Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 316

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEROMA 13

Ukuthobela abasemagunyeni

1Wonke umntu makathobele abasemagunyeni, kuba akukho gunya lingaveli kuThixo. Amagunya akhoyo amiselwe nguThixo. 2Ngoko ke, ochasene namagunya uphikisa ummiselo kaThixo; yaye ke wonke umntu owenza loo nto uzibizela ukugwetywa. 3Kaloku abaphathi aba aboyikeki kubantu abalungisayo, boyikeka kwabonayo. Ukuba ufuna ukungamoyiki osemagunyeni, yenza okulungileyo, yaye ke uya kukuncoma. 4Kaloku abasemagunyeni zizicaka zikaThixo, khon' ukuze kulungelwe kwawena. Kodwa, ukuba uthe wenza into embi yoyika, kuba abasemagunyeni banikwe igunya lokohlwaya. Kaloku bazizicaka zikaThixo; bayaphindezela, bamohlwaye lowo wonayo. 5Ngoko ke bathobeleni abasemagunyeni, ingengakuba nisoyika isohlwayo kuphela, kodwa nangenxa yokuhlonela uThixo.

6Nirhafa nje kaloku, kungenxa yokuba abasemagunyeni bangamagosa kaThixo, ngakumbi xa besenza umsebenzi wabo. 7Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.

Ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho

8Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho. 9Imiyalelo ethi: “Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze unganqweneli,” nokuba nguwuphi umyalelo ongomnye, ushwankathelwa ngelithi: “Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.” 10Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.

11Masenjenjalo ke, sisazi nje ukuba eli selilixesha lokuba sivuke ebuthongweni. Kaloku usindiso lukufuphi kuthi ngoku kunasekuqaleni kwethu ukukholwa. 12Ubusuku buhambile, sekuza kusa. Masahlukane ke ngoko nemisebenzi yobumnyama, sixhobe ngezikrweqe zokukhanya. 13Masiziphathe ngokundileka njengabahamba emini, singabi sezindywaleni nasekunxileni, ekuhenyuzeni nasekurheletyeni, singabi namona nazinkani. 14INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.

KWABASEROMA 14

AmaKrestu makangagwebi

1Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe. 2Omnye ukholo lwakhe lumvumela ukuba atye nakuphi na ukutya, kodwa yena okholo lubuthathaka utya imifuno kuphela. 3Lowo utya konke makangamdeli ozila ukutya okuthile, nalowo uzila ukutya okuthile makangamgwebi otya konke, kuba uThixo umamkele. 4Yini na wena ukuba usigwebe isicaka somnye? Kaloku siya kugwetywa yinkosi yaso. Kanti notyayo akayi konakalelwa nto, kuba iNkosi inako ukumgcina.

5Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo. 6Lowo ke ugcina umhla othile, uwugcinela iNkosi. Lowo utya nakuphi na ukutya, esitya nje, uzinikela eNkosini, kuba ubulela uThixo. Nalowo ungatyi konke ukutya, engatyi nje, uzinikela eNkosini, kuba naye ubulela uThixo. 7Akukho namnye kuthi uziphilelayo, kananjalo akukho namnye uzifelayo. 8Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi. 9Kuba kaloku uKrestu wafa, wabuya wadla ubomi, ngenjongo yokuba abe yiNkosi yabafileyo nabaphilayo. 10Wena ke, yini ukuba umgwebe uwenu? Ke wena, yini na ukuba umdele uwenu? Kaloku sonke siya kuma enkundleni kaThixo, 11kuba *iziBhalo zithi:

“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,

zimdumise uThixo zonke iilwimi.”

12Ngoko ke sonke ngabanye siya kunika ingxelo phambi koThixo.

Ungamkhubekisi umwenu

13Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu. 14Ndimanywe neNkosi uYesu nje, ndazi ngokuqinisekileyo ukuba akukho nanye into engàtyiwayo ngokunokwayo. Kodwa kulowo uthi into ayityiwa, ayityiwa ke. 15Ukuba uyamhlungisa umwenu ngento osukuba uyitya, inkqubo yakho ayiseyiyo eyothando. Musa ukuthi ngenxa yokutya okutyayo umtshabalalise lowo uKrestu wamfelayo. 16Inkululeko eninayo ekuzikhetheleni ukutya mayingabangi kungcikivana. 17Kaloku ukukholisa uThixo akungakutya nakusela; kodwa kukwenza ubulungisa, sinoxolo novuyo, silawulwa nguMoya oyiNgcwele. 18Owenjenjalo ke ukhonza uKrestu, ukholekile kuThixo, waye usulungekile emehlweni abantu.

19Ngoku ke masizondelele izinto zoxolo nezokwakhana. 20Musa ukuthi ngenxa yokutya uwuchithe umsebenzi kaThixo. Okunene konke ukutya kunyulu, kodwa kuba yinto embi kulowo uthi ngenxa yokutya abe sisikhubekiso komnye. 21Kulungile ukuba ungatyi nyama, ungaseli tywala, ungenzi nantoni na engámkhubekisayo umwenu. 22Unaluvo luthile na ngale ndawo yokutya? Hlala unalo ke phambi koThixo! Uyavuya lowo ungenasazela ngento ayityayo! 23Kodwa ke lowo uthandabuzayo xa atyayo, selegwetyiwe, kuba akatyi ekholwa. Yonke ke into ayenzayo umntu engaqinisekanga ukuba iyamkholisa uThixo isisono.

KWABASEROMA 15

UKrestu umzekelo wokungazikholisi

1Thina ke sinokholo olomeleleyo simelwe kukuthwalisana ubunzima nabo balukholo lubuthathaka. Masingazikholisi thina ziqu, 2koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo. 3Kaloku naye uKrestu akazikholisanga, njengoko nazo *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Izingcikivo zabakungcikivayo zathwalwa ndim.” 4Kaloku zonke izinto eziseziBhalweni zabhalelwa ukusifundisa, khon' ukuze sihlale sihleli sinethemba ngonyamezelo nenkuthazo esizifumana kuzo iziBhalo. 5Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu, 6ukuze nithi, ngamxhelo mnye, nimdumise ngazwi-nye uThixo, uYise weNkosi uYesu Krestu.

7Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo. 8Ke kaloku ndithi, uKrestu waba ngumkhonzi wamaJuda, ukubonisa ukuba uThixo unyanisekile, uyazizalisekisa izithembiso awazenzayo *kumanyange. 9Ngokunjalo uKrestu wayenza le nto ukuze neentlanga zimdumise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:

“Ngenxa yoko ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga,

ndiliculele indumiso igama lakho.”

10Kananjalo zithi:

“Yibani nemihlali ndawonye nabantu bakhe, nina zintlanga.”

11Kananjalo:

“Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga;

yibongeni, nonke nina zizwe.”

12Kananjalo noIsaya uthi:

“Liya kubakho iHlumelo likaJese.

Uya kuvela oya kulawula iintlanga.

Ziya kuthembela kuye izizwe.”

13Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

Umsebenzi kaPawulos

14Mawethu, ndiqinisekile ukuba ningabantu abalungileyo, abanolwazi olunzulu, abanako nokucebisana. 15Kodwa ke, mawethu, kwezinye iindawo ndinibhalele ndithetha ngokuphandle, ndinikhumbuza kwakhona ngeendawo ezithile. Ndithethe ngokuphandle ngenxa yobabalo uThixo awandibabala ngalo, 16ubabalo ke lokuba ngumkhonzi kaKrestu Yesu olungiselela iintlanga. Ngokushumayela iindaba ezimnandi zikaThixo ndisebenza okombingeleli, ukuze iintlanga zibe nokuba lidini elamkelekileyo kuThixo, lingcwaliswe nguMoya oyiNgcwele. 17Ekubeni ndimkhonza ngolu hlobo uThixo, ndimanywe noKrestu Yesu, ndifanele ukuba neqhayiya. 18Ke mna andinabuganga bakuthetha nto ngazinto angazisebenzanga ngam uKrestu. UKrestu wasebenza ngam ukuze iintlanga zimlulamele, esebenza ngamazwi am nangezenzo zam, 19esebenza ngamandla emiqondiso nemimangaliso, nangamandla oMoya. Ndithe ke ndaqala eJerusalem, ndajikeleza ndaya kutsho nakwelaseIliriko, ndizivakalisa kuyo yonke indawo iindaba ezimnandi zikaKrestu. 20Ndihlala ndizimisele ukushumayela iindaba ezimnandi apho kungekaviwa nto khona ngoKrestu, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye, 21kodwa kube njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:

“Abo bangaxelelwanga nto ngaye, baya kubona;

nabo bengevanga nto, baya kuqonda.”

22Ngenxa yoko bendisoloko ndixakekile, andabi nako ukunihambela. 23Ngoku ke, ekubeni ndingasenandawo emandiyihambele kule mimandla, nasekubeni ndineminyaka emininzi ndilangazelela ukunihambela, 24ndothi ke xa ndihambela eSpeyini, ndinityelele nani, kuba ndinethemba lokunibona xa ndigqitha apho. Emva kokuba ke sendikhe ndaba lundwendwe phakathi kwenu okwexeshana, ndinethemba lokuba nondixhasa ukuya eSpeyini.

25Kodwa okwangoku ndisaya eJerusalem, ukuya kulungiselela abantu bakaThixo. 26Kaloku kwakholeka kwabaseMakedoni nabaseAkaya ukuba babancede abantu bakaThixo baseJerusalem abasweleyo. 27Benjenjalo kuba babemelwe kakade kukwenjenjalo. Kaloku ekubeni amakholwa angamaJuda ethe anikela ngezinto ezizezoMoya kwiintlanga, kufanelekile ukuba namakholwa aziintlanga anikele kumaJuda ngezinto zokuxhasa ubomi. 28Ndakuba ke ndiwugqibile lo msebenzi, ndiyinikele kuwo loo mali, ndothi xa ndiya eSpeyini, ndinityelele. 29Xa ndinityelelayo ke, ndiqinisekile ukuba ndoniphathela zonke iintsikelelo asisikelela ngazo uKrestu.

30Ke kaloku, mawethu, ndiyanibongoza ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu nangenxa yokusithanda kwakhe uMoya, ukuba nindithandazele kuThixo, njengokuba nam ndizithandazela. 31Ndithandazela ukuba ndihlangulwe kwabangamphulaphuliyo uThixo abakwelakwaJuda. Ndithandazela nokuba kwamkeleke ukubalungiselela kwam abantu bakaThixo abaseJerusalem, 32khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane. 33Ke kaloku uThixo, imbangi yoxolo, makabe nani nonke. *Amen.

KWABASEROMA 16

Imibuliso kaPawulos

1Ke kaloku ndimyaleza kuni udade uFibhi, oligosakazi kwibandla eliseKenkreya. 2Mamkeleni egameni leNkosi njengokuba nifanele ukwenjenjalo ningabantu bakaThixo nje. Mncedeni emicimbini asukuba efuna uncedo lwenu kuyo, kuba naye ngokwakhe wanceda abantu abaninzi, endingomnye wabo nam lo.

3Imibuliso kuPriska noAkwila, abasebenzela uKrestu Yesu njengam. 4Kaloku bona bâbubeka esichengeni ubomi babo ngenxa yam, nto leyo ke ekungabuleli mna ndedwa kubo ngayo, koko kubulela nawo onke amabandla asezintlangeni. 5Libuliseni kwanebandla elihlanganela endlwini yabo. Ndibuliseleni kuEpeneto, umhlobo wam othandekayo, owaba ngowokuqala ukukholwa kuKrestu eAsiya; 6nindibulisele nakuMariya owabulaleka kakhulu ngenxa yenu. 7Imibuliso kuAndroniko noJuniya, amawethu awayebanjwe kunye nam. Bona baxatyisiwe kakhulu *ngabathunywa bakaKrestu, kwaye bâkholwa kuKrestu ngaphambi kwam.

8Ndibuliseleni kuAmpliyato, umhlobo wam othandekayo eNkosini. 9Imibuliso ku-Urbhano, osebenzela uKrestu kunye nam, nakuStaki, umhlobo wam othandekayo. 10Ndibuliseleni nakuApele ovavanyiweyo waza wafumaneka ethembekile kuKrestu. Imibuliso kwabakwa-Aristobhulo. 11Ndibuliseleni kuHerodiyo umwethu. Imibuliso kwabakwaNarkiso abakholwayo eNkosini.

12Imibuliso kuTrifena noTrifosa abayisebenzele kangaka iNkosi. Ndibuliseleni kuPersi othandekayo, obulaleke gqitha emsebenzini weNkosi. 13Imibuliso kuRufo umnyulwa weNkosi, nakunina, onjengomama kum. 14Imibuliso kuAsinkrito, uFilego, uHerma, uPatrobha, uHerme, namawethu akunye nabo. 15Imibuliso kuFilologo noJuliya, uNere nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abantu bakaThixo abakunye nabo.

16Bulisanani ngokwamakholwa. Ayanibulisa onke amabandla kaKrestu.

Imiyalelo yokuqukumbela

17Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo. 18Abantu abanjalo àbakhonzi yona iNkosi yethu uYesu Krestu. Hayi, basebenzela izisu zabo. Ngamazwi abo amnandi bayakhohlisa, balukuhle iintliziyo zabantu abanyulu. 19Bonke bavile ngokumlulamela kwenu uKrestu; into ke leyo endivuyisayo ngani. Ndinga ke ningaba zizilumko okunene kokulungileyo; kodwa ningabi zizo kokubi. 20Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.

Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani.

21Uyanibulisa uTimoti osebenza nam, noLukiyo, noJason, noSosipatro, amawethu. 22Nam Tertiyo osandla siyibhalileyo le ncwadi, ndiyanibulisa ndingoweNkosi nje. 23Uyanibulisa uGayo endilundwendwe lwakhe, yena lihlanganela endlwini yakhe lonke ibandla. Uyanibulisa uErasto unondyebo wedolophu, noKwarto umwethu.

[ 24Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke. *Amen.]

Ilizwi lokudumisa uThixo

25Masimdumise uThixo, yena onako ukunizinzisa elukholweni ngokweendaba ezimnandi endizivakalisayo, ndishumayela uYesu Krestu. Ezi ndaba zityhila imfihlakalo eyayikade ifihliwe mandulo. 26Ngoku ke ibonakalisiwe. Yile mfihlakalo ke yayixelwa zizibhalo *zabashumayeli. Babesenjenjalo ngokuyalelwa nguThixo ohlala ehleli. Lo myalelo uThixo uwenze ukuze kubekho abakholiweyo nabamthobelayo kuzo zonke iintlanga.

27Ke uThixo uSobulumko makadunyiswe kude kube ngunaphakade ngenxa kaYesu Krestu. *Amen.

KWABASEROMA 13:1-16:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-