolide lumelwe kukucikidwa, ukuze nibe nodumo, kwakunye newonga nesidima ngemini yokufika kukaYesu Krestu. 8Anikamboni nokumbona, kodwa niyamthanda. Niyakholwa nokukholwa kuye, naxa ningekamboni nje. Senizele naluchulumacho olungenakuchazwa, 9kuba seniyibona injongo yokholo lwenu; ndixela inkululeko yenu.

1 KAPETROS 1:3-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-