Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 81

Itekisi yeBhayibhile

1 KASAMWELI 12

Amazwi kaSamweli okuzibeka phantsi iintambo

1Wasuka ke uSamweli, wabhekisa kumaSirayeli ephela, wenjenje: “Niyabona, into ebeniyicelile kum ndiyenzile, ndammisela ukumkani wenu. 2Nanku; uza kunilawula. Mna sendaluphele ndaba yingwevu. Noonyana bam naba phakathi kwenu. Ndanikhokela ndisemtsha kude kuze kuthi gaa apha. 3Ndim lo ke, ndithi ukuba ndakha ndanona ndimangaleleni ngoku apha phambi *koNdikhoyo naphambi komthanjiswa wakhe ukumkani. Ndakha ndahlutha bani inkabi yakhe yenkomo okanye idonki? Ndakha ndacinezela bani na; ingubani endakha ndamngcungcuthekisa? Ngubani owakha wandinyoba ukundivala umlomo? Ukuba ndakha ndayenza into enjalo, ndiya kuyenza imbuyekezo.”

4Wahlokoma umzi wathi: “Akuzange wasicinezela nanini, ungazange wangcungcuthekisa bani nakanye; yaye akuzange wathatha nto mntwini.”

5Wathi ke uSamweli: “UNdikhoyo nomthanjiswa wakhe ukumkani ngamangqina am ke ukuba kutsho nina ukuthi ndimsulwa.”

“Ewe,” kutsho abantu, “nguNdikhoyo ingqina lethu.”

6Uqhube wenjenje uSamweli: “Ingqina nguNdikhoyo lo watyumba uMosis noAron, waza wabakhupha ooyihlo-mkhulu eJiputa. 7Sondelani ke, ndiniyale phambi koNdikhoyo ngokunikhumbuza ngemisebenzi yobulungisa ayenzele nina nooyihlo.

8“Kwathi akuba seJiputa uYakobi nomzi wakhe, bazibika kuNdikhoyo, yena wathumela uMosis noAron ababakhuphayo eJiputa, beza kuma kulo mhlaba. 9Bathi bakuba lapha abantu bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo. Yena ke ngoko wabanikela esandleni sikaSisera umphathi womkhosi waseHazore, nakumaFilistiya, nakukumkani wakwaMowabhi, – zintshaba zabo ezo ezabahlaselayo. 10Babuya bazibika kuNdikhoyo, besithi: ‘Ewe, sonile, kuba sikufulathele, Ndikhoyo, sanqula ooBhali nooAshtaroti. Sihlangule kwiintshaba zethu; sokhonza wena!’ 11UNdikhoyo ke wathumela uGidiyon, noBharaki, noJefta, waza wagqibela ngam. Wanihlangula kwiintshaba zenu macala onke, nahlala ngenzolo. 12Kodwa nithe nakuqonda ukuba ukumkani uNahashe wama-Amon ufuna ukunihlasela, neza kum, nathi: ‘Sifuna ukumkani wethu,’ naxa uNdikhoyo uThixo wenu engukumkani wenu.”

13Utyatyadule wathi uSamweli: “Nanku ke ukumkani enimkhethileyo. Ufunwe nini ke; uNdikhoyo uyanikhululela ke ngoku. 14Kuya kuba hele, kube chosi, ukuba nje uNdikhoyo uThixo wenu niyamhlonela, nimkhonze, nimphulaphule, ningaphikisani nomyalelo wakhe, koko nimlandele nikunye nokumkani wenu onilawulayo. 15Kodwa ukuba animva uNdikhoyo, niphikisane nomyalelo wakhe, wonichasa njengoko wenjenjalo kooyihlo-mkhulu.

16“Ngoku ke, yimani ngxishi, khon' ukuze nikubone oko kukhulu aza kukwenza uNdikhoyo. 17Naxa ilixesha lokuvuna ingqolowa eli, ndiza kutsho kuNdikhoyo ahlise imvula neendudumo. Niya kuqonda ke ukuba imbi kuNdikhoyo le nto yokufuna kwenu ukumkani.”

18Wathandaza wabhekisa kuNdikhoyo ke uSamweli, kwaza kwangaloo mini kwafika iindudumo kunye nemvula, zithunyelwe nguNdikhoyo. Abantu ke ngoko bamoyika uNdikhoyo ngokunjalo noSamweli. 19Bonke bathi kuSamweli: “Sithandazele kuNdikhoyo uThixo wakho, singafi, thina zicaka zakho. Kuzo zonke izono zethu ebesikade sizenza songeze nobu bubi bokuzicelela ukumkani.”

20USamweli wathi: “Ze ningoyiki! Ewe kambe, naxa nenze bonke obu bubi, nize ningaphambuki nimke kuNdikhoyo, koko nize nimkhonze ngomxhelo uphela. 21Nize ningarhorhozeli emva *koothixo abangento. Abanako ukuninceda, bengenako ukunihlangula. Kaloku bona zizinto ezingento nje. 22Ngenxa yegama lakhe elikhulu uNdikhoyo akayi kubalahla abantu bakhe, kuba kwakholeka kuye ukunenza abantu bakhe ncakasana. 23Mna okokwam andingekhe ndimone uNdikhoyo ngokuyekelela ukunithandazela. Ndizimisele ukunifundisa ukuhamba indlela ethe mbo. 24Kodwa uNdikhoyo nize nimthobele nimkhonze ninyanisekile ngomxhelo uphela. Kaloku nizibonile ukuba zinkulu kwazo izinto anenzele zona. 25Kambe ke, ukuba niqhubela phambili ukwenza ububi, uya kunitshabalalisa kunye naloo kumkani wenu.”

1 KASAMWELI 13

USamweli ukhalala uSawule

1Akuba nonyaka ukuya kwiminyaka emibini elawula kwaSirayeli 2uSawule wakhetha amawaka amathathu amadoda akwaSirayeli. Amawaka amabini asala naye eMikimashe naseBhetele kweleentaba. Elinye iwaka walithumela eGibheya kummandla wakwaBhenjamin kunye noJonatan. Amanye amadoda wathi makagoduke.

3UJonatan wahlasela ikampana yamaFilistiya eyayiseGebha. Yaduma kwelamaFilistiya into yokuba amaSirayeli avus' umnyele. USawule wathumela izigidimi ukuba zihambe zibeth' izigodlo kulo lonke, zithi: “Bekan' iindlebe, maHebhere!” 4Weva ke uSirayeli ephela, kusithiwa: “USawule uyihlasele ikampana yamaFilistiya, asuka amaSirayeli aba lizothe kumaFilistiya.” Amadoda akwaSirayeli abizelwa kuSawule eGiligali.

5AmaFilistiya aqokelela umkhosi wokulwa namaSirayeli. Yaba ngamashumi amathathu amawaka eenqwelo zokulwa, namawaka amathandathu amadoda akhwele kuzo, nenyambalala yamajoni. Enjenjeya ukuya kumisa ikampu yawo eMikimashe ngasempumalanga yeBhetaven. 6Athi amadoda akwaSirayeli akubona ukuba mbi kwemeko yawo, nokuxinwa komkhosi wawo, asuka aya kuziqhusheka emiqolombeni nasezihlahleni, ezixhotyeni zamawa, emihadini, nasemaquleni. 7Amanye amaHebhere awelela ngaphesheya kweJordan kwimimandla yakwaGadi naseGiliyadi.

Wasala eGiligali yena uSawule, esankwantya luloyiko amadoda awayesele naye. 8Walinda iintsuku zasixhenxe, njengoko wayeyalelwe nguSamweli. Akafika yena uSamweli eGiligali. Amadoda kaSawule aya echithakala, 9waza ke wathi: “Sondezani kum izinto zokwenza amadini atshiswayo namadini obudlelane.” Zithe zakusiwa, wanikela idini elitshiswayo. 10Kuthe kanye xa agqibezelayo, wagaleleka uSamweli. USawule waya kumhlangabeza, ethakazela. 11Wasuka uSamweli wabuza wathi: “Yintoni le uyenzileyo, Sawule?”

Uphendule ngelithi uSawule: “Hayi, ndithe ndakubona amadoda echithakala, nawe ungafiki ngexesha obuthe uya kufika ngalo, namaFilistiya eqokelelana eMikimashe, 12ndaqonda ukuba la maFilistiya ngahle asihlasele apha eGiligali singekabhekisi *kuNdikhoyo. Ndeva ndinyanzelekile ke ukuba ndinikele idini elitshiswayo kuNdikhoyo.”

13“Wenze ubudenge ke khona!” kutsho uSamweli. “Uwutyeshele umyalelo kaNdikhoyo uThixo wakho. Ukuba ubumthobele uNdikhoyo ubukumkani bakho kwaSirayeli bebuya kuma bumi. 14Kodwa ke ngoku luza kunqamka ulawulo lwakho, kuba uwutyeshele kaloku umyalelo kaNdikhoyo. UNdikhoyo uzityumbele enye indoda esenyongweni yakhe ukuba ibalawule abantu bakhe.

15USamweli wesuka eGiligali waya eGibheya kummandla wakwaBhenjamin. USawule wawabala amadoda asele naye, wafumana ukuba amalunga namakhulu amathandathu.

AmaSirayeli aswele izikhali

16USawule nonyana wakhe uJonatan kunye nomkhosi wabo babemise eGebha kummandla wamaBhenjamin. Wona amaFilistiya amisa eMikimashe. 17Umkhosi wamaFilistiya wakhupha amahlelo amathathu. Elinye ihlelo laphuma laya ngaseOfra kummandla waseShuwali, 18elinye laya ngaseBhete-horon, elesithathu labheka kwimida ejongene nentili iZebhoyim ngasentlango.

19KwaSirayeli kwakungekho bakhandi, kuba amaFilistiya athi: “AmaHebhere osuka enze amakrele nemikhonto.” 20Kwakufuneka amaSirayeli aye kumaFilistiya xa afuna ukulolelwa amakhuba namagaba, amazembe kunye neerhengqa zawo. 21Kwakuhlawulwa iqhosha lemali ngokulola izembe nangokulungisa incula, abe mabini xa kulolwa isikali sekhuba okanye kubazwa iimviko. 22Ke ngoko ngomhla wedabi kwakungekho nanye indoda kwaSirayeli eyayinekrele okanye umkhonto, ngaphandle nje kukaSawule nonyana wakhe uJonatan.

Ubugorha bukaJonatan

23AmaFilistiya athumela igqiza lomkhosi wawo ukuya kuvala ingxingwa yaseMikimashe.

1 KASAMWELI 14

1Ngamhla uthile uJonatan unyana kaSawule wavakala esithi kumfana omphathela izikrweqe: “Masikhe siwelele ngaphesheya phaya kulaa kampana yamaFilistiya.” Phofu akayithethanga kuyise le nto uJonatan. 2USawule wayemise eMigron, phantsi komthi werharnati, kude kufuphi naseGibheya. Umkhosi wakhe wawungamadoda amalunga namakhulu amathandathu. 3*Isidanga sasiphathwa ngumbingeleli uAhiya unyana ka-Ahitubhi, umntakwabo-Ikabhodi, oonyana bakaPineyasi, abazukulwana bakaEli owayengumbingeleli *kaNdikhoyo eShilo. Akazanga akuqaphele ukumka kukaJonatan nkqu namadoda omkhosi kaSawule.

4Kuloo ngxingwa yaseMikimashe, le wayeza kuphumelela kuyo uJonatan xa awelela kwikampana yamaFilistiya, kwakukho amawa amabini, eziingqajolo, ephahle loo ngxingwa. Kwakusithiwa nguBhozeze elinye ukubizwa kwalo, elinye kusithiwa nguSene. 5Elinye lalikwicala langasentla, lijonge eMikimashe, elinye lingasezantsi, lijonge eGebha.

6Ubuye wathi uJonatan kuloo mfana umphathela izikrweqe: “Masiwelele kulaa kampana yeziya ntlanga zingalukiyo. Mhlawumbi angakwicala lethu uNdikhoyo. Akukho nto inokumthintela uNdikhoyo ukuba angahlanguli, nditsho nokuba sibaninzi, nokuba simbalwa.”

7“Yenza ngokubona kwakho. Mna ndikwelo ulithethayo, naliphi na,” utshilo umfana.

8“Kulungile ke,” kutsho uJonatan. “Masiwele siye kuwo amaFilistiya, aze asibone. 9Xa athe: ‘Yimani side size kuni,’ siya kuma kuloo ndawo sikuyo, singayi kuwo. 10Kodwa ke xa athe: ‘Nyukani nize kuthi,’ siya kunyuka, kuba lowo ngumqondiso wokuba uNdikhoyo uwanikele esandleni sethu.”

11Baziveza ke kwikampana yamaFilistiya, aza wona akubabona athi: “Tyhini, nangaya amaSirayeli ephuma kulaa mihadi ebezimele kuyo!” 12Atsho akhweba uJonatan kunye nalaa mfana umphathela izikrweqe, esithi: “Yizan' apha, sinifundise isifundo!”

Uthe uJonatan kuloo mfana: “Ndilandele sinyuke; uNdikhoyo uwanikele esandleni samaSirayeli.” 13UJonatan wenyuka iliwa ekhasa, elandelwa nguloo mfana, baya kuphumela. Wawahlasela amaFilistiya uJonatan, kujuba ugodo nje, umfana egqibezela awileyo. 14Kolu hlaselo lokuqala kwabulawa malunga namashumi amabini kwindawo engangomhlathi ubukhulu bayo. 15Wadideka luloyiko wonke umkhosi wamaFilistiya, nditsho lowo usekampini, nalowo usemathafeni, nalowo ukwiikampana, nalowo ukumahlelo ahlaselayo. Bacela kwabasicatyana, watsho wanyikima umhlaba. Yayingumsebenzi kaThixo ke lo.

Ukoyiswa kwamaFilistiya

16Amadoda omkhosi kaSawule awayegade eGibheya kummandla wakwaBhenjamin, abona kuphithizela, amaFilistiya ethwangazela, ebaleka. 17Kweso sithuba uSawule ubhekise kumadoda esithi: “Khanibale amadoda akhoyo, nikhangele ukuba ngawaphi na angekhoyo.” Kwakwenziwa njalo kwacaca ukuba nguJonatan nomfana omphathela izikrweqe abangekhoyo.

18USawule ubize umbingeleli uAbhiya, esithi: “Yiza netyesi kaThixo.” (Ngelo xesha yayikho kunye namaSirayeli.) 19Lo gama uSawule esathetha nombingeleli, saya sikhula sona isiphithi-phithi phaya kwikampu yamaFilistiya. Waselesithi ke uSawule kumbingeleli: “Khawuyeke!” 20Waza uSawule wawuhlanganisa umkhosi wakhe, bawahlasela amaFilistiya. Kwakusisiphithi-phithi, amaFilistiya ethe thwanga, esilwa odwa. 21Amanye amaHebhere awayengakwicala lamaFilistiya, awayefudula ehlala nawo ekampini yawo, ajika angenela ngakuSawule noJonatan. 22Amanye awayebhacele kweleentaba lakwaEfrayim, athi akuva ukuba amaFilistiya ayaswantsuliswa, abuya angenela, asukelisa. 23Idabi laya kutsho ngaphaya kweBhetaven. UNdikhoyo wayemhlangula uSirayeli ngaloo mini.

UJonatan nobusi

24Ngaloo mini amaSirayeli ayesengxakini. Kaloku uSawule wenza isifungo esibophelela abantu, wathi: “Inene, ndithi nabani na namhlanje okhe wasa nantoni na phantsi kwempumlo ndingeka-ziphindezeli kwiintshaba zam uqalekisiwe.” Ngoko ke akuzange kubekho mntu utyayo ngaloo mini.

25Umkhosi wonke waya kufika kwindawo enehlathi. Apho ehlathini babubuninzi ubusi. 26Bakungena ehlathini babona ubusi butsitsa, kodwa akubangakho bani ukhongozelayo atye; kaloku bonke babesoyika isiqalekiso sikaSawule.

27UJonatan yena wayengasivanga isifungo sikayise esibophelela abantu. Wahlaba ngentonga awayeyiphethe enqatheni lobusi, yabuya imanzi, wafaka emlonyeni, kwatsho kwee qabu kwangoko. 28Elinye ijoni lathi: “Uyihlo uwubophelele wonke umkhosi ngesifungo esingqongqo, esithi: ‘Uqalekisiwe nabani na oya kuthi atye namhlanje.’ Yiloo nto amadoda ephelelwe ngamandla nje.”

29UJonatan akuyiva loo nto, wathi: “Ubawo ulifake enkathazweni ilizwe! Ndiziva ndidlamkile ngoku, ndakuba ndikhe ndangcamla intwana yobusi. 30Ngekukuhle kakhulu ukuba amawethu la ebeyekiwe akutya okuya kutya kuthinjwe kwiintshaba zethu. AmaFilistiya afileyo nge-engaphezulu koku.”

31Ngaloo mhla emva kokuba amaSirayeli ewatyakatyile amaFilistiya ukusuka eMikimashe kuse eAyalon, aziva ephelile kukudinwa. 32Asuka awatsibela amaxhoba, abamba iigusha, iinkomo, namathole, azixhela kwalapho, ayitya loo nyama isenegazi. 33Kwabakho abaya kuxelela uSawule, besithi: “Mhlekazi, nangaya amadoda esenza isono kuNdikhoyo ngokutya inyama enegazi.”

“Nikreqile!” wavakala esitsho uSawule. “Makuqengqwe ilitye elikhulu, liziswe apha, 34niye phaya kulawa madoda, nithi ndithi makeze nezo nkomo neegusha zawo, azixhele apha, azitye, angenzi sono kuNdikhoyo ngokutya inyama enegazi.” Beza nazo ke ezo nkomo, bazixhela apho ngokuhlwa kwaloo mini. 35USawule ke wamakhela iqonga uNdikhoyo. Wayeqala ukwenza oko.

36Wavakala esithi kumadoda omkhosi wakhe uSawule: “Masiwahlasele amaFilistiya ngobu busuku, siwahluthe amaxhoba kude kuvele umsobomvu, siwabulale onke.”

Aphendula amadoda athi: “Qhuba ngokubona kwakho, mhlekazi.”

Kuselapho kunqande umbingeleli, wathi: “Masive kuThixo kuqala.”

37USawule wabuza kuThixo esithi: “Ndingawahlasela kusini na amaFilistiya? Xa siwahlasele, uya kuwanikela esandleni sethu na?” Kodwa ngaloo mini akaphendulanga uThixo.

38Kwesi sithuba uSawule ubhekise kwiingqwayi-ngqwayi zomkhosi, wathi: “Sondelani nonke, niphande ukuba sono sini na esenziwe kuNdikhoyo namhlanje. 39Ndifunga uNdikhoyo ophilayo, lo ungumhlanguli kaSirayeli, ukuba loo mntu wenze lo monakalo uya kufa, nditsho nokuba nguJonatan unyana wam.” Kwathi nzwanga!

40Uthe uSawule kumkhosi wakhe uphela: “Kulungile ke, yimani kweliya cala nonke; mna noJonatan siza kuma kweli.”

“Yenza ngokubona kwakho, mhlekazi,” yatsho impendulo.

41USawule ke wabhekisa kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli, wathi: “Nceda undinike impendulo enyanisekileyo.”

Kwafika impendulo, isalatha ityala kuJonatan kunye noSawule, umkhosi wona ungenatyala. 42Uqhube wenjenje uSawule: “Yalatha onetyala phakathi kwam nonyana wam uJonatan.” Kwalathwa uJonatan.

43Ubuze uJonatan uSawule esithi: “Ndixelele, wenze sono sini?”

UJonatan uphendule wathi: “Ndingcamle nje intwana yobusi ngomva wentonga yam. Ngaba mandifele loo nto?”

44USawule uthe: “UThixo aze andigwebe mna lo ukuba andikubulali wena.”

45Basuka abantu bathi: “NguJonatan lo uza kubulawa? Asinguye lo uzisele uSirayeli uloyiso olungaka? Unotshe! Sifunga uThixo ophilayo, akayi kuthiwa cha nto. Kuyo yonke into abeyenza namhlanje ubencedwa nguThixo.” Baba ke abantu bayamsindisa ekufeni uJonatan ngaloo ndlela.

46Akabanga sawasukela amaFilistiya emva koko uSawule, asuka abuyela elizweni lawo.

Ulawulo nomlibo kaSawule

47USawule ekubeni engene ezintanjeni zokulawula, wazilwa iintshaba zamaSirayeli kwiindawo ngeendawo. Walwa namaMowabhi, ama-Amon, kunye namaEdom, kwakunye neekumkani zaseZobha, namaFilistiya. Wayetshatshela konke apho aya khona edabini. 48Wayesilwa ngokukhalipha, wachitha nkqu nama-Amaleki. Wawahlangula amaSirayeli ekuhlaselweni ziintshaba zawo.

49Nanga amagama oonyana bakaSawule: nguJonatan, noIshvi, kunye noMalkishuwa. Ezintombini enkulu yayinguMerabhi, encinci inguMikali. 50Igama lomkakhe yayinguAyinowam, intombi ka-Ahimazi. Umkhosi wakhe wawuphantsi komntakwabo uAbhinere, unyana kaNere uyisekazi. 51UKishe uyise kaSawule kunye noNere uyise ka-Abhinere babengoonyana baka-Abhiyeli.

52Wahlala esilwa ngamandla namaFilistiya uSawule bonke ubomi bakhe. Wayedla ngokufaka emkhosini wakhe yonke indoda eyomeleleyo nelikhalipha.

1 KASAMWELI 12:1-14:52XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-