Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 277

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 12

Imfundiso kaYesu malunga noMhla wokuPhumla

1Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla baza bathi abafundi bakhe belambile, bakha izikhwebu zengqolowa, batya. 2*AbaFarasi, bekubona oko, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla.”

3Wathi kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe? 4Kaloku wangena endlwini kaThixo, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo. Kanti ngokomthetho ezi zonka yena neqela lakhe babengamelwe kuzitya. Ngababingeleli kuphela ababenelo lungelo. 5Khona, anifundanga na *emthethweni kaMosis okokuba ababingeleli bayawaphula umthetho woMhla wokuPhumla endlwini kaThixo, bangabi natyala noko? 6Ke ndithi kuni, lo ulapha mkhulu kunendlu. 7Ukuba benisazi okokuba ithetha ukuthini na le ndawo ithi *eziBhalweni: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo,’ ngeningabagwebanga abangenatyala. 8Kaloku *uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla wokuPhumla.”

Ukuphiliswa kowome isandla

9Emkile apho uYesu, waya kungena *kwindlu yesikhungo. 10Apho babona umntu owome isandla. Abantu abathile, benenjongo yokummangalela uYesu, bambuza besithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa *ngoMhla wokuPhumla?”

11Waza wathi kubo: “Ukuba ngaba kukho ubani kuni enegusha, yaza loo gusha yeyela emngxunyeni ngoMhla wokuPhumla, akayi kuyirhola na? 12Ubeke phi ke umntu ukuxabiseka kunegusha? Ngoko ke kulungile ukwenza inceba ngoMhla wokuPhumla.” 13Wathi ke kuloo mntu: “Solule isandla sakho.”

Wasolula, saza saphila isandla sakhe, safana nesinye. 14Baphuma ke abaFarasi, babhunga ukumbulala uYesu. 15Ekwazile oko, uYesu wemka apho.

Esona siCaka sikaThixo

UYesu walandelwa ngabantu abaninzi, waza wabaphilisa bonke, 16ebayala ukuba bangaxeleli bani ngaye, 17ukuze lizaliseke ilizwi likaThixo elathethwa *ngumshumayeli uIsaya lisithi:

18“Naso isiCaka sam endisinyulileyo,

eso sisenyongweni kum, endikholiweyo siso.

Ndosifaka uMoya wam,

sizazise isigwebo iintlanga.

19Asiyi kuba nephike sikhwaze,

lingayi kuviwa bani ezitalatweni izwi laso.

20Ingcongolo eyaphukileyo asiyi kuyiqhawula,

nesibane esilozizayo asiyi kusicima.

Siya kubuzinzisa bude bongame ubulungisa.

21Kananjalo iintlanga zokholosa ngaso.”

UYesu uyaphoxwa

22Kwathi kwaziswa kuYesu umntu ophethwe yindimoni, eyimfama, esisimumu. UYesu wamphilisa loo mntu, wathetha, wabona nokubona. 23Samangaliswa sonke isihlwele, sathi: “Akungebi nguNyana kaDavide lo?”

24Kodwa bona *abaFarasi, bakukuva oku, bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.”

25UYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyabhanga; nedolophu, nokuba ngumzi, ovukelana wodwa, awunakuba nankqubela. 26Ke ukuba uSathana ukhupha uSathana, evukelene kwayedwa nje, lothini na ukungawi ulawulo lwakhe? 27Ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana, bazikhupha ngabani bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo. 28Ukuba ke ndizikhupha ngoMoya kaThixo iindimoni, ulawulo lukaThixo aluthwasanga, lugalelekile kuni.

29“Angathini umntu ukungena endlwini yegorha, ahluthe impahla yalo, engathanga kuqala alibophe igorha elo, aze ke andule ukuyiphanga indlu leyo.

30“Lowo ungekho kwicala lam, uchasene nam, nalowo ungandincedisiyo ukuqokelela, uyachitha. 31Ke ngoko, ndithi kuni, zonke izono nezinyeliso baya kuzixolelwa abantu, kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele akuyi kuxolelwa. 32Othe wathetha ilizwi elichasene naye *uNyana woLuntu uya kuxolelwa, kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa kweli phakade nakwelizayo.”

Umthi neziqhamo zawo

33“Ukuba nithi umthi ulungile, mawuvelise iziqhamo ezilungileyo; ukuba ke nithi ngumthi ombi, mawuvelise iziqhamo ezibi. Kaloku umthi uqondwa ngeziqhamo zawo. 34Nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuba nako ukuthetha okulungileyo, nikhohlakele nje? Kaloku umlomo womntu uphuphuma oko intliziyo izele kuko. 35Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okukuye. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ekuye.

36“Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha. 37Umntu uya kugwetywa, okanye akhululwe, ngokwamazwi akhe.”

Umqondiso kaJona

38Abathile kubachazi-mthetho *nabaFarasi bathi kuYesu: “Mfundisi, sicela ukuba usibonise umqondiso.”

39Wabaphendula wathi kubo: “Sisizukulwana esikhohlakeleyo, esikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaJona; 40kuba njengokuba uJona wayemihla mithathu nabusuku buthathu esiswini sesilo esikhulu solwandle, wothi naye *uNyana woLuntu abe mihla mithathu nabusuku buthathu emathunjini omhlaba. 41Ngomhla womgwebo abantu baseNiniva bophakama babamangalele abantu besi sizukulwana, kuba bona bâguquka ngentshumayelo kaJona, kanti ke omkhulu kunoJona nanku phakathi kwenu. 42Ngomhla womgwebo ukumkanikazi wasezantsi wophakama abamangalele abantu besi sizukulwana, kuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku phakathi kwenu.”

Ukubuya kwendimoni

43“Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna indawo yokuphumla; ize yakuba ingayifumani, 44isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’ Ithi yakufika, iyifumane izé, itshayelwe, ilungisiwe; 45ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyakuqala. Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.”

Ezona zizalwana zikaYesu

46Kwathi uYesu esathetha nesihlwele, kwafika abantakwabo nonina, bema phandle, befuna ukuthetha naye. 47Kwaza kwakho othi kuye: “Nanku unyoko nabantakwenu phandle, befuna ukuthetha nawe.”

48Waphendula wathi kulowo wayesitsho: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?” 49Esalatha abafundi bakhe ngesandla, wathi: “Nanku umama, naba abantakwethu. 50Kaloku lowo uyenzayo intando kaBawo osezulwini nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”

UMATEWU 13

Umzekeliso ngomhlwayeli

1Kwangaloo mini uYesu waphuma endlwini, waya kuhlala ngaselwandle. Sahlanganisana ngakuye isihlwele, 2saba sikhulu kangangokuba yena waya kukhwela esikhitshaneni, wahlala kuso. Isihlwele sona sema elunxwemeni.

3UYesu ke wasifundisa isihlwele izinto ezininzi ngemizekeliso, esithi: “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela. 4Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zeza iintaka zayichola zayigqiba. 5Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba. 6Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela. 7Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula lwayiminxa. 8Enye yawa kumhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo: enye yanika ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu. 9Oneendlebe zokuva makeve.”

Injongo yemizekeliso

10Beza kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Kutheni na ukuba uthethe nabo ngemizekeliso?”

11Waphendula wathi: “Kungenxa yokuba nina nikunikiwe ukuzazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa bona abakunikwanga. 12Lowo unako uya kunikwa, abe nako nangaphezulu; kodwa lowo ungenako uya kuhluthwa kwanoko anako. 13Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso. Kaloku bebona nje, ababoni; besiva nje abeva, bengaqondi nakuqonda. 14Kwenzeka kubo njengoko *umshumayeli uIsaya walithethayo ilizwi likaThixo esithi:

“ ‘Nàkuphulaphula niphulaphule, ningaqondi noko;

nàkujonga nijonge, ningaboni nto.

15Kuba ingqiqo yaba bantu ibuthuntu,

bazivingcile iindlebe zabo, bawavala namehlo abo.

Kungenjalo babeya kubona,

beve ngeendlebe zabo, baqonde ngeengqondo zabo,

baze babuyele kum, ndize ndibaphilise.’

16“Kodwa nina ninoyolo, kuba ninamehlo abonayo, kwaneendlebe ezivayo. 17Ke ndithi kuni, inene, baninzi *abashumayeli nabantu abangamalungisa ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo, àbazibona, nokuziva izinto enizivayo, àbaziva.”

Ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli

18“Nina ke, yiveni ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli. 19Ukuba ubani uthi azive iindaba ezingolawulo lukaThixo, angàziqondi, uyeza ongendawo akuhluthe oko kwakuhlwayelwe entliziyweni yakhe. Yiyo leyo imbewu ehlwayelwe endleleni. 20Imbewu eyahlwayelwa elulwalweni ifanekisa lowo uzivayo iindaba ezi, athi kwangoko azamkele ngovuyo. 21Onjalo akanazingcambu zendeleyo; uma okomzuzwana kuphela, athi kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yeendaba ezi, oyisakale kwangoko. 22Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo. 23Eyahlwayelwa emhlabeni olungileyo ifanekisa lowo uzivayo aziqonde iindaba ezi, aze avelise isiqhamo, omnye ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomye amashumi amathathu.”

Umzekeliso ngokhula

24Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa, nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yakhe. 25Kwathi ke, xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka. 26Yakudubula ke ingqolowa, iqala ukuba neenkozo, lwabonakala ukhula. 27Zaza izicaka zaya kumnini-mzi, zathi kuye: ‘Nkosi, ibingeyombewu ilungileyo na oyihlwayeleyo entsimini yakho? Ngaba luvela phi na ke ukhula?’ 28Wathi kuzo: ‘Le nto yenziwe lutshaba.’ Zaza izicaka zathi kuye: ‘Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?’ 29Kodwa yena wathi: ‘Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa. 30Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: “Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.” ’ ”

UMATEWU 12:1-13:30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-