Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 252

Itekisi yeBhayibhile

UEZRA 6

Ukugqitywa nokuvulwa kwendlu kaThixo

13Ngoko ke ngenxa yaloo myalelo kakumkani uDariyo, uTatenayi umlawuli wakwelentshona ye-Efrati noSheta-bhozenayi kunye namahlakani abo bawufezekisa ngenyameko loo mthetho. 14Ke amadoda amakhulu amaJuda aqhubela phambili ekwakheni, aba nenkqubela ephenjelelwa ziintshumayelo *zomshumayeli uHagayi noZakariya umzukulwana kaIdo. Bagqiba ke ukuyakha indlu leyo, ngokomyalelo kaThixo kaSirayeli ndawonye nemiyalelo kaKoreshi, uDariyo noAtashasta ookumkani basePeshiya. 15Ke indlu kaThixo yagqitywa ngomhla wesithathu kwinyanga uAdare, ngonyaka wesithandathu wolawulo lukakumkani uDariyo.

16Ke amaSirayeli, ababingeleli, abaLevi, nabo bonke ababuyileyo ekuthinjweni, benza itheko lokubhiyozela ukuvulwa kwendlu kaThixo, bonwabile. 17Ekuvulweni kwendlu kaThixo banikela ngekhulu leenkunzi zeenkomo, amakhulu amabini eenkunzi zeegusha, amaxhwane angamaduna angamakhulu amane, ngokunjalo neshumi elinambini leebhokhwe ezingamaduna zedini lesono ngenxa kaSirayeli ephela – ibhokhwe enye kwindlu nganye kaSirayeli. 18Bamisela ababingeleli ngokwezindlu zabo, nabaLevi ngokwamaqela abo, ukuze benze umsebenzi kaThixo eJerusalem, ngokomyalelo obhalwe kwincwadi kaMosis.

IPasika

19Ke kaloku ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yokuqala abathinjwa ababuyileyo bayibhiyozela iPasika. 20Ababingeleli kunye nabaLevi babezihlambulule befanelekile. AbaLevi babaxhelela ixhwane lePasika bonke abathinjwa ababuyileyo; ngokunjalo namawabo ababingeleli, nabo ngokwabo bazixhelela. 21Ngoko ke onke amaSirayeli abuyileyo alitya, ndawonye nabo bonke ababezahlule kwimikhwa engcolileyo yeentlanga ababemelene nazo, ukuze bafune *uNdikhoyo uThixo kaSirayeli. 22Yaba ziintsuku ezisixhenxe belibhiyozela ngemihlali iTheko leSonka esingaNyuswanga. Kaloku uNdikhoyo wayebathe jize ngovuyo ngokuguqula iimbono zokumkani waseAsiriya, ukuze abancedise kumsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo, uThixo kaSirayeli.

UEZRA 7

Ukufika kukaEzra eJerusalem

1Kamva ke, ngethuba lolawulo lukakumkani wasePeshiya uAtashasta, kwagaleleka uEzra, ephuma eBhabheli. UEzra lo wayengunyana kaSeraya, ka-Azariya, kaHilekiya, 2kaShalum, kaZadoki, ka-Ahitubhi, 3ka-Amariya, ka-Azariya, kaMerayoti, 4kaZeraya, kaUzi, kaBhuki, 5ka-Abhishuwa, kaPineyasi, kaElazare unyana wombingeleli omkhulu uAron. 6Ke yena uEzra lo owagalelekayo ephuma eBhabheli, wayengumchazi-mthetho ochubekileyo kwezomthetho kaMosis, mthetho lowo wakhutshwa *nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Ke kaloku ukumkani wayemnike konke awayekufuna, kuba isandla sikaNdikhoyo, uThixo wakhe, sasiphezu kwakhe. 7Ngonyaka wesixhenxe wolawulo lukakumkani uAtashasta kwabakho namanye amaSirayeli abuyela eJerusalem, phakathi kwawo kukho ababingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango nezicaka zendlu kaThixo.

8UEzra wafika eJerusalem kwinyanga yesihlanu, kunyaka wesixhenxe, wolawulo lukakumkani uAtashasta. 9Kolu hambo lwakhe waphuma eBhabheli ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, waza wagaleleka eJerusalem ngomhla wokuqala kwinyanga yesihlanu, kuba kaloku isandla esikulunga sikaThixo wakhe sasiphezu kwakhe. 10Kaloku uEzra wayezinikezele ekufundeni nasekuthobeleni umthetho kaNdikhoyo, ezimisele ukufundisa amaSirayeli yonke imimiselo nemiqathango yawo.

Ileta kakumkani eya kuEzra

11Nantsi ke ikopi yeleta eyanikwa uEzra ngukumkani uAtashasta. UEzra lo wayengumchazi-mthetho, umfo ofundileyo ngakwimibandela yemiyalelo nemimiselo *kaNdikhoyo awayinikela uSirayeli:

12“UAtashasta ukumkani wezikumkani, ubhalela umbingeleli uEzra, ongumchazi-mthetho kaThixo wezulu.

“Ndiyabhotisa.

13“Ngoku ndiwisa umyalelo wokuba onke amaSirayeli alapha kulo mbuso wam, afuna ukuya nawe eJerusalem, angahamba ndawonye nababingeleli nabaLevi. 14Wena uthunywa ngukumkani ndawonye nabacebisi bakhe abasixhenxe, ukuba uye kuqonda ngoJuda neJerusalem malunga nomthetho kaThixo wakho, lowo uwuphethe ngesandla. 15Ngaphezu koko ke thatha isiliva negolide engumnikelo wokuqhutywa yintliziyo kakumkani nabacebisi bakhe, abawunika uThixo kaSirayeli ondlu yakhe iseJerusalem. 16Uze uthathe nayo yonke isiliva negolide ongayifumanayo kweli phondo laseBhabheli, ndawonye neminikelo yabantu nababingeleli yokuqhutywa yintliziyo, besenzela indlu yoThixo wabo eseJerusalem. 17Ngale mali ke uze ungaphazami ukuthenga iinkunzi zeenkomo, iinkunzi zeegusha, namaxhwane angamaduna, kananjalo ufune nezinto zeminikelo yeenkozo naleyo ithululwayo, wenze ngazo amadini eqongeni lendlu yoThixo wakho eJerusalem.

18“Ngeseleyo ke isiliva negolide, ungadibana namawenu amaJuda nenze loo nto niyibona ifanelekile ngokwentando yoThixo wenu. 19Zonke izinto ozinikelweyo zonqulo kwindlu yoThixo wakho uze uzinikezele kuThixo waseJerusalem. 20Nantoni na eyenye efunekayo kwindlu yoThixo wakho leyo kufuneka uyikhuphile yophuma koovimba bakomkhulu.

21“Ke mna kumkani uAtashasta ndiwisa umyalelo wokuba yonke into efunwa ngumbingeleli uEzra, umchazi-mthetho kaThixo wezulu, ize iqwalaselwe ikhutshwe koovimba bakwelentshona ye-Efrati. 22Ewe, angánikwa kude kuye kuma kwisiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane, nengqolowa ebunzima buziikhilogram ezilishumi lamawaka, namawaka amabini eelitha zewayini, namafutha omnquma aziilitha ezingamawaka amabini, ityuwa ke yona kangangoko ifunekayo. 23Nantoni na emiselwe indlu yakhe nguThixo wezulu mayiqwalaselwe ayenzelwe. Ngani ukuba umbuso kakumkani noonyana bakhe uyekelwe ngengqumbo? 24Kananjalo uze uqonde ukuba akunagunya lakubiza rhafu, mnikelo, namrhumo, kubabingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, okanye nomnye umntu osebenza apho endlwini kaThixo.

25“Ke wena, Ezra, ngokobulumko onabo obuphiwe nguThixo wakho, misela oomantyi nabagwebi ukuze bajonge ucwangco kubo bonke abantu abalapho kwelentshona ye-Efrati – bonke abawaziyo umthetho woThixo wakho. Bonke ke abangawaziyo uze ubafundise. 26Wonke umntu ongawuthobeliyo umthetho woThixo wakho, makohlwaywe ngokubulawa, ukugxothwa, ukuhluthwa izinto anazo, okanye ke avalelwe entolongweni.”

27Makadunyiswe uNdikhoyo uThixo woobawo, yena wenza ukumkani wayihlonela ngale ndlela indlu kaNdikhoyo eJerusalem, 28nothe wandenza ndamkeleka kukumkani nabacebisi bakhe, nawo onke amaphakathi akhe aphambili. Ngenxa yokuba ke sasiphezu kwam isandla sikaNdikhoyo uThixo wam, ndatsho ndomelela ndaqokelela amadoda aphambili kwaSirayeli, sahamba kunye.

UEZRA 8

Ababuye kunye noEzra ekuthinjweni

1Nazi iinkulu zezindlu ezabuya kunye nam, zikunye namawazo awayebhaliswe nazo, zivela eBhabheli ngemihla kakumkani uAtashasta:

    2Kwinzala kaPineyasi nguGershom,
    kwinzala kaItamare nguDaniyeli,
    kwinzala kaDavide nguHatushe 3kaShekaniya;
    kwinzala kaParoshe nguZakariya owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amahlanu abhalisiweyo;
    4kwinzala kaPahati-mowabhi nguEliyehunayi, unyana kaZeraya, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini;
    5kwinzala kaZatu nguShekaniya, unyana kaYaziyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amathathu;
    6kwinzala ka-Adin nguEbhedi, unyana kaJonatan, owayenamawabo angamadoda angamashumi amahlanu;
    7kwinzala kaElam nguYeshaya, unyana ka-Ataliya, owayenamawabo angamadoda angamashumi asixhenxe;
    8kwinzala kaShefatiya nguZebhadiya, unyana kaMikayeli, owayenamawabo angamadoda angamashumi asibhozo;
    9kwinzala kaJowabhi nguObhadiya, unyana kaYehiyeli, owayenamawabo angamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;
    10kwinzala kaBhani nguShelomiti, unyana kaYosifiya, owayenamawabo angamadoda alikhulu elinamashumi amathandathu;
    11kwinzala kaBhebhayi nguZakariya, unyana kaBhebhayi, owayenamawabo angamadoda angamashumi amabini anesibhozo;
    12kwinzala ka-Azegadi nguYohanan, unyana kaHakatan, owayenamawabo angamadoda alikhulu elineshumi;
    13kwinzala ka-Adonikam nguElifelete noJeweli noShemaya ababengabokugqibela ukufika, benamawabo angamadoda angamashumi amathandathu;
    14kwinzala kaBhigwayi ngu-Utayi noZabhudi kunye namawabo angamadoda angamashumi asixhenxe.

Ukubuyela eJerusalem

15Ke kaloku ndabahlanganisa kumlambo oya eAhava, saza ke saxhwarha khona iintsuku zantathu. Ndithe ke ndakuqwalasela phakathi kwabantu nababingeleli ndafumanisa ukuba akukho baLevi. 16Ngoko ke ndabiza uEliyezere, uAriyeli, uShemayiya, uElinatan, uYaribhi, uElinatan, uNatan, uZakariya, noMeshulam, amadoda awayeziinkokheli, noYoyaribhi noElinatan, amadoda anolwazi. 17Ndawathuma kuIdo, inkokheli yaseKasifiya. Ndabaxelela into emaze bayithethe eKasifiya kuIdo noogxa bakhe, izicaka zendlu kaThixo, ukuze basinike abalungiseleli bendlu kaThixo wethu. 18Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo esasiphezu kwethu basinika uSherebhiya umfo othumakalayo, oyinzala kaMali unyana kaLevi, unyana kaSirayeli, kunye noonyana bakaSherebhiya, nabantakwabo, ishumi elinesibhozo lamadoda, 19kunye noHashabhiya, noYeshaya inzala kaMerari, nabantakwabo noonyana babo, amashumi amabini amadoda. 20Beza kunye namakhulu amabini namashumi amabini ezicaka zendlu kaThixo, bephuma kwiqela elalimiselwe nguDavide namaphakathi ukuze lincedise abaLevi. Bonke babhaliswa ngamagama.

UEZRA 6:13-8:20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-