Bible Reading Plan – Day 200

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 13

Ibhanti yelinen

1Watsho kum *uNdikhoyo ukuthi: “Yiya kuthenga ibhanti eyenziwe ngelinen, uyibhinqe esinqeni, kodwa ingaze idibane namanzi.” 2Ndaya kuyithenga ke loo bhanti, njengokutsho kukaNdikhoyo, ndayibhinqa.

3Libuye lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo, lisithi: 4“Thatha le bhanti uyibhinqileyo, uye emlanjeni iEfrati, ufike uyifihle emfanteni kwiliwa elilapho.” 5Ndahamba ke ndafika ndayifihla ngase-Efrati njengokutsho kukaNdikhoyo.

6Emva kwexesha elide wabuya wathi kum uNdikhoyo: “Yiya e-Efrati, ufike uthathe laa bhanti ndandithe yifihle khona.” 7Ndaya ke, ndafika ndayivumbulula apho ndandiyifake khona. Ndafika sele yonakele, kungasenakwenziwa nto ngayo.

8Lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 9“Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kwenjenjalo ke ukonakalisa ikratshi lakwaJuda, ikratshi elikhulu laseJerusalem. 10Aba bantu bakhohlakeleyo, bangandivayo, balawulwa kukuqaqadeka kweentliziyo zabo, bathe phithi kukunqula nokukhonza oothixo basemzini, baza kuba njengale bhanti yelinen kungenakwenziwa nto konke ngayo. 11Kanye njengokuba ibhanti ithiwa ntshi esinqeni somntu, umzi kaSirayeli uphela kwakunye nokaJuda ndawubophelela kum,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “khon' ukuze babe ngabantu bam, ndizenzele igama ngabo, nodumo neqhayiya, kodwa bona abevanga.”

Umphanda wewayini

12Wathi kum *uNdikhoyo: “Yithi kwaba bantu: ‘Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Wonke umphanda wozaliswa ngewayini.’ Bona ke baya kuthi: ‘Uba asiyazi kakade into yokuba wonke umphanda wozaliswa ngewayini?’ 13Uya kuthi ke wena: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Bonke abemi beli lizwe ndiza kubenza banxile, nditsho iikumkani zabo, ezo zisezihlangwini zikaDavide, ababingeleli, abashumayeli, nabo bonke abantu baseJerusalem. 14Ndiza kubakhandanisa omnye nomnye, ooyise noonyana, utsho uNdikhoyo. Usizi nenceba nemfesane ndiza kuziphosa ngasemva zingandinqandi ekubatshabalaliseni.’ ”

UJeremiya ulumkisa amawabo

15MaSirayeli, *uNdikhoyo uthethile;

bekani iindlebe nive,

niyeke ukuziphakamisa.

16Mzukiseni uNdikhoyo uThixo wenu

engekaniziseli ubumnyama

nikhubeke ezindulini ezinamathunzi;

hleze ukukhanya enikulindeleyo kujike

kube sisithokothoko

sobumnyama.

17Ukuba aniva, ndiya kukhala ngasese, ndilile ngenxa yekratshi eninalo.

Ndiya kutsho ezimathontsi ngenxa yomhlambi kaNdikhoyo othinjiweyo.

18Mxeleleni ukumkani kunye nonina ukumkanikazi,

nithi: “Zithobeni; hlalani phantsi;

kuba izithsaba zokuhlonipheka kwenu zithulwe ezintlokweni zenu.”

19Izixeko zelisezantsi zingqingiwe,

akukho bani unako ukungena.

Abantu bakwaJuda bathinjiwe,

bafudusiwe xa bebonke.

20Vula amehlo ukhangele, Jerusalem,

ubabone abavela ngasentla.

Uphi umhlambi owawuwunikiwe?

Iphi impahla emfutshane obukade uqhayisa ngayo?

21Uya kuthini xa abo ububafundisa bengabahlobo, sele benikwe amagunya phezu kwakho?

Akuyi kufikelwa yintlungu na okomfazi osikwa yinimba?

22Wakuzibuza usithi: “Zindihlela ngani ezi zinto?”

uzuqonde ukuba kungenxa yobugwenxa bakho

sele umbhinqo wakho udlakaziwe,

waza nawe wagonyamelwa.

23Angalijika na ibala lolusu lwakhe umKushe?

Yona ingwe ingawajika amabala ayo?

Nani eniqhele imikhwa emibi aninakujika nenze okulungileyo.

24“Ndiza kunichitha-chitha nixele umququ uphetshethwa ngumoya wasentlango.

25Yinxaxheba yakho leyo,

kwakunye nesabelo osahlulelwe ndim.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

“Kaloku wandilibala wathembela kwizinto zobuxoki.

26Ndiza kukuhluba izambatho zakho,

ndikubhence, libonwe ihlazo lobuze bakho,

27nditsho ukukrexeza kwakho,

nokuthabatheka kwakho yinkanuko,

ukukhanuka kwakho ezindle,

namanyala okuhenyuza kwakho.

Ndiwabonile amanyundululu akho ezindulini endle.

Mawoo, Jerusalem!

Hayi ukungcola kwakho!

Kuya kude kube nini na unje!”

UJEREMIYA 14

Imbalela

1Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo malunga nembalela, lisithi:

2“Libalele kwaJuda;

kunyembelekile kwizixeko zakhe.

Abemi bathe fohlololo emhlabeni, bambethe ezokuzila.

Kuvakala isikhalo eJerusalem.

3Iindwalutho zithuma iindwayi amanzi,

zona zifike amaqula ome qoko.

Zibuya zidanile, zityhafile, zithokombise intloko,

zingaphethe nto ngezo ngqayi zazo.

4Sele waba ngumqwebedu umhlaba;

kaloku imvula ayisani.

Bafane bee makatha abalimi;

bayanyoshoza ziintloni, bethokombise iintloko.

5Phaya endle nemazi yexhama izala ithole,

ibuye ilibukule,

kuba akukho luhlaza lukhoyo.

6Amaqwarha ema eluqayini,

asezele umoya, axel' udyakalashe.

Sele amehlo elusizi,

kub' uhlaz' alubonwa.”

7Naxa izono zethu zisigweba

sincede, Ndikhoyo, ngenxa yegama lakho.

Ewe, kufuthi-futhi sikreqa,

sakona amaxesha ngamaxesha.

8Wena Themba likaSirayeli,

wena Mhlanguli wakhe ngamaxesha okubandezeleka,

yini na ukuba ube

njengomngeneleli kweli lizwe,

ube njengomhambi othe vu ubusuku kuphela?

9Kutheni wafana nomntu odidekileyo,

kanye njengegorha elingenamandla okuhlangula?

Ngenene ukho phakathi kwethu, Ndikhoyo,

singabantu ababizwa ngegama lakho, uze ungasilahli.

10Malunga naba bantu utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Bayakuthanda ukuzula-zula;

iinyawo zabo abakwazi ukuzilawula.

Abamkholisi konke uNdikhoyo.

Uya kuhlala ebukhumbula ubungwenxa babo,

abohlwaye ngenxa yesono sabo.”

11Uthe kum uNdikhoyo: “Aba bantu uze ungabacengeli kum ukuba kulunge kubo. 12Nokuba bangade bazile ukutya, andiyi kubaphulaphula xa bekhala kum. Nokuba bangade benze amadini atshiswayo neminikelo, andisobe ndikholiseke. Ndosuka ndibatshabalalise ngekrele, ngendlala, nangesibetho sesifo.”

13Ndithe ke mna: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, uyazi ukuba abashumayeli bathetha nabantu besithi: ‘Akuzi kubakho krele nandlala apha. Ngaphaya koko utsho uNdikhoyo ukuthi: Kuyo le ndawo ndininika uxolo olungasoze luphele.’ ”

14UNdikhoyo uthe ukundiphendula: “Abo bashumayeli bathetha ubuxoki ngegama lam. Abathunywanga ndim, ndingakhange ndibayalele oko, ndingazange ndithethe nokuthetha oku nabo. Bashumayela nje imibono ebubuxoki, nokuvumisa okungento, nenkohliso yeentliziyo zabo.”

15Ke ngoko malunga nabo bashumayeli bashumayela ngegama lakhe bengathunywanga nguye utsho uNdikhoyo ukuthi: “Bathi: ‘Abayi kufikelwa likrele kwakunye nendlala abantu beli lizwe.’ Kambe abo bashumayeli bona ngokwabo baya kutshabalala ngekrele nayindlala. 16Nabo bantu babashumayezayo baya kukhutshelwa ngaphandle ezitalatweni zaseJerusalem ngenxa yendlala nalikrele. Akuyi kubakho bani uya kubangcwaba, kungayi kubakho bani uya kungcwaba nkqu nabafazi, noonyana, neentombi zabo. Ndiya kubahlisela ishwangusha ngenxa yenkohlakalo yabo.

17“Wena ke thetha eli lizwi kubo uthi:

“ ‘Antywizisa iinyembezi amehlo am imini nobusuku,

ziqukuqele ngokungenasiphelo.

Kaloku intombi engabantu bam yenzakele kakubi;

yoselwe lelinzulu lona inxeba eli.

18Ndithi ndakuphumela ngaphandle,

ndithane nqwakaqha nâbo bawe ngekrele;

ndithi ndakungena esixekweni,

ndithi mandla nâbo bawiswe liphango.

Kaloku abashumayeli kwakunye nababingeleli

bayayabula nje kwilizwe lonke.’ ”

19Ngaba, Ndikhoyo, umlahle kwaphela na uJuda?

Ngaba ikucaphuzelisa intliziyo na iZiyon?

Yini na ukuba usibethe singabi nakuphiliswa?

Besilindele uxolo, suka kwavela ububi.

Besijonge ukuphiliswa, nâko sifikelwa lunxunguphalo.

20Siyayivuma inkohlakalo yethu, Ndikhoyo,

kwakunye nobugwenxa boobawo-mkhulu.

Ewe, sikonile, Ndikhoyo!

21Ngenxa yegama lakho musa ukusibukula,

ungayihlazi iJerusalem ibhotwe lakho elidumileyo.

Wukhumbule umnqophiso owenze nathi,

ungaze uwaphule nanini na.

22Ngaba oothixo abangento beentlanga bayakwazi ukunisa imvula?

Ngaba sona ngokunokwaso isibhakabhaka singehlisa imikhwitsho?

Hayi, nguwe, Ndikhoyo, Thixo wethu, esithembele kuye;

nguwe ozenzayo zonke ezo zinto.

UJEREMIYA 15

Intshabalalo

1*UNdikhoyo uthe kum: “Nokuba kungade kube kumi uMosis kunye noSamweli apha ngaphambi kwam, bendingasokuze ndibavele aba bantu konke. Bagxothe bemke phambi kwam! 2Xa bathi: ‘Usigxothela phi?’ uze uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“ ‘Abokufa mabaye ekufeni,

abekrele ekreleni,

abendlala kwindlala,

abokuthinjwa ekuthinjweni.’

3Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiza kubamisela iindidi zibe ne zezibetho. Ikrele liza kubatyakatya, izinja zibarhuqe, badliwe ziintaka, amarhamncwa wona abagqibezele. 4Baza kutsho bacekiseke kuzo zonke izikumkani zehlabathi ngenxa yento eyênziwa eJerusalem nguManase into kaHezekiya ukumkani wakwaJuda.

5“Jerusalem, ngubani owovelana nawe,

ingubani oya kukukhuza?

Ngubani owozikhathaza ukukubuza impilo?

6Nguwe ondilahlileyo, waza wabuya umva.”

Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

“Ndidiniwe kukuba nosizi nguwe;

ngoko ke ndiya kukusa isandla ndikutshabalalise.

7Ndobachitha-chitha kuzo zonke izixeko zeli lizwe,

okomququ ophetshethwayo xa kubhulwa.

Ndobahlutha inzala abantu bam, ndibatshabalalise,

ngenxa yokuba bengafuni kwahlukana nemikhwa emibi.

8Abahlolokazi boba baninzi,

badlule intlabathi engaselwandle.

Emini emaqanda ndobazisela umtshabalalisi oonina bamadodana,

ngequbuliso ndobafikela ngonxunguphalo nokunkwantya.

9Uya kurhoxoza unina wabasixhenxe,

aphume umphefumlo,

ilanga lakhe litshone kusesemini,

ajwaqeke lihlazo naziintloni.

Abo baseleyo ndiya kubayekela kwiintshaba zabo,

zibagqibezele ngekrele.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

UJeremiya uyakhalaza

10Awu, mama, ubundizalela ni? Ngoku sendingumntu wempikiswano nengxabano ehlabathini lonke! Andibolekisanga nganto, kungekho nabani endiboleke kuye, kodwa akukho mntu ungandiqalekisiyo.

11*UNdikhoyo wathi kum: “Inene, ndokukhusela, kuba ndinenjongo elungileyo ngawe. Inene, iintshaba zakho ziya kubhenela kuwe ngexesha lentlekele nokubandezeleka. 12Unako na umntu ukuyaphula intsimbi, ngakumbi le ivela ngasentla, okanye mhlawumbi ubhedu?

13“Ubutyebi bakho nendyebo yakho, Sirayeli, ndobunikezela felefele bube lixhoba ngenxa yezono zakho ozenzileyo kulo lonke ilizwe. 14Ndiya kukunikela kwiintshaba zakho, zimke nawe, zikuse ezweni ongalaziyo, kuba ingqumbo yam ivutha okomlilo oya kukutshisa.”

15Ke mna ndithe: “Wazi konke, Ndikhoyo. Ndikhumbule, undivelele. Ndiphindezelele kwabo bandisukelayo, uze undinyamezele ndingade nditshabalale. Uyazi ukuba ndingohlaziswayo ngenxa yakho. 16Akuvakala kum amazwi akho ndiwetyisile, anditsho ndazala yimincili naluchulumanco entliziyweni yam. Kaloku ndibizwa ngokuthi ndingokaNdikhoyo uThixo onamandla onke. 17Andilibalanga kukuhlala ezimbuthweni zabagxeki, ndiziyolise kuzo. Ndahlala ndililolo, kuba isandla sakho siphezu kwam, kwaza ukukruquka kwakho kwandongamela.

18“Ngaba kutheni ke ndisahlupheka nje? Zingasapholi nje ezi zivubeko zam, yintoni zingeva kunyangwa nje? Kutheni ngathi ufuna ukungathembeki nje, ngathi ngumfula ongahlali unamanzi?”

19Ke ngoko utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ukuba uyabuyela kum, ndobuya ndikubuyisele esikhundleni sakho, ube sisicaka sam. Ndobuya ndikwenze umlomo wam, ukuba nje uyayiyeka le mbudede uyithethayo. Baza kubuyela kuwe abantu, ingabi nguwe obuyela kubo. 20Ndiza kukwenza ube ludonga oluyinqaba yobhedu; bathi bekulwa, bangakoyisi noko. Ndiza kuba nawe, ndikuhlangule, ndikusindise.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. 21“Ndiza kukuhlangula kubantu abakhohlakeleyo, ndikukhulule esandleni sabagonyameli.”

UJEREMIYA 13:1-15:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-