Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 251

Itekisi yeBhayibhile

1 YEZIGANEKO 9

Abantu ababuye ekuthinjweni

1AmaSirayeli onke adweliswa ngokwemilibo yawo encwadini yookumkani bakwaSirayeli.

AmaJuda athinjwa, asiwa eBhabheli, ngenxa yokunganyaniseki kwawo. 2Abokuqala ababuya ekuthinjweni bangena balanda ilifa labo ngamaSirayeli athile, nababingeleli, nabaLevi, nabasebenza endlwini kaThixo. 3Bekukho abendlu kaJuda, nabendlu kaBhenjamin, nabendlu kaEfrayim nekaManase ababehlala eJerusalem.

4Nazi iinkulu zabendlu kaJuda ababehlala eJerusalem: Kwinzala kaPereze, unyana kaJuda, inkulu ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani. 5Kwindlu kaShela inkulu nguAsaya izibulo, noonyana bakhe. 6Kwindlu kaZera inkulu nguJeweli. Bebonke abantu bendlu yakwaJuda babengamakhulu amathandathu anamashumi alithoba.

7Nazi iinkulu zamaBhenjamin awayehlala eJerusalem: nguSalu kaMeshulam kaHodaviya kaHasenuwa; 8uIbheneya kaJeroham; uEla kaUzi kaMikri; noMeshulam kaShefatiya kaRuweli kaIbheniya. 9La madoda ke ayeziinkulu zezindlu zakowawo. Ewonke la maBhenjamin ayengamakhulu alithoba anamashumi amahlanu anantandathu.

Ababingeleli ababemi eJerusalem

10Naba ababingeleli ababehlala eJerusalem: nguYedaya, uJoyaribhi, uJakin, 11uAzariya kaHilekiya kaMeshulam kaZadoki kaMerayoti ka-Ahitubhi, owayeligosa elikhulu lendlu kaThixo, 12uAdaya kaJehoram kaPashure kaMalekiya, noMasayi ka-Adiyeli kaYazera kaMeshulam kaMeshilemiti kaImere.

13Ababingeleli ababeziinkulu zezindlu babeliwaka elinamakhulu asixhenxe anamashumi amathandathu. Babeziingcungela kumsebenzi wendlu kaThixo.

14Naba abaLevi ababehlala eJerusalem: nguShemaya kaHashubhi ka-Azerikam kaHashabhiya, wendlu kaMerari, 15uBhakebhakare, uHerese, uGalali, uMataniya kaMika kaZikri ka-Asafu, 16uObhadiya kaShemaya, kaGalali kaJedutun, noBherekiya ka-Asa kaElikana, owayehlala kwiilali zamaNetofa.

Abagcini-masango

17Naba abagcini-masango bendlu kaThixo ababehlala eJerusalem: nguShalum, noAkubhi, noTalmon, noAhiman, nabantakwabo. Intloko yabo ibinguShalum. 18Unangoku basagada isango elingasempumalanga, elo adla ngokungena ngalo ukumkani. Mandulo babegada amasango eekampu zabaLevi.

19UShalum unyana kaKore, unyana ka-Abhiyasafu, unyana kaKora, kunye namawabo amaKora, wayephathiswe umsebenzi wokugada amasango endlu kaThixo kanye njengoko ookhokho babo babegada isango lentente esisibingelelo *sikaNdikhoyo. 20Mandulo uFineyasi, unyana kaElazare, wayebongamele abagcini-masango, yaye uNdikhoyo wayenaye. 21UZekariya, unyana kaMeshelemiya, naye wayengumgcini-sango kwindlu kaNdikhoyo.

22Bebonke abagcini-masango bendlu kaThixo babengamakhulu amabini aneshumi elinesibini. Babebalwa ngokwemimandla abahlala kuyo. Ookhokho babo babenikwe uxanduva lokuba ngabagcini-masango ngukumkani uDavide nomshumayeli uSamweli, kuba babengamadoda athembekileyo. 23Bona nenzala yabo babesoloko ke begada amasango endlu kaNdikhoyo. 24Babegada amasango kumacala omane; empumalanga nasentshonalanga, ngasentla nangasezantsi. 25Aba bagadi babencediswa ngamawabo asezilalini awayedla ngokuza kubabambela iintsuku zibe sixhenxe. 26Bekukho abaLevi abane abangabaphathi babagadi. Bona babethenjiwe, begada amagumbi noovimba bendlu kaThixo. 27Ebusuku babelala kufuphi nendlu kaThixo, ukuze bayaluse, baze bayivule yonke intsasa.

Abanye abaLevi

28Abanye kubaLevi babephethe ubugcwabalala obusetyenziswayo xa kunqulwa. Yonke into ephumayo babeyibhala, baphinde benjenjalo naxa ibuyayo. 29Abanye babephethe yonke enye impahla yendlu kaThixo, kunye nomgubo wengqolowa, newayini, namafutha omnquma, nentlaka yokuqhumisa, neziqholo. 30Umsebenzi wokucola iziqholo wona ubuphethwe ngababingeleli.

31UMatitiya, omnye wabaLevi, owayelizibulo likaShalum umKora, wayephathiswe uxanduva lokosa izonka zomnikelo. 32Kumawabo amaKohati bekukho aphathiswe umsebenzi wokosa izonka ebezibekwa etafileni *ngeMihla yokuPhumla.

33Iintloko zezindlu zabaLevi eziziimvumi bezihlala emagumbini endlwini kaThixo, zingaphathiswanga wumbi umsebenzi, kuba uxanduva lweengoma beluphethwe zizo emini nasebusuku.

34Zizo ezi ke iintloko zezindlu zabaLevi ezaziziinkulu ezihlala eJerusalem.

Ookhokho bakaSawule nenzala yakhe

35UYehiyeli, ukhokho weGibheyon, wayehlala khona. Igama lomkakhe nguMahaka. 36Ngokuzana kwabo oonyana bakhe nguAbhedon owamazibulo, ibe nguZure, uKishe, uBhali, uNere, uNadabhi, 37uGedore, uAhiyo, uZekariya, noMikeloti. 38UMikeloti wazala uShimeya. Nabo nenzala yabo bebehlala eJerusalem ngakumawabo.

39UNere wazala uKishe, uKishe wazala uSawule, uSawule wazala uJonatan, noMalkishuwa, noAbhinadabhi noEshbhali. 40UJonatan wazala uMeribhali, uMeribhali wazala uMika.

41Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, 42noAhazi owazala uYara. UYara wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri, waza uZimri wazala uMoza, 43uMoza wazala uBhineya, uBhineya wazala uRefaya, uRefaya wazala uElasa, uElasa wazala uAzele. 44UAzele ebenoonyana abathandathu. Amagama abo nguAzerikam, uBhokeru, uIshmayeli, uShariya, uObhadiya, noHanan.

1 YEZIGANEKO 9:1-44XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UEZRA 4

24Ngoko ke umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo eJerusalem wema ngxi, yada yangunyaka wesibini wolawulo lukaDariyo ukumkani wasePeshiya.

UEZRA 5

UTatenayi ubhalela uDariyo

1Ke kaloku umshumayeli uHagayi *nomshumayeli uZakariya umzukulwana kaIdo babeshumayela kwaJuda naseJerusalem egameni likaThixo kaSirayeli ophezu kwabo. 2Ke uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli noYeshuwa unyana kaJozadaki baphinda bawuqhubela phambili umsebenzi wokwakha indlu kaThixo eJerusalem. Babekunye nabashumayeli bakaThixo bebancedisa.

3Ngelo thuba ke uTatenayi umlawuli kwelentshona ye-Efrati, kunye noSheta-bhozenayi namahlakani abo, baya kubo, babuza bathi: “Nigunyaziswe ngubani ukuba niyakhe le ndlu, nisivuse esi sakhiwo?” 4Baqhuba bathi: “Khona ngoobani amagama abakhi bale ndlu?” 5Kambe ke iliso likaThixo wawo lawalusa loo madoda makhulu akwaJuda, awade amiswe, kwada kwakhutshwa ingxelo yasiwa kuDariyo, waza ke waphendula.

6Nantsi ikopi yeleta kaDariyo awayibhalelwa nguTatenayi umlawuli welentshona ye-Efrati, noSheta-bhozenayi namahlakani abo namagosa elentshona ye-Efrati. 7Ingxelo leyo bayikhuphayo yayisithi:

“Kumkani uDariyo,

“Makube hele kube chosi kuwe!

8“Siyakwazisa, kumkani, ukuba sikhe satyelela isithili sakwaJuda nendlu yoThixo omkhulu. Phaya ke sifike abantu beyakha ngamatye amakhulu, bemisa namaplanga ezindongeni zayo. Umsebenzi lowo ke wenziwa ngengqiqo, waye uhambela phambili phantsi kwesikhokelo sabo.

9“Sikhe sawancwina ngemibuzo amadoda amakhulu, sisithi: ‘Nigunyaziswe ngubani ukuba niyakhe le ndlu, nisivuse esi sakhiwo?’ 10Kananjalo siwabuzile namagama awo, khon' ukuze siwabhale aweenkokheli zawo, sikwazise ngawo.

11“Aphendula ngolu hlobo ke, athi:

“ ‘Thina sizizicaka zikaThixo wezulu nehlabathi. Ngoku ke sivusa indlu eyayakhiwe kwiminyaka yamandulo – yayakhiwe yagqitywa yingangalala yokumkani wakwaSirayeli. 12Kambe ke oobawo bamcaphukisa uThixo wezulu, waza wabanikela kuNebhukadenezare umKaledi, ukumkani waseBhabheli. Nguye ke owayidilizayo le ndlu, waza wabathimba abantu, wabasa eBhabheli.

13“ ‘Kwathi ke kunyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani waseBhabheli, ukumkani uKoreshi lowo wawisa umyalelo wokuba mayakhiwe le ndlu kaThixo. 14Kwindlu yothixo waseBhabheli wazikhupha izitya ezenziwe ngegolide nezesiliva eyayizezendlu kaThixo, zaza zathathwa nguNebhukadenezare endlwini kaThixo eJerusalem, waya nazo kwindlu yothixo wakhe eBhabheli.

“ ‘Ke ukumkani uKoreshi lowo wazinikezela kumfo ogama linguSheshbhazare, awayemmisele ukuba abe ngumlawuli, 15waza wamyalela wathi: “Thatha ezi zitya, uzise endlwini kaThixo eJerusalem, uze uyakhe indlu kaThixo leyo esizeni sayo.” 16Ngokunjalo ke uSheshbhazare lowo waza wafika wasimisa isiseko sendlu kaThixo apho eJerusalem. Ukusukela kuloo mini ke, kude kube namhlanje, yakhiwa okokoko, kodwa ayikagqitywa.

17“ ‘Ngoko ke, ukuba kukholekile kukumkani, makhe kwenziwe uphando kumaxwebhu eembali zekomkhulu laseBhabheli, ukuze kucace ukuba ukumkani uKoreshi ngenene wayewise umyalelo na wokuba mayivuswe indlu kaThixo eJerusalem. Kamva ke, mhlekazi, wosithumelela isigqibo sakho ngalo mbandela.’ ”

UEZRA 6

Umyalelo kaDariyo

1Ngoko ke ukumkani wayalela ukuba kwenziwe uphando kumaxwebhu eembali awayegcinwe koovimba baseBhabheli. 2Ke kaloku kwafumaneka umqulu komkhulu eAmeta kwiphondo lamaMedi. Kuwo ke kwakubhalwe kwathiwa:

“Isikhumbuzo:

3“Kunyaka wokuqala kakumkani uKoreshi, ukumkani wawisa umyalelo mayela nendlu kaThixo eJerusalem, esithi:

“ ‘Indlu kaThixo mayivuswe, ukuze kuyo kunikelwe amadini. Iziseko zayo mazakhiwe. Mayibe ziimitha ezimashumi mabini anesixhenxe ukuphakama, neemitha ezimashumi mabini anesixhenxe ububanzi. 4Mayibe nemiqolo emithathu yamatye amakhulu kunye nomqolo omnye wamaplanga. Iindleko zokuyakha ziza kuphuma koovimba bakomkhulu. 5Izitya zegolide nezesiliva zendlu kaThixo leyo ezazithathwe ngukumkani uNebhukadenezare apho kuloo ndlu eJerusalem, weza nazo eBhabheli, mazibuyiselwe endaweni yazo kuloo ndlu iseJerusalem; maziye kubekwa endlwini kaThixo.

6“ ‘Ngoko ke, wena Tatenayi, mlawuli wakwelentshona ye-Efrati, nawe Sheta-bhozenayi namahlakani enu, magosa elo phondo, rhoxani. 7Musani ukuphazamisana nomsebenzi wokwakhiwa kwale ndlu kaThixo. Umlawuli wamaJuda namadoda amakhulu akwaJuda mabayakhe kwasesizeni sayo indlu kaThixo leyo. 8Ngaphezu koko ke ndiwisa umyalelo wokuba loo madoda makhulu akwaJuda akha indlu kaThixo niwenzele ezi zinto:

“ ‘Inkcitho yala madoda ekwakheni mayihlawulwe ngokupheleleyo, ithathwe koovimba bakomkhulu, kwiingxowa zerhafu yalapho kwelentshona ye-Efrati, ukuze ungemi umsebenzi. 9Nantoni na efunekayo – iinkunzana zeenkomo, iinkunzi zeegusha, amaxhwane angamaduna okwenzela uThixo wezulu amadini atshiswayo, ngokunjalo nengqolowa, ityuwa, iwayini, namafutha omnquma, ngokwesicelo sababingeleli apho eJerusalem – zonke ezi zinto mabazinikwe yonke imihla kungaphazanywa, 10khon' ukuze babe nako ukumenzela amadini amkholisayo uThixo wezulu, bathandazele intlala-kahle kakumkani noonyana bakhe. 11Kananjalo ke ndiwisa umyalelo wokuba nabani na owujikayo lo mthetho, ze kuncothulwe umqadi endlwini yakhe, axhonywe abethelelwe kuwo, ke yona indlu yakhe yenziwe indawo yangasese ngenxa yelo tyala. 12Ke kaloku uThixo owamisa igama lakhe khona apho, ngamana wamkhiqa nawuphi na ukumkani naye nabani na ozama ukujika lo mthetho okanye ofuna ukutshabalalisa le ndlu kaThixo iseJerusalem.

“ ‘Ndim mna Dariyo owisa lo myalelo. Ngoko ke mawufezekiswe ngentumekelelo.’ ”

UEZRA 4:24-6:12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-