Bible Reading Plan – Day 8

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 26

UIsake ufudukela eGerare

1Kwafika indlala kwelo zwe, ngaphandle kwaleya yakhe yabakho ngexesha lika-Abraham. UIsake ke waya kuAbhimeleki, ukumkani wamaFilistiya, owayemi eGerare. 2*UNdikhoyo wavela ephupheni kuIsake esithi: “Uze ungayi eJiputa; yima kumhlaba endithi hlala kuwo. 3Uze uhlale apha; ndoba nawe, ndikuthamsanqelise. Lo wona umhlaba uza kuwuma nenzala yakho. Isifungo endasenza kuyihlo ndiza kusifezekisa. 4Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho. 5Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.”

6Wema apho eGerare ke uIsake. 7Wayesithi akubuzwa ngomkakhe ngamadoda alapho, athi ngudade wabo. Wayesoyika ukuthi uRabheka ngumkakhe, hleze ambulale athathe uRabheka, kuba wayemhle kakhulu. 8Wayeselenethuba elide elapho uIsake. Ngamhla uthile uAbhimeleki wabona uIsake ngefestile esanga uRabheka. 9UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi: “Ingumkakho nje lo, kutheni le nto uhamba usithi ngudade wenu?”

Uthe uIsake: “Ndoyika ukubulawa ngenxa yakhe.”

10Uthe uAbhimeleki: “Imbi le nto uyenzileyo. Enye indoda ibisenokulala nomkakho, loo nto ke isifake etyaleni.” 11Wabayala ke bonke abantu uAbhimeleki ukuba bangabakhathazi ooIsake nomkakhe, esithi owenjenjalo wobulawa.

12UIsake walima amasimi akhe ngaloo nyaka, isivuno sakhe saba sikhulu ngokuphinda-phindeneyo, kuba kaloku uNdikhoyo wayemthamsanqelisa. 13Waya ehluma wada wasisinhanha somfo. 14AmaFilistiya ammonela ngenxa yemihlambi awayenayo yeegusha neenkomo, nezicaka ezininzi. 15Asuka ayidiba yonke imithombo eyembiwa zizicaka zikayise uAbraham.

16UAbhimeleki weza kuIsake, wathi makemke kwilizwe labo, kuba wayebaluleke ngaphezu kwabo. 17Wemka ke uIsake, waya kumisa umzi wakhe kuloo ntlambo yaseGerare. Wakha wathi vu apho okwexeshana.

18Wabuya wayimba imithombo eyayimbiwe nguyise, kwaleya ayidibayo amaFilistiya akuba efile uAbraham. Wayibiza kwangalaa magama yayibizwa ngawo nguyise.

19Izicaka zikaIsake zemba kuloo ntlambo, zafumana iliso lomthombo. 20Abelusi baseGerare baxambulisana nabakaIsake, bebanga loo mthombo, besithi ngowabo. UIsake wawuthiya igama loo mthombo esithi yiMbambano, kuba kwabakho imbambano ngawo.

21Wemba omnye umthombo uIsake, kwaza kwaxanjuliswana nangawo. Wathi igama lalowo buButshaba.

22Wemka apho, wemba omnye umthombo kwenye indawo ephangaleleyo. Akubangakho mbambano ngalowo, uthe ke ukuwubiza nguPhangalele. Wathi: “Ngoku uNdikhoyo usinike indawo ephangaleleyo. Siza kuba nenkqubela apha.”

23Wanduluka nalapho uIsake, wasinga eBheshebha. 24UNdikhoyo wavela kuye emathongweni ngobo busuku, wathi: “Mna ndinguThixo kayihlo uAbraham. Uzungoyiki, kuba ndinawe. Ndiza kukuthamsanqela, ndikuphe inzala eninzi, kuba ndandimthembisile uyihlo, uAbraham isicaka sam.” 25Wenza iqonga lamadini kuloo ndawo uIsake, wanqula uNdikhoyo khona. Wemisa umzi apho, wemba omnye umthombo.

Imvumelwano kaIsake noAbhimeleki

26UAbhimeleki weza evela eGerare, ehamba kunye noAwuzati, iphakathi lakhe, kunye noPikoli, umphathi-mkhosi, behambele uIsake. 27Wabuza ke uIsake wathi: “Ngaba nindihambele ngantoni ngoku, nakuba benindiphethe kakubi ndada ndalishiya ilizwe lenu?”

28Bathe: “Siyaqonda ngoku ukuba *uNdikhoyo unawe. Saye ke sicinga ukuba kufuneka kukho isibhambathiso esisenzayo nawe. Sifuna ufunge 29ukuba akuyi kusenza nto, njengoko nathi singekhe sikwenze nto imbi. Kucacile kuthi ngoku ukuba wena uyathamsanqeliswa nguNdikhoyo.” 30UIsake wabenzela isidlo, kwatyiwa, kwaselwa. 31Ngengomso bavuka kwakusasa, bazenza izifungo zemvumelwano, banduluka, bahlukana bevana.

32Ngaloo mhla izicaka zikaIsake zeza kumxelela ngomthombo ezawufumanayo, zawemba. 33Wathi igama laloo mthombo yiShebha. Lavela apho ke igama lesixeko ekuthiwa yiBheshebha.

UEsawu uthatha iintombi zasemzini

34Akuba mashumi mane ubudala uEsawu, wathatha iintombi zamaHeti zambini. YayinguJuditi intombi kaBheri, noBhasemati intombi kaElon. 35Aba bafazi babahlalisa kabuhlungu ooIsake noRabheka.

EYEZIQALO 27

UYakobi unikwa iintsikelelo nguIsake

1Akwaluphala uIsake, namehlo akhe selenorhatyazo, ubize unyana wakhe omkhulu, wathi kuye: “Nyana wam!”

Uthe ke yena: “Ndim lo, tata.”

2Uthe uIsake: “Ndiyabona ukuba sendaluphele ngoku, ndaye ndingazi nokuba ndingafa nini na. 3Thatha utolo lwakho, uye kuzingela, undiphathele inyama yenyamakazi. 4Ndifuna undiphekele ukutya okunencasa, okona ndikuthandayo; undizisele nditye, ze ndikusikelele ndingekafi.”

5URabheka wayephulaphule wonke lo gama uIsake athetha noEsawu. Uthe akuya kuzingela uEsawu, 6waya kuYakobi uRabheka, wathi: “Ndive uyihlo esithi uEsawu 7makamphathele inyama yenyamakazi, amphekele ukutya okunencasa, atye, khon' ukuze amsikelele ngoku engekafi. 8Ke, mfo wam, uze wenze le nto ndiza kukuxelela yona. 9Yiya phaya kulaa mhlambi, uze namatakane amabini atyebileyo eebhokhwe. Ndiza kuphekela uyihlo ukutya akuthanda kakhulu. 10Kuya kusiwa nguwe kuyihlo, ukuze akusikelele engekafi.”

11Kodwa uYakobi yena uthe kunina: “Usazi nje ukuba uEsawu lixhonti, ndibe mna ndimpuluswa! 12Ukuba ubawo undivile ngesandla, waqonda ukuba ndiyamkhohlisa, ayiyi kundizisela isiqalekiso loo nto endaweni yeentsikelelo?”

13Uthe unina: “Siya kuba phezu kwam eso siqalekiso, mfo wam. Yenza le nto ndithi yenze wena; yiza nalaa matakane.” 14Waya kuwathatha ke uYakobi, wawasa kunina, wapheka okona kutya kunencasa kuthandwa nguIsake. 15URabheka wakhupha ezona zintle iimpahla zikaEsawu awayezigcinile, wazinxiba uYakobi. 16Wamgquma izandla ngofele lwebhokhwe, wamthandela nasentanyeni. 17Wamnika oko kutya kunencasa kunye nesonka awayesibhakile.

18UYakobi wafika kuyise, wathi: “Tata!”

Usabele wathi uyise: “Thetha; ungubani, mfo wam?”

19Uthe uYakobi: “NdinguEsawu, unyana omkhulu. Ndiyenzile into obundithume yona. Nantsi inyama. Vuka utye, uze undisikelele.”

20Uthe uIsake: “Wakhawuleza kangaka ukufumana inyamakazi? Wenze njani, mfo wam?”

Uphendule wathi uYakobi: “Ndincedwe *nguNdikhoyo uThixo wakho, wayizisa ngqo kum.”

21Uthe ke uIsake kuYakobi: “Khawusondele ke, mfo wam, ndikuve ngesandla ukuba unguye na unyana wam uEsawu.” 22UYakobi ke wasondela kuyise owamphampathayo ngezandla esithi: “Ilizwi lona lelikaYakobi, kodwa izandla zezikaEsawu.” 23Akazange amqonde uYakobi, kuba kaloku izandla zazixhonti njengezikaEsawu. Uthe seleza kumsikelela, 24wabuya wabuza wathi: “Ngaba ngenene ungunyana wam uEsawu?”

Waphendula uYakobi esithi: “Ndinguye.”

25Uthe ke uIsake: “Zis' apha ke inyama leyo ndikhe nditye, mfo wam. Ndakuthi ke ndakugqiba ukutya, ndikusikelele.” Wamnika ke uYakobi, wamphathela newayini yokuthoba. 26Uthe ke uyise: “Khawusondele kaloku undange, mfo wam.” 27Esasondela ukuya kumanga uIsake, waliva ivumba leempahla ezazinxitywe nguYakobi, watyibela ngentsikelelo esithi:

“Ngxatsho ke ivumba lonyana wam!

Linjengevumba lomhlaba ogalelwe iintsikelelelo nguNdikhoyo.

28Wanga ke uThixo angakugalela ngombethe,

nomhlaba wakho uchume ube linqatha,

uvelise nentabalala yengqolowa newayini.

29Unga ungabuswa zizizwe,

neentlanga zikhahlele kuwe.

Yiba yinkosi kubantakwenu,

ukhonzwe nangabantwana bakanyoko.

Mabaqalekiswe abo bakuqalekisayo,

basikelelwe abo bakusikelelayo.”

UEsawu uzicelela eyakhe intsikelelo

30UIsake wayesandul' ukusikelela uYakobi, naye esandul' ukusuka kuyise, wagaleleka uEsawu, evela kuzingela. 31Wapheka ukutya okumnandi, naye wakusa kuyise, wathi: “Vuka, tata, utye. Nantsi inyama endikuphathele yona. Uze undisikelele.”

32“Ungubani wena?” watsho uIsake.

“Ndingunyana wakho omkhulu, uEsawu,” utshilo.

33Wothuka wagubha uIsake.

Ubuze wathi: “Ngubani ke lo ubeye kuzingela wandiphathela inyama, ndayitya? Ndisandul' ukugqiba ukuyitya ngaphambi kokuba ungene. Ndiziphelelisele kuye iintsikelelo, kunjalonje ziya kuhlala zizezakhe.”

34Akuyiva loo nto uEsawu, wakhala kabuhlungu, wathi: “Ndisikelele nam, tata!”

35Wathi uIsake: “Umninawa wakho undikhohlisile, wemka nazo iintsikelelo zakho.”

36Uthe uEsawu: “Sekukokwesibini eyenza le nto yokundidla izithende. Yiyo le nto negama lakhe linguYakobi. Kokwesibini ngoku endikhohlisa. Wathatha ilungelo lam lobuzibulo. Ngoku uthatha iintsikelelo zam. Tata, akundigcinelanga ntsikelelo konke na?”

37Uthe ke uIsake: “Sendimenze inkosi yakho, nezizalwane zakhe zaba zizicaka zakhe. Ndithe uya kuphila ngengqolowa newayini. Yintoni ke ngoko enokuba isasalele wena, mfo wam?”

38Uthe uEsawu: “Tata, kuphela kwentsikelelo obunayo leyo? Akusekho yimbi? Tata, nam ndisikelele!” Watsho ekhala uEsawu.

39Wahlabeka uyise, wenjenje:

“Wena uya kuba kude lee nenqatha lokuchuma komhlaba;

uya kuba kude lee kumbethe ovuza ezulwini.

40Uya kuphila ngekrele uphantsi komninawa wakho;

kambe ke liya kufika ithuba apho uya kudinwa khona,

uyaphule loo dyokhwe yakhe isentanyeni yakho.”

UYakobi ubalekela kwaLabhan

41UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yeentsikelelo awazifumana kuyise. Wadumzela wathi: “Iya kuze ifike yona imini yokuba angabikho utata; ndakuze ndimbulale uYakobi lo.”

42Akuyixelelwa into ethethwe nguEsawu, uRabheka wabiza uYakobi, wathi kuye: “UEsawu ufuna ukukubulala. 43Ke, nyana wam, uze wenze le nto ndiza kukuxelela yona. Zimela, ubalekele kumnakwethu uLabhan eHaran. 44Uze uhlale khona ude udambe umsindo womkhuluwa wakho, 45ayilibale nento omenze yona. Ndothumela ukuba uphuthunywe. Andinakuyithwala into yokulahlekelwa nini nobabini noyihlo ngaxesha-nye.”

46Uthe uRabheka kuIsake: “Ndidiniwe mna ngoku ngaba bafazi bakaEsawu. Ukuba uYakobi angathatha intombi yomHeti, ayenze umfazi, ndingakhetha ukufa kube kanye.”

EYEZIQALO 28

1UIsake wabiza uYakobi, wamsikelela, wathi kuye: “Uze ungathathi nanye kwezi ntombi zaseKanana. 2Hamba uye kulonyoko ePadan-aram, kwaBhetuweli, uzithathele umfazi apho phakathi kweentombi zikanyokolume uLabhan. 3Wanga uThixo uSomandla angakusikelela, akunike inzala, yande, ibe zizizwe ezininzi. 4Wanga uThixo angawagqithisela kuwe nakwinzala yakho amathamsanqa ka-Abraham, niwume loo mhlaba uThixo wayemise kuwo uAbraham kuqala.” 5Wenjenjalo ke uIsake ukundulula uYakobi, emthumela ePadan-aram kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram. Lo Labhan ngumnakwabo-Rabheka unina kaYakobi noEsawu.

UEsawu uthatha omnye umfazi

6UEsawu weva ukuba uYakobi usikelelwe wathunyelwa ePadan-aram, ukuba aye kufuna umfazi. Weva nokuba xa wayesikelelwa wayalelwa ukuba angaze athathe umfazi eKanana. 7Weva nokuba uYakobi wamthobela uyise nonina, waya ePadan-aram. 8Waqonda ke uEsawu ukuba uyise wayengazithandi iintombi zaseKanana. 9Waya kwaIshmayeli ke, unyana ka-Abraham, wathatha intombi yakhe uMahalati, udade boNebhayoti.

Iphupha likaYakobi eBhetele

10Wenjenjeya ukusuka eBheshebha uYakobi, esinga eHaran. 11Wafika ndaweni ithile, walalisa apho, kuba laliselitshonile ilanga. Uthathe ilitye, waqamela ngalo, walala. 12Waphupha ngathi ubona ileli esuka emhlabeni, yaya kuthi xhaxhe ngesibhakabhaka. Izithunywa zikaThixo zazisihla zinyuka ngayo. 13Wabona *uNdikhoyo emi ngakuye esithi: “NdinguNdikhoyo, uThixo kayihlo-mkhulu uAbraham noyihlo uIsake. Lo mhlaba ulele kuwo uya kumiwa nguwe nayinzala yakho. 14Inzala yakho iya kuba ngangentlabathi ubuninzi bayo. Yaye iya kuxanda, inabe kumacala onke. Zonke izizwe ziya kuthamsanqeliswa ngenxa yakho nenzala yakho. 15Ndiza kusoloko ndinawe, ndikukhusele naphi na apho uya khona, ndibuye ndikubuyisele kwakule ndawo. Andiyi kukushiya ndide ndizenze zonke izinto endizithembisileyo.”

16Akuphaphama uYakobi, wathi: “Ngenene uNdikhoyo ukho kule ndawo; ndibe bendingayazi loo nto.” 17Wangenwa luvalo kwaoko, wathi: “Hayi ukoyikeka kwayo le ndawo! Yindlu kaThixo le! Lisango lezulu eli!”

18Wavuka kwangentseni uYakobi. Wathatha elo litye wayeqamele ngalo, wenza ngalo isikhumbuzo; waligalela amafutha. 19Wathi loo ndawo yiBhetele. Kodwa ke isixeko salapho kwakusithiwa yiLuzi. 20UYakobi ke yena wenza esi sifungo: “Ukuba uThixo undigcinile wandilondoloza kolu hambo, andiphe ukutya nezambatho 21ndide ndibuyele ekhaya, ngenene ndiya kumkhonza uNdikhoyo, abe nguThixo wam. 22Eli litye lesikhumbuzo ndilimise apha liya kuba yindawo yokunqulela uThixo. Ndiya kumahlulela isishumi kwizinto andipha zona.”

EYEZIQALO 29

Ukufika kukaYakobi kwaLabhan

1Wenjenjeya uYakobi kuhambo lwakhe, wada waya kufika kwilizwe leentlanga zasempumalanga. 2Wafika kumthombo owawusendle, kukho imihlambi emithathu yeegusha, zithe ncwaba zingqengqe kufuphi nawo. Le mihlambi yayikhelelwa amanzi kuloo mthombo uliso ligqunywe ngelitye. 3Yayisithi yakuthontelana apho imihlambi, abelusi baliqengqe elo litye, bayikhelele amanzi, babuye balibuyisele elo litye, livale umthombo lowo.

4Wafika wababuza abelusi uYakobi, wathi: “Bafondini, nisuka phi?”

Bathe: “Sivela eHaran.”

5Uthe: “Niyamazi uLabhan, umzukulwana kaNahore apho?”

“Siyamazi,” batshilo ukuphendula.

6“Usaphila kodwa?”

“Ewe, usaphila. Nantso selisiza intombi yakhe uRakeli kunye nomhlambi wakhe.”

7Uthe uYakobi: “Ingekabi loxesha lakuphethula imihlambi emadlelweni nje eli, kutheni ningazisezi nje ezi gusha, niziyeke zitye?”

8Baphendula bathi: “Asinakuyenza loo nto ingekapheleli imihlambi. Kufuneka yonke ibekho, ukuze siwuvule umthombo, siyiseze.”

9URakeli wafika nowakhe umhlambi esathetha nâbo belusi uYakobi. 10UYakobi akubona uRakeli eqhuba imihlambi kaninalume uLabhan, waya kuliqengqa ilitye, wazipha amanzi iigusha. 11Wandula wamanga uRakeli, elila luvuyo. 12Wathi kuRakeli: “Ndiyazalana noyihlo; ndizalwa nguRabheka kaloku.”

Wabaleka waya kuxelela uyise uRakeli; 13wathi noyise akuziva ezi ndaba zingomtshana wakhe uYakobi, waya kumhlangabeza wamgona, wamanga, wamngenisa endlwini. Uthe uLabhan akubaliselwa nguYakobi izinto ezenzekileyo, 14wayingqina into yokuba bayazalana. Wahlala apho inyanga yonke uYakobi.

UYakobi usebenzela ukulobola uRakeli

15Wathi uLabhan kuYakobi: “Akunako ukusebenza nje simahla apha kum ngenxa yokuba sizalana. Ufuna ndikunike malini?”

16ULabhan wayeneentombi ezimbini, inguLeya igama lenkulu, encinci inguRakeli. 17ULeya wayetsho ngamehlo angathi anengcume; uRakeli yena eyinzwakazi kanobomi. 18UYakobi wayencwase uRakeli, waza wathi kuLabhan: “Ndokusebenzela iminyaka esixhenxe ukuba unokundivumela ndizeke intombi yakho encinci uRakeli.”

19ULabhan uthe: “Ndikhetha ukumendisela kuwe kunokuba aye kwendela komnye umntu.” Watsho esithi makaselehlala apho kwakhe uYakobi. 20UYakobi waphangela isixhenxe sonke seminyaka, esebenzela ukufumana uRakeli. Lonke elo xesha laba ngathi ziintsuku nje ezimbalwa kuye, kuba wayemthanda uRakeli.

21“Lifikile ixesha; ndikhululele umkam,” watsho uYakobi kuLabhan. 22ULabhan wenza isidlo somtshato, wamema bonke abantu balapho. 23Ngobo busuku uLabhan wasa uLeya kuYakobi endaweni kaRakeli, uYakobi walala naye. 24ULabhan wakhupha uZilipha isicakakazi, wayimpelesi kaLeya. 25UYakobi akazange aqonde ukuba nguLeya lo wayelele naye, kude kwakusasa. Uye kuLabhan uYakobi, wafika wathi: “Yintoni le undenze yona? Bendisebenzela ukufumana uRakeli nje, undiqhathele ntoni?”

26Uthe uLabhan: “Asilosiko lethu ukwendisa intombi encinci, ingekendi endala. 27Linda ke khe kudlule le veki yomtshato, ndikwendisele uRakeli ke xa uya kuphinda usebenze iminyaka esixhenxe.”

28Wavuma ke uYakobi, yathi yakudlula loo veki yomtshato uLabhan wamendisela kuYakobi noRakeli. 29ULabhan wakhupha isicakakazi uBhiliya waba yimpelesi kaRakeli. 30Wamambatha uRakeli uYakobi, wamthanda nangaphezu koLeya. Wasebenza eminye iminyaka esixhenxe.

EYEZIQALO 26:1-29:30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-