Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 249

Itekisi yeBhayibhile

UZAKARIYA 10

UThixo uyawabonelela amaJuda

1Entlakohlaza celan' imvula *kuNdikhoyo.

Nguye umenzi wamafu esiphango.

Abantu ubanika izandyondyo zemvula,

amadlelo uwatsho avelisele abantu uhlaza.

2*Imilonde-khaya ithethe inkohliso,

izangoma zibone imibono yobuxoki.

Nabaphuphayo balawula imfeketho;

suka benze intuthuzelo elambathayo.

Abantu batsho babhadula njengeegusha;

babandezelekile kukuswel' umalusi.

3“Bayandicaphukisa aba belusi.

Ndosuka ndizohlwaye ezi nkokheli.

Kaloku uNdikhoyo onamandla onke ubakhathalele abo bangumhlambi wakhe;

nditsho indlu kaJuda.

Wobenza babe njengehashe elidliselayo emfazweni.

4Kuye uJuda kovela ilitye lembombo;

sophuma kuye isikhonkwane sentente;

lovela kwakuye utolo lwemfazwe;

ewe, bophuma kuye abalawuli.

5Bonke ke boba ngamagorha,

utshaba balunyhashe ezitalatweni ezinodaka.

Baya kulwa ngobukroti, kuba uNdikhoyo ungakubo,

bawatsho adane amajoni akhwele amahashe.

6“Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda,

ndiyihlangule indlu kaJosefu.

Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo;

kaloku mna ndinenceba ngabo.

Boba ngathi zange ndibalahle.

Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo,

ndaye ke ndobaphendula.

7AmaEfrayim osuka abe ngamagorha;

zosuka zichwayite iintliziyo zabo,

ngathi' arhabule iwayini.

Abantwana bawo baya kubona bavuye,

ichwayite intliziyo yabo nguNdikhoyo.

8Ndobakhweba ndize ndibaqokelele.

Ngenene ndiza kubahlangula,

babe yinyambalala njengamandulo.

9Nakuba ndabasarhaza ezizweni,

kodwa nakwelikude baya kundikhumbula.

Bona ndawonye nenzala yabo bosinda,

baze babuyele ekhaya.

10Ndiya kubakhupha ezweni laseJiputa,

ndibaqokelele naseAsiriya.

Ndobabuyisela eGiliyadi naseLebhanon,

kangangokuba kungabikho ndawo inokubanela.

11Bophumela kulwandle lweenkathazo,

amaza alatyuzayo atsho athozame,

iziziba zeNayile zome qoko.

Iqhayiya leAsiriya lotshitsha,

iJiputa itsho ilahlekane nomsimbithi wokulawula.

12Mna Ndikhoyo ndoba nabantu bam, ndibomeleze;

baya kuhamba egameni lam.”

Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

UZAKARIYA 11

1Khawuvul' iingcango zakho, Lebhanon,

khon' ukuze umlilo uyilenye loo misedare yakho.

2Bhomboloza, wena mpayini;

kaloku wona umsedare uwile,

yatsho yavuthuluka imithi yodidi.

Jwedani nihlahlambe, mioki yaseBhashan;

kaloku intshinyela yehlathi igeciwe.

3Khawuve, nâso isimbonono sabelusi;

loo madlelo angayiwayo atshabalele.

Yiva, nanko umgqumo weengonyama ezintsha;

intshinyela yamatyholo aseJordan ibharhile.

Abelusi ababini

4*UNdikhoyo uThixo wam uthi: “Zaluse iigusha ezilungiselelwa ukuxhelwa. 5Abathengi bazo bayazixhela bangohlwaywa noko. Abathengisi bazo bathi: ‘Makabongwe uNdikhoyo, ndisisityebi!’ Kwa-abelusi bazo abo abanalusini ngakuzo. 6Ngoku sobe ndibe savelana nabantu beli lizwe,” nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. “Umntu ngamnye ndomnikezela esandleni sommelwane wakhe nokumkani wakhe. Bona bosuka balilawule ngengcinezelo ilizwe; ke mna andiyi kubahlangula esandleni sabo.”

7Ngoko ke ndawalusa umhlambi oza kuxhelwa, ingakumbi ke lowa wawuphatheke kakubi. Ndathatha iinduku zambini, enye yazo ndathi nguThandekile, eyesibini ndathi nguManyano, ndawalusa ngazo umhlambi. 8Ngenyanga enye ndabagxotha abelusi abathathu. Kaloku basuka bandicaphukela, nam ke ndasuka ndakruquka, 9ndathi: “Andiyi kuphinda ndibe ngumalusi. Ezifayo mazife, zitshabalale ezo zitshabalalayo. Ke zona eziseleyo iyileyo naleyo mazitye inyama yenye.”

10Ndasuka ke ndathatha laa nduku inguThandekile, ndayaphula nditshitshisa umnqophiso endawenzayo nazo zonke izizwe. 11Ngaloo mini ke waphuthiswa, waza nomhlambi ophatheke kakubi owandibonayo waqonda ukuba lilizwi likaNdikhoyo elo.

12Ke mna ndathi kubo: “Ukuba leyo yeyona nto ingcono kuni, ndinikeni intlawulo yam, kodwa ke, ukuba aniboni njalo, yigcineni.” Baza ke bandihlawula iingqekembe zesiliva ezimashumi mathathu.

13UNdikhoyo ke wathi kum: “Yiphose kumbumbi – nditsho elo xabiso lingako abandithengise ngalo!” Ngoko ke ndazithatha ezo ngqekembe zesiliva ezimashumi mathathu, ndaziphosa kumbumbi endlwini kaNdikhoyo.

14Ndayaphula ke nenduku yesibini ekuthiwa nguManyano; ndaba ngolo hlobo ndibuphelisile ubuzalwane phakathi kukaJuda noSirayeli.

15Waza wathi ke uNdikhoyo kum: “Phinda uthathe izikrweqe zomalusi osisityhakala. 16Kaloku kweli lizwe ndiza kuvelisa umalusi ongazikhathaleleyo ezilahlekileyo, ongawananzanga amatakane, engazibophi azinyange nezenzakeleyo; ongazondliyo nezo ziphilileyo; othe phithi kukutya inyama yezityebileyo, ade akhukhuze namanqina.

17“Mawoo, loo malusi ungento,

into esuka iwushiye umhlambi!

Akwaba ikrele lingamqhokr' ingalo,

limtyhumfuze iliso lasekunene.

Ngamana yabuna ngokupheleleyo ingalo yakhe,

iliso lasekunene lityhaphake tu.”

UZAKARIYA 12

Ibuyambo kwiJerusalem

1Nalu udaba olundilisekileyo, nditsho ilizwi *likaNdikhoyo elisingisele kumaSirayeli. UNdikhoyo ongumtwabululi wesibhakabhaka, ongumseki wehlabathi, ongumdali wobomi bomntu, uthi: 2“IJerusalem ndoyenza ibe yindebe ehexisayo kuzo zonke izizwe eziyingqongileyo. IJerusalem iya kungqingwa kunye nazo zonke iidolophu zakwaJuda. 3Ngaloo mihla iJerusalem ndoyenza ifane nelitye elinzima kunene, yaye ke nabani na ozama ukuliphakamisa losuka limgcimfize. Zonke izizwe zehlabathi zodibana ziyihlanganyele. 4Ngaloo mini, utsho uNdikhoyo, ndowarhwaqelisa onke amahashe abo, batsho baphakuzele abaphezu kwawo. Indlu kaJuda yona ndiya kuyilondoloza; ke wona amahashe onke eentlanga ndowabetha ngobumfama. 5Iinkokheli zakwaJuda zosuka zithi ezintliziyweni zazo: ‘Abantu baseJerusalem bomelele, kuba uThixo wabo nguNdikhoyo onamandla onke.’

6“Ngaloo mini iinkokheli zakwaJuda ndozenza zibe njengomlilo ophenjwe ehlathini okanye isikhuni esintumeka izithungu zengqolowa. Ziya kuzitshabalalisa zonke izizwe ezimjikelezileyo, nditsho ekunene nangasekhohlo. Ke yona iJerusalem iya kuphinda imiwe kwasendaweni yayo.

7“UNdikhoyo uya kuqala ngokuhlangula imizi yakwaJuda, ukuze isidima sendlu kaDavide neso siya kuzuzwa ngabemi baseJerusalem singasidluli esakwaJuda. 8Ngaloo mini ke uNdikhoyo uya kubakhusela abemi beJerusalem, khon' ukuze nelona bhetyebhetye phakathi kwabo lomelele njengoDavide. Isizukulwana sendlu kaDavide siya kuba phambili, sifane nesithunywa sikaNdikhoyo, sibe njengoThixo ngenkqu. 9Ngaloo mini ndiya kukulungela ukuzitshabalalisa zonke izizwe ezihlasela iJerusalem.”

Ukuzila eJerusalem

10“Indlu kaDavide ngokunjalo nabantu baseJerusalem ndiya kubathululela umoya wenceba nowokutarhuzisa. Baya kuthi besakujonga kum, mna lowo bamhlabileyo, basuke bangqukruleke ngesililo, babe ngathi bakhalela umntwana okuphela kwakhe; ewe, baya kutsho ngesofelweyo ngunyana olivela-tanci. 11Ngaloo mini isililo esiseJerusalem soba sikhulu njengeso sokulilela uHadade-rimoni kumathafa aseMegido. 12Ilizwe liya kuzila, umzi ngamnye uwodwa, nabafazi bawo bebodwa. Yoba yindlu kaDavide nabafazi bayo, ibe yindlu kaNatan nabafazi bayo, 13ibe yindlu kaLevi nabafazi bayo, ibe yindlu kaShimeyi nabafazi bayo, 14ize ibe zizindlu zonke eziseleyo, iyileyo iyodwa, nabafazi bebodwa.”

UZAKARIYA 13

Ukuhlanjululwa

1“Ngaloo mini indlu kaDavide nabemi baseJerusalem bovulelwa umthombo wokuhlambulula isono nokungcola.

2“Ngaloo mini ndowasusa amagama ezithixo elizweni, angabi sakhunjulwa mpela,” utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Ndiya kubasusa elizweni abashumayeli ndawonye nomoya ongcolileyo. 3Kothi ke, xa kukho nabani na osashumayelayo, uyise nonina abo bamzeleyo bothi kuye: ‘Ufanelwe kukufa, kuba uthetha ubuxoki egameni likaNdikhoyo.’ Ukuba ùthe washumayela ke wogwazwa ngunina noyise abamzeleyo.

4“Ngaloo mini *umshumayeli ngamnye woba neentloni ngombono wakhe xa ashumayelayo, angabi sayambatha ingubo yoboya ekhohlisa abantu. 5Ndaweni yaloo nto uya kusuka athi: ‘Andinguye umshumayeli; mna ndingumlimi. Lowo yaba ngumsebenzi wam oko ndabakho.’ 6Xa omnye embuza esithi: ‘Ngawani loo manxeba asemzimbeni?’ Wophendula athi: ‘Ngamanxeba endiwafumene endlwini yabahlobo bam.’ ”

Ukuchithakala komhlambi

7*UNdikhoyo onamandla onke uthi:

“Vuka, krelendini!

Vukelana nomalusi wam,

nditsho lo mfo usondeleyo kum.

Ewe, bulala umalusi;

iigusha ziya kuchithakala.

Ke mna ndosisa isandla sam ngaphezu kwezincinane.”

8Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Ehlabathini jikelele

isibini esithathwini

sobethwa siwe phantsi sife,

ke sona isinye esithathwini sisale.

9Isinye esithathwini ke eso

mna ndosifaka emlilweni,

ukuze sihlambuluke sibe nyulu

oku kwesiliva evavanyiweyo,

nditsho oku kwegolide enyibilikisiweyo.

Baya kulibiza igama lam,

ndize mna ndibaphendule.

Ndiya kuthi: ‘Bangabantu bam.’

Bona bathi: ‘UNdikhoyo nguThixo wethu.’ ”

UZAKARIYA 14

UNdikhoyo uya kulawula

1Ke kaloku iyeza imini *kaNdikhoyo apho amaxhoba athinjwe kuni aya kwabiwa nikhangele.

2Ndiya kuzihlanganisa izizwe zonke zize kulwa neJerusalem. Isixeko siya kuthinjwa, imizi ikhuthuzwe, abafazi badlwengulwe. Isiqingatha sabemi besixeko siya kuthinjwa, baze abantu abaseleyo bayekwe apho esixekweni.

3Ke uNdikhoyo uya kuphuma alwe nazo ezo zizwe njengoko wayesilwa ngemini yedabi. 4Ngaloo mini iinyawo zakhe ziya kuma ngxishi phezu kweNtaba yemiNquma ephambi kweJerusalem ngasempuma. Ke yona iNtaba yemiNquma iya kucandeka kubini ukusuka empuma kuye entshona, kuthi zinzi intili enkulu ngokugqithisileyo. Isiqingatha sentaba siya kunyukela emantla, size ke sona esinye sihlele ngezantsi. 5Ke nina niya kusaba ngenkalo yeentaba zam, kuba intili yezo ntaba iya kunaba iye kuthi xhaxhe ngeAzele. Nina niya kubhaca nixelise ngokuya ooyihlo-mkhulu babebaleka inyikima, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaJuda. Uya kwandula abonakale ke yena uNdikhoyo uThixo wam, esiza ephahlwe zizo zonke iingcwele zakhe.

6Ngaloo mini kobe kungekho kukhanya, kungekho ngqele naqabaka. 7Koba yimini eyodwa, engenamini nabusuku – imini eyaziwa nguNdikhoyo. Kwakufika ukuhlwa kobakho ukukhanya.

8Ngaloo mini ke kuya kumpompoza amanzi aphilisayo, ephuma eJerusalem, isiqingatha sawo sinkcenkcezele ulwandle lwasempuma, size ke esinye siye kungena kulwandle lwasentshona. Koba njalo ehlotyeni nasebusika. 9Ke uNdikhoyo uya kuba ngukumkani wehlabathi jikelele. Ewe, ngaloo mini iya kuba nguNdikhoyo yedwa, igama lakhe libe kuphela kwagama elitshatsheleyo.

10Wonke lo mhlaba, ukusuka eGebha ngasentla, kuthi xhaxhe ngeRimon ezantsi kweJerusalem, uya kuba sisithabazi sethafa. Ke yona iJerusalem iya kuwuvelela lo mhlaba isesikhundleni sayo. Isixeko siya kuqalela kwiSango lakwaBhenjamin, siye kuthi rhece kwiSango laMandulo, siye kutsho kwiSango leKona, siphume kwinqaba yakwaHananeli, sijonge kwizixovulelo zewayini zakomkhulu. 11Abantu ke baya kuhlala kuyo, ingaze iphinde itshatyalaliswe, yona iJerusalem ihlale ikhuselekile.

12UNdikhoyo uya kuzihlisela isibetho zonke izizwe ezilwe neJerusalem. Imizimba yabo iya konakala ibole lo gama besemi ngeenyawo zabo, ngokunjalo namehlo abo emakrolomeni, neelwimi zabo emilonyeni. 13Ngaloo mini uNdikhoyo uya kubahlisela ukunkwantya okukhulu abantu, umntu ngamnye axhakamfule isandla somnye, bahlaselane. 14Abemi bakwaJuda nabo baya kulwa eJerusalem. Baya kuxhaphaza amaxhoba kuzo zonke izizwe ezingabamelwane, bazenzele kubutyebi bazo – igolide, isiliva, nempahla yokunxiba, xa zizonke ke ngendlu yazo. 15Kwaeso sibetho siya kufikela amahashe, iimeyile, iinkamela, needonki, nayo yonke imfuyo ekwezo kampu zeentshaba.

16Ke kaloku amasalela azo zonke izizwe kwezo zazihlasela iJerusalem, minyaka le ngexesha letheko lamaphempe aya kuya kunqula akhahlele uKumkani, uNdikhoyo onamandla onke. 17Xa kukho isizwe ehlabathini apha esingavumiyo ukuya kunqula uKumkani onguNdikhoyo onamandla onke eJerusalem yosuka ingani imvula kuso. 18Nesizwe samaJiputa xa sithe sala ukuya, naso asiyi kuyifumana imvula – naso siya kuhlelwa sisibetho esihlela izizwe ezingavumiyo ukuya kubhiyozela itheko lamaphempe. 19Eso ke iya kuba sisohlwayo kwiJiputa nazo zonke izizwe ezingathathi nxaxheba kwitheko lamaphempe.

20Ngaloo mini neentsimbi zamahashe ziya kukrolwa umbhalo othi: “YekaNdikhoyo pheleleyo.” Iimbiza ezisendlwini zikaNdikhoyo nazo ziya kuba ngcwele kanye oku kwezitya zeqonga lamadini. 21Yonke into eyimbiza eJerusalem nakwaJuda iya kuba ngcwele, isetyenziswe xa kunqulwa uNdikhoyo onamandla onke. Abantu abenza amadini baya kusebenzisa zona xa bepheka inyama yamadini. Ngaloo mini ke akusayi kubakho bantu bashishinayo kwindlu kaNdikhoyo onamandla onke.

UZAKARIYA 10:1-14:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-