Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 82

Itekisi yeBhayibhile

1 KASAMWELI 15

Imfazwe yamaSirayeli nama-Amaleki

1Ke kaloku uSamweli wabhekisa kuSawule wenjenje: “Ndim owathunywa *nguNdikhoyo ukuba ndikuthambise ube ngukumkani wabantu bakhe amaSirayeli. Phulaphula ke ngoku, uve udaba oluvela kuNdikhoyo. UNdikhoyo uThixo onamandla onke utsho ukuthi: 2‘Ama-Amaleki ndiza kuwohlwaya ngenxa yokuba ookhokho bawo bawalalela amaSirayeli xa wayevela eJiputa. 3Yiya kuwahlasela ama-Amaleki, utshayele konke okukokwawo. Ungashiyi nto; ubulale indoda, umfazi, umntwana, nkqu nosana olu lwembala; kufe zinkomo, zigusha, zinkamela, kunye nezo donki zawo.’ ”

4Wawuhlanganisela eTelayim wonke umkhosi wakhe uSawule, apho wafika wawumisa ngezintlu. Loo mkhosi wawungamakhulu amabini amawaka amajoni akwaSirayeli, kunye neshumi lamawaka lamajoni avela kwaJuda. 5Wesuka apho naloo mkhosi, waya kulalela ama-Amaleki kufuphi nesixeko sawo, ezindongeni zomfula. 6Wathi kumaKeni: “Phumani nimke phakathi kwama-Amaleki, ukuze ningachatshazelwa ligazi xa ndiwatshabalalisayo. Kaloku ookhokho benu baba novelwano kumaSirayeli ukufuduka kwawo eJiputa.” Emka ke amaKeni phakathi kwama-Amaleki.

7Wawaswantsulisa uSawule ama-Amaleki, zinqoza okoko ukusuka eHavila kuye kutsho eShure ngasempumalanga yaseJiputa. 8Wabanjwa ukumkani uAgagi, aza abulawa onke amanye ama-Amaleki. 9USawule namadoda omkhosi wakhe bamyeka abambulala ukumkani uAgagi; iinkomo neegusha ezintle abazange bazibulale kunye namathole namatakane azo. Yonke into entle bayigcina, batshabalalisa nje imigqutsuba nezinto ezingenaxabiso kuphela.

USawule uyakhiqwa ekulawuleni

10Lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuSamweli lisithi: 11“Ndiyazisola ngokumenza ukumkani uSawule lo. Selenxaxhile kum ngokungawuthobeli umyalelo wam.” Wakhathazeka kakhulu uSamweli yile nto. Wahlala ubusuku bonke ezibika kuNdikhoyo.

12Uvuke ekuseni uSamweli, waya kukhangela uSawule. Ufike kusithiwa: “USawule uye eKarmele, waza apho wamisa ilitye lesikhumbuzo sakhe, wedlula nalapho waya eGiligali.” 13Walanda ekhondweni uSamweli, wada wamfumana, uSawule wathi: “Makakuthamsanqele uNdikhoyo, Samweli! Ndiwufezile umyalelo kaNdikhoyo!”

14“Xa kunjalo, kokwantoni oku kukhala kweegusha ndikuvayo kunye nokunxakama kweenkomo?” ubuzile uSamweli.

15Uthe uSawule ukuphendula: “Zezithinjwe ngamadoda omkhosi wam kuma-Amaleki. Zonke ezinye bazitshabalalisile; bagcina nje ezona zintle, ukuze bamenzele amadini ngazo uNdikhoyo uThixo wakho.”

16“Khawume ke,” utshilo uSamweli, “ndikhe ndikuxelele ukuba utheni na kum uNdikhoyo phezolo.”

“Ndixelele,” watsho uSawule.

17USamweli wathi: “Naxa wena wawuzibona uphantsi, kodwa wenziwa intloko yezizwe zakwaSirayeli. Wathanjiswa nguNdikhoyo ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli, 18waza wakuyalela ukuba uye kutshabalalisa eziya zikhohlakali zama-Amaleki. Wakuxelela ukuba uze ulwe uwatshayele ade aphele onke kuthi tu. 19Ke kutheni ungamthobelanga nje uNdikhoyo? Wenze into embi phambi koNdikhoyo ngokungxamela ukuthatha amaxhoba.”

20“UNdikhoyo ndimthobele,” kutsho uSawule. “Ndiyile emfazweni ngokuthunywa nguye, ndambamba ukumkani uAgagi, kodwa ndawabulala onke amanye ama-Amaleki. 21Ke amajoni akazibulalanga ezona zintle iigusha neenkomo; eze nazo apha eGiligali, ukuza kwenzela uNdikhoyo uThixo wakho amadini.”

22Uqhube wenjenje uSamweli: “Ngaba yintoni emkholisayo uNdikhoyo: kukumthobela, okanye kukumenzela iminikelo namadini? Ukuthobela uNdikhoyo kubhetele kunokumenzela idini, nokuphulaphula kungcono kunamanqatha enkunzi! 23Ukumvukela uNdikhoyo nqwa nobugqwirha. Kanti nempakamo ifana nqwa nokunqula izithixo ngobubi. Ngenxa yokuba wena ulikhabile ilizwi likaNdikhoyo, naye ke uNdikhoyo uyakukhiqa ekulawuleni.”

24Uvakele selesithi uSawule kuSamweli: “Ndonile ngenene, kuba ndiphambukile kwilizwi likaNdikhoyo, ndayidela nemiyalelo yakho. Ndoyike umkhosi wam, ndenza ukuthanda kwawo. 25Ndincede undixolele isono sam, undikhaphe, ndiye kuqubuda kuNdikhoyo.”

26“Hayi, andizi kuhamba nawe. Kaloku wena ulikhabile ilizwi likaNdikhoyo, naye ke uNdikhoyo ukukhiqile ekulawuleni,” utshilo uSamweli.

27Uthe gwiqi uSamweli, eza kumshiya apho. USawule yena wamthi hlasi ngesondo lengubo, yakrazuka. 28Uthe ke uSamweli: “Namhlanje uNdikhoyo ulukrazule kuwe ulawulo lwamaSirayeli, walunika ummelwane wakho olungileyo kunawe. 29USimakade uThixo kaSirayeli akaxoki yena, yaye akaguquguquki. Kaloku akangomntu ulala neli avuke neli.”

30Waphendula uSawule wathi: “Ewe kambe, ndonile. Kodwa ke wena bonakalisa imbeko kum phambi kwezithwala-ndwe zamajoni am nangaphambi kwamaSirayeli. Ndikhaphe ndiye kuqubuda kuNdikhoyo uThixo wakho.” 31Wamkhapha ke uSamweli, waza uSawule waqubuda kuNdikhoyo.

32USamweli wathi: “Zisani uAgagi ukumkani wama-Amaleki apha kum.”

Wasiwa uAgagi kuSamweli, ehamba eziva ekhululekile emoyeni, esithi: “Hayi noko, ixhala elikrakra lokufa ligqithile.”

33Suka uSamweli wavakala esithi: “Ikrele lakho lishiye abazalikazi abaninzi bengenabantwana, nowakho ke ngoku unyoko uza kungabi namntwana.” Watsho emhlahla loo Agagi apho ngaphambi kukaNdikhoyo eGiligali.

34Emva koko uSamweli wabuyela eRama, waza yena ukumkani uSawule waya kowabo eGibheya. 35USamweli akazange abuye ambone ukumkani emva koko. Kambe ke wasoloko engcungcutheka ngenxa kaSawule. UNdikhoyo kaloku wayezisola ngokwenza kwakhe uSawule ukumkani.

1 KASAMWELI 16

UDavide wenziwa ukumkani

1*UNdikhoyo wathi kuSamweli: “Koda kube nini uzingcungcuthekisa ngenxa kaSawule? Ndimkhiqile ekulawuleni amaSirayeli. Zalisa iqhaga lakho ngamafutha omnquma, uye eBhetelehem kwaJese, kuba ndityumbe omnye koonyana bakhe ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli.”

2Ubuze wenjenje uSamweli: “Ndingathini ukuya? Angandibulala uSawule ukuyiva kwakhe loo nto!”

UNdikhoyo uthe kuSamweli: “Uze uqhube ithokazi lenkomo, uthi uye kwenza idini apho. 3Uze ufike umeme uJese eze kwelo dini. Mna ke ndokuxelela into omawuyenze, ndikubonise nomntu omawumthambise abe ngukumkani.”

4USamweli wenjenjeya ukusinga eBhetelehem, ethunywe nguNdikhoyo. Wahlangatyezwa ngamadoda amakhulu edolophu, egubha kukoyika. Ambuza esithi: “Ngaba uze ngoxolo?”

5Uthe ukuphendula uSamweli: “Kunjalo kanye; ndize ngoxolo. Ndize kwenzela uNdikhoyo idini. Zihlambululeni, nize nani, sinyuse idini.” Waza uJese noonyana bakhe wabahlambulula, wabamema nabo ukuba beze edinini.

6Bakuba bezile edinini apho, wathi uSamweli akubona uEliyabhi unyana kaJese, wathetha yedwa esithi: “Inene, nanku umthanjiswa kaNdikhoyo emi phambi kwakhe.”

7Kodwa uNdikhoyo wathi kuSamweli: “Musa ukujonga ubunzwana bakhe nesithomo sakhe. Asinguye endimfunayo. Kaloku mna Ndikhoyo andijongi okujongwa ngabantu. Abantu bakhangela umfaneleko; mna Ndikhoyo ndikhangela ngaphakathi entliziyweni.”

8UJese ubize omnye unyana wakhe, uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamweli. USamweli wathi: “Hayi bo, nalo akafunwa nguNdikhoyo!” 9Kugqithiswe uShama, wathi uSamweli: “Naye lo akafunwa nguNdikhoyo.” 10Bada bosixhenxe oonyana bakaJese bagqithiswa phambi koSamweli, yena emana esithi: “Hayi, akatyunjwanga nguNdikhoyo.”

11USamweli ubuzile kuJese: “Akunanyana bambi na?”

Uthe uJese: “Ewe, ukho untondo; phofu usendle; walusa iigusha.”

USamweli wathi: “Makaye kubizwa.” Watsho esithi: “Asizi kutya ade afike.”

12Ke uJese wathumela, waza waphuthunywa. Ebusweni ebekhangeleka esegazini, enamehlo abukhali, eyinzwana yomfo.

UNdikhoyo ke wathi kuSamweli: “Nguye ke lowo, mthambise!”

13Wathatha elo qhaga lamafutha omnquma wayeliphethe uSamweli, wathambisa ngawo uDavide, abakhuluwa bakhe bejongile. Ukusukela ngaloo mini uDavide wangenwa ngamandla nguMoya kaNdikhoyo. Emva koko ke uSamweli yena wabuyela eRama.

UDavide usebhotwe kwaSawule

14Ke kaloku uSawule washiywa nguMoya *kaNdikhoyo, waza waphathwa ngumoya okhohlakeleyo, uvunyelwe nguNdikhoyo. 15Izicaka zakhe zathi kuye: “Uyabona, umoya ongalunganga ovunyelwe nguThixo uyakuthuthumbisa. 16Ke, mhlekazi, yithi masikufunele umntu okwaziyo ukubetha uhadi; kuze kuthi xa ufikelwa ngulo moya mbi akudlalele uhadi, ubuye udlamke.”

17Wathi uSawule: “Mfuneni loo mntu udlala kakuhle, nize naye kum.”

18Sathi esinye isicaka: “UJese waseBhetelehem unonyana oyincutshe yengoma. Kanti ukwaligorha lomfana oziqhelileyo iimfazwe. Uliciko lokuthetha, ekwayinzwana, kwaye uNdikhoyo unaye.”

19USawule wathumela izigidimi eBhetelehem kuJese, wathi: “Ndithumele unyana wakho uDavide owalusa iigusha.” 20UJese ke wamthumela uDavide kwaSawule, eqhuba itakane lebhokhwe, kunye nedonki ekulayishwe kuyo izonka nemvaba yewayini. 21Waya kufika kwaSawule uDavide, waba sisicaka apho. Wathandwa kakhulu nguSawule uDavide, wada wenziwa umfana wokuphatha izikrweqe zikakumkani. 22Ke kaloku uSawule wathumela umyalezo kuJese othi: “Ndiyakholwa nguDavide. Selumyeka asebenze apha komkhulu.” 23Ke uDavide waba soloko ethatha uhadi adlalele uSawule ingoma ngalo lonke ixesha afikelwa nguloo moya mbi uvunyelwe nguThixo, afumane isiqabu, adlamke uSawule, angabi sakhathazwa nguloo moya.

1 KASAMWELI 17

UGoliyati ucel' umngeni kumaSirayeli

1Laxubayela, amabutho amaFilistiya aqokelelana eSoko, idolophu eyayikwaJuda. Ikampu yawo ayimisa kwindawo ekuthiwa yiEfese-damin, phakathi kweSoko neAzeka. 2USawule namajoni amaSirayeli aya kudibanela entlanjeni ekuthiwa yeyom-oki, ayimisa apho eyawo ikampu, ema ngokwezintlu zawo, alungela idabi namaFilistiya. 3AmaFilistiya ema endulini, amaSirayeli ema kwenye, kukho intlambo phakathi kwemikhosi yawo.

4Kwavela umfo othile oyintshatsheli ogama linguGoliyati, wedolophu yaseGati, esuka kwikampu yamaFilistiya. Wayephantse ukuba ziimitha ezintathu ubude, 5egaxele isikhuselo esenziwe ngobhedu, esasimalunga namashumi amahlanu eekhilogram ubunzima, ethwele umnqwazi wobhedu. 6Imilenze nayo yayikwakhuselwe ngobhedu, exwaye intshuntshe yobhedu. 7Umkhonto wawungangesibonda, ubutsolo bawo obenziwe ngentsimbi bumalunga nesixhenxe seekhilogram ubunzima. Wayenomfo othwala ikhaka lakhe ehamba ngaphambi kwakhe.

8UGoliyati wema bhuxe, wakhwaza ebhekisa kwizintlu zamaSirayeli, wathi: “Wa, zicakandini zikaSawule, nenzani apho? Makuliwe! NdingumFilistiya mna; mayiphume ngapha ibe nye, sigagane. 9Ukuba indoyisile yandibulala, soba zizicaka zenu thina. Xa indim owoyisileyo, nina noba zizicaka zethu. 10Ndim lo, ndinibeka ehlazweni, maSirayeli. Khuphani indoda ibe nye, sihlangane!” 11Boyika, bagubha ooSawule namadoda omkhosi wakhe, bakuyiva into ethethwa nguloo mFilistiya.

UDavide uya emkhosini kaSawule

12UDavide wayengunyana kaJese umEfrata waseBhetelehem kwaJuda. UJese wayenoonyana abasibhozo. Wayeselemdala kakhulu ngexesha ekwakulawula uSawule. 13Oonyana bakhe abakhulu abathathu baya emfazweni kunye nomkhosi kaSawule. Omkhulu yayinguEliyabhi, kuze uAbhinadabhi, kulandele uShama. 14UDavide yena wayenguntondo. Lo gama abakhuluwa bakhe babenoSawule, 15yena uDavide wayedla ngokuthi ekwaSawule abe emana egoduka aye eBhetelehem, esiya kwalusa iigusha zikayise.

16Yaba ngamashumi amane eentsuku uGoliyati mihla le ecela umngeni kumaSirayeli kusasa nangokuhlwa.

17UJese wathuma unyana wakhe uDavide, wathi: “Hamba nale ngqolowa igcadiweyo, ishumi leekhilogram, neli shumi lezonka, ukhawuleze uzise kubantakwenu emkhosini, 18uphathele umphathi-butho nala maqebengwana alishumi etshizi, usivele ukuba basaphila na abantakwenu. Uze ube nento oza nayo, eyoba bubungqina bokuba basaphila. 19Ukumkani Sawule nabantakwenu, kunye nomkhosi wonke wamaSirayeli, nabaya kulaa ntili yom-oki, besilwa namaFilistiya.”

20Wavuka ekuseni uDavide ngengomso, wayishiya nomnye umalusi impahla. Waya kulanda ukutya awayekuthunyiwe nguJese uyise, wanduluka. Ufike ekampini yomkhosi xa kanye amaSirayeli alungiselela idabi, ehlaba intlaba-mkhosi yawo. 21AmaSirayeli namaFilistiya amisa izintlu, agolozelana. 22Oko kutya wayekuphethe uDavide wakushiya kumgcini-mithwalo, wagqotsa ukuya apho kuza kuliwa khona. Akufika wabulisa abantakwabo. 23Esathetha nabo njalo, wavakala umFilistiya uGoliyati intshatsheli yaseGati, ephinda esezolo, ewahlazisa amaSirayeli. Wayiva loo nto ke uDavide. 24Ahlehla amaSirayeli akubona uGoliyati, agubha luloyiko. 25AmaSirayeli avakala esithi: “Yoo! Nimbonile laa mfo? Niyivile into ayithethayo? Akasidelanga na? Ukumkani uSawule uthe indoda embuleleyo uya kuyinika omkhulu wona umvuzo. Nangaphezu koko uya kumtshatisa nentombi kakumkani, ungàrhafiswa nomzi kayise.”

26UDavide wabuzisa kumadoda awayemi ngakuye, wathi: “Nithi uya kwenzelwa ntoni umntu obulele laa mFilistiya, awakhuphe kweli hlazo amaSirayeli? Ingubani kakade yona laa ntlanga ingalukanga yomFilistiya idela umkhosi kaThixo ophilayo?” 27Bamxelela yonke into eya kwenzelwa umntu onokuthi abulale uGoliyati.

28Umkhuluwa kaDavide uEliyabhi wamvela uDavide ethetha naloo madoda. Wacaphuka, wathi kuDavide: “Uzokwenza ntoni apha, kwedini? Laluswa ngubani na elaa gcuntswana leegusha entlango ulapha nje? Ntondini inekratshi ikhohlakeleyo, uzele nje ukuza kubukela idabi wena!”

29“Kowu! Sendenze ntoni ngoku? Uthetha ukuba andinakuba sabuza nokubuza oku?” kutsho uDavide. 30Watsho eguqukela komnye umfo, ebuza kwaloo mbuzo mnye. Ufumene kwaloo mpendulo ikwafanayo.

1 KASAMWELI 15:1-17:30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-