Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 248

Itekisi yeBhayibhile

UZAKARIYA 4

Umbono wesiphatho sezibane nemithi yomnquma

1Esaa sithunywa sasithetha nam sabuya seza sandivusa njengomntu ovuswa ebuthongweni bakhe, 2sathi kum: “Ubona ntoni?”

Ndaza ndathi: “Ndibona isiphatho sezibane esenziwe ngegolide. Entloko sinesitya nezibane ezisixhenxe ezinxityelelwe yimibhobho esixhenxe. 3Kanjalo esi sibane sixhakwe ngasekunene nangasekhohlo yimithi emibini yomnquma.”

4Ndabuza kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?”

5Ke isithunywa esasithetha nam saphendula sathi: “Awuzazi na ukuba ziyintoni ezi zinto?”

Ndaza ndathi: “Hayi, nkosi yam.”

6Ke sona sathi kum: “Eli lilizwi *likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

7“Kuxa uyintoni, wena ntaba iphakamileyo? Phambi koZerubhabheli wosuka ube njengethafa. Uya kubeka ilitye lokugqibela ekwakhiweni kwendlu kaThixo, abantu bekhwaza besithi: ‘Thamsanqela! Thamsanqela, Thixo!’ ”

8Ke kaloku ndafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi: 9“Izandla zikaZerubhabheli zisibekile isiseko sendlu kaThixo; ikwazizandla zakhe eziya kuyiphetha. Nawe uya kutsho uqonde ukuba uNdikhoyo onamandla onke nguye ondithumileyo kuwe. 10Ngubani owudelelayo umhla ongenaziganeko zingako? Kambe baya kuvuya bakubona uZerubhabheli ephethe isixhobo sokulungelelanisa. Ezi zibane zisixhenxe ngamehlo kaNdikhoyo ajonga ihlabathi lonke jikelele.

11Ndasibuza ke isithunywa eso ndathi: “Yeyani le minquma mibini ixhake isiphatho sezibane ngasekhohlo nangasekunene?” 12Kwakhona ndabuza ndathi: “Ngawani la masebe mabini omnquma asecaleni kwale mibhobho mibini yegolide iphokoka ioyile ebugolide?”

13Siphendule sisithi: “Awuzazi na ezi zinto?”

Ndathi: “Hayi, nkosi yam.”

14Saza ke sona sathi: “Aba ngabo babini bathanjiselwe ukukhonza iNkosi yehlabathi jikelele.”

UZAKARIYA 5

Umbono womqulu ophaphazelayo

1Ndithe ndakukhangela ndabona nanko umqulu uphaphazela. 2Isithunywa sandibuza sathi: “Ubona ntoni?”

Ke mna ndithe: “Ndibona umqulu ophaphazelayo. Umalunga neemitha ezilithoba ubude, neemitha ezine ezinesiqingatha ububanzi.”

3Saza sathi kum: “Esi sisiqalekiso esijinga phezu kwawo wonke umhlaba. Kwelinye icala kubhalwe kwathiwa wonke umntu olisela uza kugxothwa angabikho. Kanti ke kwelinye kuthiwa wonke umntu ofunga exoka uza kugxothwa angabikho. 4UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ndiza kusikhupha esi siqalekiso size singene emzini walowo ulisela, nakuwo umzi walowo ufunga igama lam exoka. Siya kuhlala apho emzini wakhe, siwutshabalalise kunye nezinti zawo namatye awo.’ ”

Umbono womfazi osebhaskitini

5Siphinde sathi gqi isithunywa ebesithetha nam, sathi kum: “Khangela, kukho nenye into evelayo.”

6Ndaza ndathi: “Yintoni na?”

Siphendule sathi: “Yibhaskiti leya ivelayo.” Saza sathi: “Iqulethe isono sabantu ehlabathini lonke.”

7Eso sivalo sayo selothe saphakama, kwathi kanti apho ngaphakathi kuhleli umfazi. 8Isithunywa sathi: “Lo mfazi umele inkohlakalo.” Saza ke samtyhiliza sambuyisela ebhaskitini, savala.

9Ndakukhangela ke ndabona apho phambi kwam abafazi ababini bephaphazela ngamaphiko abo emoyeni; ewe, babetsho ngamaphiko ngathi yingwamza. Bayichola loo bhaskiti, baphaphazela nayo esibhakabhakeni.

10Ndabuza ke apho kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ngaba bayisa phi ibhaskiti leyo?”

11Saphendula sathi: “Bayisa ezweni laseShinare apho iza kwakhelwa indlu khona. Xa seyigqityiwe ukwakhiwa loo ndlu, le bhaskiti iya kubekwa apho kwisiza sayo.”

UZAKARIYA 6

Umbono weenqwelo zokulwa ezine

1Ndiphindile ke kwakhona ndakhangela ndabona iinqwelo ezine zokulwa ziphuma phakathi kweentaba ezimbini, ntaba ezo zizezobhedu. 2Le yokuqala yayitsalwa ngamahashe abomvu, eyesibini itsalwa ngamahashe amnyama, 3eyesithathu ke ingamahashe amhlophe, kanti ke le yesine yayitsalwa ngamahashe amvubo-mazimba. 4Ndabuza apho kweso sithunywa sasithetha nam ndathi: “Nkosi yam, ngaba zithetha ntoni ezi zinto?”

5Isithunywa siphendule sathi kum: “Le yimimoya emine esuka phambi kweNkosi yehlabathi liphela. 6Laa nqwelo itsalwa ngamahashe amnyama iya kwelasentla, le yamahashe amhlophe ibheka ngasentshona, ize le yamahashe amvubo iye kwelasezantsi.”

7La amvubo wona ayengasaziva selengxamele ukutyhutyha ihlabathi lonke. Isithunywa ke sathi kuwo: “Hambani nilityhutyhe ihlabathi lonke.” Aza ke alihamba lonke ihlabathi.

8Ke kaloku sabhekisa kum sathi: “Laa mahashe aye kwelasentla asa uMoya wam khona.”

Isithsaba sikaYoshuwa

9Ilizwi *likaNdikhoyo lafika kum lathi: 10“Thatha ezaa zipho zivela kubathinjwa ababuye eBhabheli, uHeledayi, uTobhiya, noYedaya, uye nazo kwangaloo mini kwindlu kaYosiya unyana kaZefaniya. 11Ngaloo golide nesiliva bayinikeleyo yenza isithsaba, uthwese umbingeleli omkhulu uYoshuwa unyana kaYozadaki. 12Mxelele ukuba uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Umfo ekuthiwa lihlumelo uya kuhluma kule ndawo, ayivuse indlu kaNdikhoyo. 13Ewe, nguye oya kuyakha indlu kaNdikhoyo, aze avathiswe ngobuhandiba, ahlale esihlalweni, alawule, abe ngumbingeleli apho esihlalweni sakhe. Ke kobakho imvisiswano phakathi kwesi sibini.’ 14Ke isithsaba siya kunikezelwa kuHeledayi, noTobhiya, noYedaya, kunye noHelem unyana kaZefaniya, ibe sisikhumbuzo endlwini kaNdikhoyo. 15Abantu abahlala kwelikude baya kuza baze bancedise ekwakheni indlu kaNdikhoyo. Kwakuba njalo ke uya kuqonda ukuba ngenene uNdikhoyo onamandla onke undithumile kuwe. Le nto ke iya kwenzeka ukuba ulithobele ngenyameko izwi likaNdikhoyo uThixo wakho.”

UZAKARIYA 7

Okufunekayo kukunyaniseka ngaphezu kokuzila ukutya

1Ke kaloku ilizwi *likaNdikhoyo lafikela uZakariya ngomhla wesine kwinyanga yethoba uKislevu, kunyaka wesine wolawulo lukakumkani uDariyo. 2Abantu baseBhetele bathumela uSherezere noRegem-meleki namanye amadoda ukuba baye endlwini kaNdikhoyo, bathandazele intsikelelo kaNdikhoyo, 3babuze kubabingeleli bendlu kaNdikhoyo onamandla onke *nakubashumayeli, bathi: “Ngaba kusafuneka siqhubele phambili silile, sizile nokutya na, nangale yesihlanu inyanga, njengoko siqhele ukwenza iminyaka ngeminyaka?”

4Ilizwi likaNdikhoyo onamandla onke lafika kum lisithi: 5“Baxelele bonke abantu beli lizwe, ngokunjalo nababingeleli, uthi: ‘Ngokuya benizila ukutya nilila kwinyanga yesihlanu neyesixhenxe, kule minyaka imashumi asixhenxe idlulileyo, ngaba benizila ukutya nizilela mna ngqo? 6Xa benisitya nisela beningenzeli ezenu iziqu isidlo? 7Asingawo la amazwi kaNdikhoyo awabhengezwa ngabashumayeli bamandulo, xenikweni iJerusalem needolophu eziyingqongileyo bezimiwe ngabantu zinenkqubela, nditsho zona kunye nelasezantsi namathambeka asentshonalanga?’ ”

8Ilizwi *likaNdikhoyo liphinde lafika kuZakariya lisithi: 9“Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Wisani izigwebo ezinyanisekileyo, nenzelane ububele nenceba omnye nomnye. 10Musani ukubacinezela abahlolokazi neenkedama, ngokunjalo nabangeneleli kunye namahlwempu, ningayili ububi ezintliziyweni zenu omnye komnye.’

11“Kodwa zange bavume ukundiphulaphula, suka baneenkani, bandifulathela, neendlebe zabo bazivingca. 12Ewe, iintliziyo zabo zasuka zaba lukhuni okwenyengane, abavuma ukuwaphulaphula amazwi kaNdikhoyo onamandla onke, lawo wayewathumele ngoMoya wakhe *kubashumayeli bamandulo. Ngoko ke uNdikhoyo onamandla onke waba nomsindo.

13“UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ndathi ndakuthetha abaphulaphula; ngoko ke nabo bathi bakukhala andasabela. 14Ndasuka ndabachitha-chitha ngesaqhwithi, bathi saa ezizweni, baba ziimbacu. Ilizwe labo lasala libharhile, kungekho nomntu lo ongenayo nophumayo. Kwaba njalo ke ukulibharhisa kwabo ilizwe elihle.’ ”

UZAKARIYA 8

Ukusikelelwa kweJerusalem

1Laphinda lafika ilizwi *likaNdikhoyo onamandla onke lisithi: 2“Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Ndinekhwele elikhulu ngeZiyon; ewe, ikhwele lam lishushu ngakuyo.”

3Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kubuyela eZiyon, ndime eJerusalem. IJerusalem kothiwa sisixeko senyaniso, ke yona intaba kaNdikhoyo onamandla onke kothiwa yintaba engcwele.”

4Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ezitalatweni kuya kubakho amaxhego namaxhegokazi atotobayo, elowo ephethe umsimelelo esandleni sakhe, 5kananjalo izitalato zizale ngamakhwenkwe namantombazana adlala kuzo.”

6Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Inokubonakala ingummangaliso kumasalela abantu ngelo xesha, kodwa ingaba ingummangaliso na kum, mna Ndikhoyo onamandla onke?” Ewe, utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: 7“Abantu bam ndiya kubahlangula kuloo mazwe asempuma nasentshona. 8Ewe, ndobabuyisa beze kuma eJerusalem. Bona baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, ndinyaniseke kubo, ndibaphathe ngobulungisa.”

9Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Maziqine iingalo zenu, niyakhe indlu yonqulo, nina eniwevayo la mazwi athethwayo ngabashumayeli ababekho xa kwakubekwa isiseko sendlu kaNdikhoyo onamandla onke. 10Ngaphambi kwelo xesha bekungekho mali yakuqesha mntu okanye silwanyana. Wonke umntu ohambayo ebesemngciphekweni weentshaba. Kaloku ndabenza abantu bonke elowo achasane nommelwane wakhe. 11Kambe ke ngoku amasalela abantu bam andiyi kuwaphatha njengoko ndênjenjalo mandulo,” utsho uNdikhoyo onamandla onke. 12“Imbewu iya kukhula kakuhle, izidiliya zivelise iziqhamo, umhlaba unike isivuno, izulu lihlise umbethe. Zonke ke ezi zinto ndiya kuzinika zibe lilifa kumasalela aba bantu. 13Bantu bakwaJuda nakwaSirayeli, benisoloko nisisigculelo seentlanga, kodwa ke ngoku ndiza kunihlangula nitsho nibe yintsikelelo. Ngoko ke yomelelani, izandla zenu zingawi.”

14Kaloku utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ngokuya babendicaphukisile ooyihlo ndazimisela ukubazisela isithwakumbe. Ewe, zange ndiyijike loo nto ndada ndabe ndiyenzile,” utsho uNdikhoyo onamandla onke. 15“Kambe ke ngoku ndizimisele ukuyenzela okulungileyo iJerusalem nendlu kaJuda. Ngoko ke musani ukoyika. 16Nazi ke izinto emanizenze: Thethani inyaniso omnye komnye. Gwebani ngobulungisa ezinkundleni zenu, nditsho ubulungisa obuzala uxolo. 17Sanukuceba amayelenqe ngabamelwane benu, ningakuthandi ukufunga ubuxoki. Kaloku mna ndizithiyile zonke ezi zinto,” utsho uNdikhoyo.

18Lafika kum ilizwi likaNdikhoyo onamandla onke lisithi: 19“Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Inzila yokudla yenyanga yesine, eyesihlanu, eyesixhenxe, neyeshumi, ziya kuba ngamatheko ovuyo nemincili kwaJuda. Ngoko ke yithandeni inyaniso noxolo.”

20UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Kuya kuza izizwe nabemi bezixeko ezininzi, 21bathi abemi besinye isixeko baye kwesinye besithi: ‘Masihambe kwangoku siye kumbongoza uNdikhoyo, simnqule uNdikhoyo onamandla onke; nam ngokwam ndiya kuhamba.’ 22Izizwe ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza eJerusalem, khon' ukuze zimnqule zimbongoze uNdikhoyo onamandla onke.”

23Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ngaloo mihla ke ishumi lamadoda kwiilwimi zonke zeentlanga zoqokelelana kumJuda omnye, zibambelele esondweni lengubo yakhe, zithi: ‘Sifuna ukuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.’ ”

UZAKARIYA 9

Iintshaba zikaSirayeli ziyagwetywa

1Nalu udaba olindilisekileyo,

nditsho ilizwi *likaNdikhoyo

elichasene nelizwe laseHadraki.

Lona luya kuyifikela iDamasko,

kuba kaloku amehlo kaNdikhoyo akuluntu lonke,

nkqu nazo zonke izizwe zikaSirayeli.

2Luza kuyifikela iHamati esemideni,

lutsho kwiTire neSidon,

nangona zilumkile kakhulu.

3ITire yona izakhele inqaba.

Isiliva iyifumbe ngathi luthuli,

igolide ngathi yinkunkuma yesitalato.

4UNdikhoyo uza kuyohlutha yonke into enayo,

awaphelise amandla enawo elwandle.

Yosuka ilenywe ngumlilo.

5IAshkelon yobona inkwantye,

iGaza izibhija-bhije ikhwina ziintlungu.

Nethemba le-Ekron ngokwayo lovuthuluka.

IGaza yona yophulukwa yikumkani yayo,

iAshkelon itsho ilil' ibhungane.

6IAshdode yomiwa yimigqakhwe;

ndolinqamla ikratshi lamaFilistiya.

7Ndiya kuyihlutha inyama enegazi emilonyeni yabo,

ndiyikhuphe phakathi kwamazinyo abo inyama engumnikelo kwizithixo.

Amasalela abo oba ngakaThixo wethu,

abe ngathi yenye yezindlu zikaJuda,

iEkron yona ifane namaJebhusi.

8Ndoyikhusela indlu yam kumkhosi oyayo nobuyayo,

kungabi sabakho mbandezeli odlula phakathi kwabo.

Kaloku bajongwe ndim ngoku.

Ukuza kokumkani

9Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!

Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!

Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,

ethobekile, ekhwele idonki,

nditsho ithole, inkonyane yedonki.

10Ndiya kuzohlutha iinqwelo zokulwa kwaEfrayim,

namahashe emfazwe eJerusalem,

ke lona utolo lwemfazwe ndiluvikive.

Ukumkani wovakalis' uxolo ezizweni,

ulawulo lwakhe loziqhakamishel' iilwandle;

luya kusuka kumlambo iEfrati,

luye kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.

Ibuyambo

11Ke nina okunokwenu

ngenxa yegazi lomnqophiso

ndobakhulula abantu bakowenu abangamabanjwa,

baphume emhadini ongenamanzi.

12Buyelani kuyo inqaba, nina mabanjwa anikwe ithemba.

Namhlanje ndiyanazisa:

ndonibuyisela ngokuphindiweyo.

13Kuba uJuda ndimbhetya okwesaphetha,

uEfrayim yena abe litolo lam.

Ndophekuza ngoonyana bakho, Ziyon,

babe njengekrele legorha,

ndibalekuze oonyana bakho, lizwe lamaGrike.

14UNdikhoyo uya kuvela phezu kwabo,

utolo lwakhe lumenyeze njengombane,

itsho ngexilongo iNkosi uNdikhoyo,

ingqishe okwezaqhwithe zasezantsi.

15UNdikhoyo onamandla onke wobakhusela,

batsho bazitshabalalise iintshaba zabo ngamatye *eenkwitshi,

benze intswahla okwabasele iwayini.

Boba yinyhididi ligazi lotshaba,

bafane nezitya ezizele ligazi ledini,

nqwa neekona zeqonga lamadini mhla ngomnikelo.

16Ngaloo mini ke uNdikhoyo uThixo wabo wobasindisa.

Kaloku bona baba ngabantu abangumhlambi wakhe.

Bobengezela elizweni lakhe

oku kwamatye exabiso ahombisa isithsaba.

17Hayi ukuba nomtsalane nokuba kuhle kwelo lizwe!

Ingqolowa yobatsho babe nenkqubela abafana,

namagqiyazana abe njalo yiwayini entsha!

UZAKARIYA 4:1-9:17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-