Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 317

Itekisi yeBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 1

Isingeniso

1Kubhala mna Pawulos ndibizwe *ndangumthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo. Ndibhala ndikunye noSosteno uwethu. 2Ndibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abakhethwe ngokumanywa noKrestu Yesu, bebizelwe ukuba yimilowo yakwaThixo ndawonye nabo bonke abalinqulayo ezindaweni zonke igama leNkosi yethu uYesu Krestu, oyiNkosi yabo kwaneyethu. 3Kuni ke ndithi: Makube sisisa, kube luxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.

Umbulelo

4Ndihlala ndimbulela ngani uThixo wam ngenxa yesisa anibabale ngaso ngokunimanya noYesu Krestu. 5Kaloku, nimanyene noKrestu nje, ninendyebo ngezinto zonke, ekuthetheni nasekwazini ngokupheleleyo. 6Kaloku iindaba ezingoKrestu zithe zamila kuni, 7kangangokuba aniphoswanga nasinye isipho esivela kuThixo ngeli xesha nikulindeleyo ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu. 8INkosi uYesu Krestu iya kunomeleza kude kube sekupheleni, ningabi nabala ngeMini yayo. 9Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.

Ukungavisisani ebandleni

10Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye. 11Kuba kaloku, mawethu, ndixelelwe ngani ngabakuloKlowe ukuba kukho ukungavisisani phakathi kwenu. 12Ndithetha le nto yokuba kuthiwa omnye kuni uthi: “Mna ndingokaPawulos;” omnye athi: “Mna ndingoka-Apolo;” omnye athi: “Mna ndingokaPetros;” omnye ke athi: “Mna ndingokaKrestu.” 13Ngaba wahluka-hlukene na uKrestu? Ngaba nguPawulos na owabethelelwa ngenxa yenu? Ngaba nabhaptizwa egameni likaPawulos na? 14Ndiyambulela uThixo kuba ndingabhaptizanga namnye kuni ngaphandle kukaKrispo noGayo, 15ukuze kungabikho mntu uthi ndabhaptiza egameni lam. 16Gxebe, ndabhaptiza noStefano nendlu yakhe. Ngaphandle kwabo ke, andikhumbuli ukuba ndabhaptiza wumbi. 17Kakade uKrestu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezimnandi, kungabi ngabuciko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKrestu ungalanjathiswa.

UKrestu ungamandla nobulumko bukaThixo

18Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo. 19Kaloku *iziBhalo zitsho ukuthi: “Ndiya kububhangisa ubulumko bezilumko; ukuhlakanipha kweengqondi ndikuphuthise.” 20Xa kunjalo ke ziphi na izilumko, ziphi na iingqondi, ephi na wona amaciko eli hlabathi? Kaloku uThixo ubonakalisile ukuba ubulumko beli hlabathi bubudenge.

21UThixo ngobulumko bakhe ubone okokuba ihlabathi malingabi nako ukumazi ngobalo ubulumko. Hayi, kwakholeka kuThixo ukuba abo bakholwayo abasindise “ngobudenge” belizwi esilishumayelayo. 22AmaJuda afuna umqondiso; amaGrike wona afuna ubulumko; 23ke thina sivakalisa uKrestu ebethelelwe emnqamlezweni; into ke leyo esisikhubekiso kumaJuda nebubudenge kumaGrike. 24Ke kwabo babiziweyo, amaJuda kwanamaGrike, sivakalisa uKrestu ongamandla nobulumko bukaThixo. 25Kaloku into kaThixo ebubudenge, inobulumko kuneyabantu; nento kaThixo engathi ayinamandla, yomelele kuneyabantu. 26Mawethu, yikhumbuleni into enaniyiyo ukubizwa kwenu nguThixo. Babembalwa kuni abazizilumko ngokomgangatho wabantu, bembalwa abanamandla, bembalwa abangabantwana begazi. 27Kodwa uThixo usuke wanyula izinto ezibonakala ngathi zibubudenge ebantwini, ukuze ngokwenjenjalo adanise izilumko. Ngokunjalo ke uThixo unyule nezinto ezibonakala ngathi azinamandla ngokwabantu, ukuze ngokwenjenjalo adanise abanamandla. 28Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. 29Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa. 30Kaloku uThixo unimanye noKrestu Yesu osityhilela bonke ubulumko bukaThixo. Ngaye uThixo usenza amalungisa, asenze imilowo yakwakhe, asinike inkululeko. 31Ngoko ke, njengoko iziBhalo zitshoyo: “Oqhayisayo makaqhayise ngeNkosi.”

1 KWABASEKORINTE 2

UPawulos ushumayela uKrestu obethelelwe emnqamlezweni

1Mawethu, ngokuya bendinihambele ukuze ndinazise iindaba zikaThixo ebezingaziwa mntu, andizanga ngabuciko bakuthetha nalwazi. 2Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni. 3Ndathi ke, ndakufika kuni, ndaba ngobuthathaka, ndinoloyiko, ndigubha kakhulu. 4Ukuthetha kwam nokuvakalisa kwam uKrestu akubanga ngabuciko. Hayi, kube kukubonakalisa amandla oMoya kaThixo. 5Ngoko ke ukholo lwenu malungaxhomekeki bucikweni bamntu, kodwa malusekelwe ngamandla kaThixo.

Ubulumko bukaThixo

6Kambe ke into endiyithethayo ibubulumko kwabo bavuthiweyo. Kodwa ke obo abububo ubulumko beli phakade, bungebubo nobabaphathi balo ababhangayo. 7Ndixela ubulumko bukaThixo obungaziwa mntu, awathi uThixo kwangaphambi kokudalwa kwehlabathi wabumisela ukuze sibe nodumo ngenxa yabo. 8Akubangakho namnye ke wabaphathi beli hlabathi ubazileyo obo bulumko, kuba, ukuba babebazile, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi enobungangamsha. 9Kodwa ke kunjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:

“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,

nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,

zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”

10UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo. 11Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo. 12Ke thina asamkelanga moya simnikwe ngabantu; samkele uMoya esimnikwe nguThixo, ukuze sizazi izinto uThixo asibabale ngazo. 13Ezi zinto ke sizithethayo asizithethi ngabuciko sibunikwe ngumntu, kodwa sizithetha ngobulumko esibunikwe nguMoya oyiNgcwele. Sicacisa izinto ezizezoMoya ngamazwi esiwanikwa nguMoya. 14Ke umntu ongenaye uMoya akazamkeli izinto zoMoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye. Kaloku akanakuziqonda, kuba ukuxabiseka kwazo kuqondwa kuphela ngulowo ukhokelwa nguMoya. 15Ke umntu okhokelwa nguMoya okunene uyakwazi ukuzicalula zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akanakuphengululwa ngabangakhokelwa nguMoya. 16Kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:

“Ngubani na ozaziyo iingcamango zeNkosi;

ingubani na onako ukuyicebisa?”

Kaloku thina sicinga nto-nye noKrestu.

1 KWABASEKORINTE 3

Abancedisayo emsebenzini kaThixo

1Nam ke, mawethu, bendingenako ukuthetha nani ngendlela endithetha ngayo nabo banaye uMoya, kodwa kwakufuneka ndithethe nani ngendlela endithetha ngayo nabo baselula, baseziintsana kwihambo yobuKrestu. 2Ndaniseza ubisi, andanipha kutya kuqinileyo, kuba naningekakufaneli. Kanti ke unangoku anikakufaneli, 3kuba nisaziphethe ngokwesimo esidala. Kaloku xa ninomona, neenkani, nixabana, niziphatha ngokwesimo esidala, nilinganisa abantu. 4Kakade anilinganisi bantu xa omnye athi: “Mna ndingokaPawulos,” wumbi athi: “Mna ndingoka-Apolo”? 5Xa ndingubani mna Pawulos, engubani yena uApolo? Sizizicaka nje zikaThixo kuphela, ezinincedayo ukuba nikholwe. Umntu ngamnye kuthi wenza umsebenzi awunikwe yiNkosi. 6Mna ndatyala, uApolo yena wankcenkceshela, kodwa ke nguThixo okhulisayo. 7Ngoko ke lowo utyalayo akabalwa, nalowo unkcenkceshelayo akabalwa; obalulekileyo nguThixo, yena ukhulisayo. 8Lowo utyalayo ke uyafana nalowo unkcenkceshelayo, kodwa elowo kubo uya kwamkela umvuzo ngangokubulaleka kwakhe. 9Thina singabancedisanayo emsebenzini kaThixo; intsimi kaThixo ke nini.

Ngenye indlela nisisakhiwo sikaThixo. 10Ngesisa endisenzelwe nguThixo ndasibeka isiseko ngokwegcisa lomakhi. Omnye ke wakha phezu kwaso. Elowo ke makayigqale indlela akha ngayo phezu kwesi siseko. 11Kaloku akukho bani unokubeka siseko simbi ngaphandle kweso sabekwa nguThixo, eso ke singuYesu onguKrestu. 12Kunokwakhiwa ngezinto ezahluka-hlukeneyo phezu kwesi siseko. Kunokwakhiwa ngegolide, ngesiliva, nangamatye anqabileyo; kunokwakhiwa ngamaplanga, ngengca, nangeendiza. 13Umsebenzi womntu ngamnye uya kucaca ngemini yomgwebo, kuba ngaloo mini umlilo uya kuwubonakalisa umsebenzi womntu ngamnye, uphicothe ubunjani bawo. 14Ukuba into akhe ngayo umntu phezu kwesi siseko ayitshanga, uya kwamkela umvuzo. 15Ke ukuba ithe yatsha, umntu lowo wolahlekelwa ngumvuzo; ke yena ngokwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.

16Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu? 17Ukuba umntu uyayonakalisa indlu kaThixo, uThixo uya kumohlwaya, kuba indlu kaThixo ingcwele – nina ke niyiloo ndlu.

18Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene. 19Kaloku ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo. Kaloku *iziBhalo zitsho ukuthi: “UThixo uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo;” 20ziphinde zithi: “INkosi iyazazi ukuba zingamampunge iingcamango zezilumko.” 21Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngezinto ezenziwa ngabantu. Kaloku izinto zonke zezenu: 22nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguPetros, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezikhoyo, nokuba zeziza kubakho; zonke ezo zinto zezenu. 23Kodwa ke nina ningabakaKrestu, uKrestu yena ngokaThixo.

1 KWABASEKORINTE 4

Abathunywa bakaThixo

1Makenjenje ke umntu ukucinga ngathi, athi sizizicaka zikaKrestu, singamagosa eendaba zikaThixo ebezingaziwa. 2Into elindelekileyo ke kumagosa kukuba ahlale ethembekile. 3Ke mna andikunanze nganto ukuziphendulela kuni okanye enkundleni eyeyabantu. Ewe, nam andiziphicothi ngokwam. 4Akukho nto ndinasazela ngayo, kodwa loo nto ayithethi kuthi ndimsulwa. Kaloku umgwebi wam yiNkosi. 5Ngoko ke musani ukugweba mntu ngaphambi kwexesha lokufika kweNkosi. Yona iya kuzityhila izinto zobumnyama ezifihliweyo, ekufikeni kwayo, iziveze ekuhleni iingcinga zabantu. Wothi ke elowo nalowo awongwe nguThixo ngokumfaneleyo.

6Ezi zinto, mawethu, ndizilinganisela ngam noApolo ngenxa yenu, ukuze nifunde kuthi apha, nize ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo, ningabi nakratshi. Ke musani ukuqhayisa ngothile nize nimdele omnye. 7Kambe ngubani othe wena ubalulekile kunabanye; iyintoni yona onayo ongayiphiwanga nguThixo? Phofu ke, ukuba uphiwe, uqhayiselani ngokungathi akuphiwanga?

8Ngathi senide nadikwa njê; ngathi senizizityebi njê; ngathi senide naziinkosi njê, ndingekabi yiyo nam! Akwaba beniziinkosi nyhani-nyhani, ukuze nam ndibuxhamle ubukhosi obo benu! 9Kuba kum ngathi uThixo thina *bathunywa bakhe usinika eyona ndawo iphantsi, ngathi singabamiselwe ukufa, senziwe umboniso oyintlekisa ehlabathini, kwizithunywa zezulu nasebantwini. 10Andithi thina siziziyatha kaloku ngenxa kaKrestu, nibe ke nina niziingqondi ngokumanywa noKrestu, ngabula nina! Andithi thina siswele amandla; ke nina nomelele! Kaloku nibekekile nina, sibe ke thina sidelekile! 11Kude kube ngôkunje siyalamba, siyanxanwa, siyadlakazela, siyadlakathiswa, siyabhadula, 12siyabulaleka sisebenza nzima sizixhasa. Sakuthukwa, siyasikelela; sakutshutshiswa, siyanyamezela; 13sakunyeliswa, siyacenga. Kude kube ngoku siphethwe okwenkunkuma yehlabathi, umququ wezinto zonke.

14Ezi zinto andizibhaleli kuba nenyele; hayi, ndizibhalela ukuniluleka. Kaloku ningabantwana bam endibathandayo. 15Nokuba ningade nibe namawaka-waka abafundisi abanifundisa ngoKrestu, mnye yena uyihlo kodwa. Ndim ke lowo, kuba namanywa noKrestu ngokuziva ngam iindaba ezimnandi; ndafana nonizeleyo ke. 16Ndiyanibongoza ke, xelisani mna. 17Ngenxa yoko ndinithumela uTimoti ongunyana wam endimthandayo, othembekileyo ekuyikhonzeni iNkosi. Yena uya kunikhumbuza ngeemfundiso zam ngoKrestu, ezi ndizifundisayo ezindaweni zonke kuwo onke amabandla.

18Abanye benu basuke bakhukhumala ngokungathi andisayi kuze ndize apho. 19Ndiya kunihambela kamsinya, emandleni eNkosi, ukuze ndinganeli nje kuva kucikoza kwâbo bazidlayo, kodwa ndiwubone nomsebenzi wabo. 20Kaloku ulawulo lukaThixo alungabuciko, lungamandla kaMoya. 21Nikhetha ntoni ke? Ngaba nifuna ndize kuni ndiphethe uswazi, okanye nifuna ndize ndinothando nobubele?

1 KWABASEKORINTE 1:1-4:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-