Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 140

Itekisi yeBhayibhile

IZAFOBE 23

1Xa uthe wahlala phantsi ukuba udle nesikhulu,

yaneliswa yiloo nto ibekwe phambi kwakho.

2Xa ngaba ungumntu otya gqitha

wubambe umqala wakho.

3Musa ukuzibawela izimuncu-muncu zakhe,

hleze uzibizele ingozi ngazo.

4Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi,

ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo.

5Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo;

ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi.

6Musa ukutya ukudla komntu ovimbayo,

ungazibaweli izimuncu-muncu zakhe.

7Kaloku yena ngumntu apha osoloko ebala indleko.

Noba angathi: “Yitya, usele,” akathethi loo nto entliziyweni yakhe.

8Ewe, iya kubuya yonke loo ntwana uyityileyo,

ube uwalahlile naloo mazwi akho okuncoma.

9Musa ukulahla amazwi akho kumntu osisityhakala;

kaloku uya kubudela ubulumko bamazwi akho.

10Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala,

nomhlaba weenkedama musa ukuwohlutha.

11Kaloku uMkhululi wazo unamandla;

nguye oya kubambana nawe ngenxa yazo.

12Zimisele ukuyiphulaphula ingqeqesho,

uyibazele iindlebe yonke into oyifundiswayo.

13Sukuyekelela ukumqeqesha umntwana;

ukuba uyamohlwaya ngoswazi akayi kufa.

14Kaloku ngokumohlwaya umntwana

uhlangula ubomi bakhe ekufeni.

15Mfo wam, ndingonwaba kakhulu

xa ingqondo yakho idlamkile.

16Ewe, ndingatsho ndibe nebhongo

xa ndikuva uthetha izinto ezithe ngqo.

17Sukuziduba intliziyo ngabenzi bobugwenxa;

nto mawuyenze wena kukuhlonela uNdikhoyo maxa onke.

18Xa usenjenjalo ngenene uya kuba nekamva,

nethemba lakho aliyi kunqanyulwa.

19Mfo wam, phulaphula ukuze ube sisilumko;

yigqale indlela oziphatha ngayo.

20Musa ukuvana nabantu abanxilayo;

ngokunjalo nabanyolukileyo bacezele.

21Kaloku wona amanxila nezidla-kudla bayahlwempuzeka,

namathongorha ambatha amadlavu.

22Mntwana wam, mphulaphule uyihlo owakuzalayo,

ungamdeli nonyoko ekwaluphaleni kwakhe.

23Wakuyifumana inyaniso sukuthengisa ngayo;

ewe, sukwahlukana nobulumko, ingqeqesho, kwanokuqonda.

24Unebhongo umzali womntwana olilungisa;

ewe, umntwana osisilumko uligugu kubazali bakhe.

25Ngenene uyihlo nonyoko mabavuye ngawe –

menze abe nemihlali lowo wakuzalayo.

26Yinikezele kum intliziyo yakho, mntwan' am;

indlela endiziphethe ngayo mayibe semehlweni akho.

27Kaloku ihenyukazi ngumhadi onzulu,

nomfazi oziphethe kakubi liqula elimxinwa.

28Ewe, uncathama oku kwesikrelemnqa,

alongeze inani labakrexezi.

29Nguwuphi umntu osezintsizini nonesingqala,

osoloko esezingxwaba-ngxwabeni ekhalaza;

nditsho ofumana enzakale nje ngelize,

umntu ongafik' etyofu-tyofu amehlo?

30Lowo ke ngulo mntu ungafika ejikelezana newayini,

esoloko ezingelana newayini exutyiweyo.

31Inkangeleko ebomvu yewayini mayingakukhangi, noba ingade imenyezele endebeni –

ewe, nditsho seyinambitheka, isihla kamnandi!

32Ekugqibeleni iwayini iluma njengenyoka,

ibinza njengerhamba.

33Ikutsho ubone izinto ezingekhoyo,

ushwaqe ubhude yonk' into.

34Ewe, ikutsho ube ngathi uphakathi elwandle,

ube ngathi ujinga epalini ebamba iseyile yesikhephe.

35Uya kubuza uthi: “Ingathi ndibethiwe nje phofu?

Hayi suka, ndingakhange ndive nje!

Akwaba bendinganako ukuphinda ndiphakame,

khe ndithi nje intwana ndiziqabule!”

IZAFOBE 24

1Musa ukumonela abantu abakhohlakeleyo ngezinto zabo,

ungakunqweneli ukuzibandakanya nabo.

2Kaloku intliziyo yabo iyila ubundlobongela,

nomlomo wabo uthetha ngokuvusa uqhushululu.

3Indlu yona yakhiwa ngobulumko,

izinziswe ngengqondo.

4Lulwazi oluzalisa amagumbi endlu,

itsho ivathiswe ngezinto ezintle nezixabisekileyo.

5Umfo osisilumko unamandla;

ewe, indoda enolwazi iya isomelela ngokomelela.

6Phambi kokuba uye emfazweni hlala phantsi ucwangcise kuqala;

uloyiso lungabakho xa unabacebisi abaninzi.

7Ubulumko yintsokotha kumntu osisiyatha;

yena uyalabalaba xa kuxoxwa kwindibano ngasesangweni.

8Umntu osoloko eyila ukwenza ububi

uya kwaziwa ngokuba nguSomayelenqe.

9Amayelenqe esidenge ayafadalala;

ke yena umntu osoloko egxeka abanye uthiyiwe ngabantu.

10Ukuba unamathidala ngamaxesha eenkathazo,

awunawo amandla okujongana nawo.

11Bahlangule abantu abaqweqwediselwa ekufeni;

basindise abo bagxadazelela ekubulaweni.

12Mhlawumbi ungathi wena: “Besingazi nto ngale nto,”

kodwa ke yena uThixo onganqatyelwa nto uyayibona inyaniso –

ukujongile, yaye uyakwazi.

Ke yena uvuza umntu ngokwezenzo zakhe.

13Mfo wam, butye ubusi, kuba bumnandi;

ewe, incindi inencasa emlonyeni wakho.

14Bukwanjalo ukuyola kobulumko:

ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,

nethemba lakho linganqanyulwa.

15Sukufana nesikhohlakali ngokulalela indlu yomntu olilungisa,

nomzi wakhe sukuwonakalisa.

16Noba angawa kangaphi na umntu olilungisa ubuya avuke;

ke zona izikhohlakali zikhubeka zitshabalale.

17Sukuluvuyelela lwakuwa utshaba lwakho,

ungavuyi xa ulubona lukhubeka,

18hleze olo vuyo lwakho lube bububi emehlweni kaNdikhoyo,

awurhoxise umsindo wakhe kulo.

19Sukuvutha ngumsindo ngenxa yabantu abenza ubugwenxa,

ungabamoneli abantu abakhohlakeleyo ngezinto abanazo.

20Kaloku umenzi wobubi akanakamva;

isibane sabantu abakhohlakeleyo siya kucinywa.

21Mntwan' am, mhlonele uNdikhoyo, ngokunjalo nokumkani,

ungadlelani nabavukeli.

22Kaloku bona babhanga ngephanyazo,

ibe ke akukho bani waziyo ukuba botshatyalaliswa nini na nguNdikhoyo okanye ngukumkani.

Ingqokelela yobulumko

23Nanga amanye amazwi ezilumko:

Yinto embi ukuba umgwebi ajonge ubuso bomntu.

24Xa esuka athi konetyala: “Umsulwa wena,”

abantu bayamthuka, zimgxeke izizwe.

25Kambe ke yena umgwebi omohlwayayo umntu owonileyo

uba nentsikelelo kunye nenkqubela.

26Impendulo ethe gca

nqwa nokuncamisa umhlobo emlonyeni.

27Qala ulungise ishishini lakho, ulime amasimi akho,

emva koko wakhe indlu

yakho.

28Sukuthi kungekho sizathu unike ubungqina obumtshonisayo ummelwane,

okanye ukhohlise ngomlomo wakho.

29Musa ukuthi: “Ndiya kwenza kuye njengoko enzile kum;

ndiya kumenzakalisa ngokwezenzo zakhe.”

30Ndathi ndihamba ndagqitha entsimini yevila;

ewe, ndadlula kwisidiliya somntu ongenangqondo.

31Sasitshone lé elukhuleni, sifuthwe nayinkunzane;

ke lona udonga olwalubiyele lwaludilikile.

32Ndakha ndee nqumama ndawubukela loo mhlola,

ndacinga nzulu ndaza ndafumanisa ukuba

33xa uthe: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane,

khe ndisonge izandla,

ndiphumle,”

34ubuhlwempu bosuka bukuchwechwele njengomkhuthuzi.

Ewe, ihambo-nzima iza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo.

IZAFOBE 25

USolomon usaqhuba

1Nezi ikwazizafobe zikaSolomon ezaqokelelwa ngamagosa kakumkani uHezekiya wakwaJuda:

2Isihomo sikaThixo siphuhliswa zizinto eziyimfihlakalo;

kambe ke sona isidima sokumkani kukuphengulula imicimbi.

3Njengokuphakama kwesibhakabhaka nobunzulu bomhlaba,

zikwanjalo ukungabi nakugocagocwa iingcamango zookumkani.

4Wakuyicwenga isiliva,

nengcibi itsho ikwazi ukuyisebenzisa;

5akukhiqwa amaphakathi aphuthileyo,

ulawulo lokumkani lutsho ludume ngokuzinza.

6Xa ukomkhulu musa ukuzigqatsa;

sukuhlala endaweni yezikhulu.

7Kaloku kubhetele ukuba yena athi: “Nyukela apha,”

kunokuba akususe kwindawo yezikhulu amatshawe ebukele.

8Sukungxamela enkundleni ngento oyibonileyo,

hleze kuvele omnye umntu nabungqina bumbi,

utsho uhlazeke ke wena.

9Xa usematyaleni nommelwane wakho

musa ukudiz' imfihlelo oyixelelweyo,

10hleze uvelwe utsho uphoxeke,

kuze ke ukuba negama elibi kwakho kuthane mbende nawe.

11Amazwi afanelekileyo

nqwa neeapile zegolide ezithiwe nca kwisiliva.

12Isilumkiso esiwa kwindlebe evayo

sifana necici legolide nesidanga segolide ecikizekileyo.

13Umthunywa onyanisekileyo kwabo bamthumayo

uhlaziya inkosi yakhe oku kwekhephu ngexa lokuvuna.

14Umntu ozigwagwisa ngokupha omnye isipho angenaso

ufana namafu anomoya angenamvula.

15Umlawuli uyacengeka ngumntu onomonde,

namazwi athambileyo amenza anikezele.

16Wakufumana ubusi butye uzilinganisela,

hleze bubuye wakubutya gqitha.

17Malungaquqi gqitha unyawo lwakho kwammelwana,

hleze akruquke nguwe, akucaphukele.

18Umntu otshonisa ummelwana wakhe ngobungqina obubuxoki

uyingozi nqwa negqudu, umkhonto, okanye utolo.

19Ukuthembela ngomntu ongathembekanga xa usenkathazweni

kufana nezinyo elonakeleyo nonyawo oluqhwalelayo.

20Ukuculela umntu oneenzingo kufana nokumhambisa ze mhla kubandayo,

okanye kunjengokonakalisa isoda ngokuyixuba neviniga.

21Xa ufumana utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya;

lwakunxanwa, luphe amanzi.

22Ngokwenjenjalo ke woba uluqhubela enguqukweni,

*noNdikhoyo wokuvuza.

23Umoya wasentla uzisa imvula,

kodwa ke yona intlebendwane iza nengxabano.

24Akunani kwaukuhlala wedwa noba kuphezu kwendlu,

ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.

25Iindaba ezimnandi ezivela kwelikude

zihlaziya oku kwamanzi abandayo emntwini odiniweyo.

26Akoyiswa sisikhohlakali umntu olungileyo

loo nto ifana nequla eligxobhekileyo okanye nomthombo ongcolisekileyo.

27Ukubutya kakhulu ubusi akulunganga;

kukwanjalo ukuhlala uzifunela imbeko.

28Umntu owoyiswayo kukuzilawula usesichengeni

oku kwesixeko esindonga

ziwileyo.

IZAFOBE 23:1-25:28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-