Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 134

Itekisi yeBhayibhile

IZAFOBE 4

Iziqhamo zobulumko

1Yiphulaphuleni, bonyana, ingqeqesho kayihlo;

yigqaleni, khon' ukuze nizuze ukuqonda.

2Ndininika eyona mfundiso iyiyo,

ngoko ke musani ukuwutyeshela umyalelo wam.

3Ngokuya ndandiseyinkwenkwana katata,

ndiselula, ndinguyedwa kamama,

4utata wayendiyala athi:

“Wazikise engqondweni yakho amazwi am,

ungayilibali imiyalelo yam;

yigcine imithetho yam, uphile.

5Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!

Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam!

6Ungaze ubushiye ubulumko, ke bona buya kukulondoloza.

Thandana nabo, khon' ukuze bukukhusele.

7Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!

Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.

8Ewe, bunonelele ubulumko, ke bona buya kukuphakamisa;

bukhwaphe, ke bona buya kukuthi jize ngesihomo.

9Boba njengentsimbi ehombisa intloko yakho,

bukuthi jize ngesithsaba esingayiwayo.”

10Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,

uze udle ubomi iminyaka emininzi.

11Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,

ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.

12Xa uhamba, ukunyathela kwakho akuyi kuphazanyiswa,

ngokunjalo naxa ubaleka akuyi kukhubeka.

13Ungaze wahlukane nengqeqesho, koko bambelela kuyo;

yilondoloze, kuba ibubomi bakho.

14Musa ukuhambisana nabantu abakhohlakeleyo,

ungahambi nasekhondweni labenzi bobubi.

15Ewe, ndithi zicezele iindlela zabo, ungahambi ngazo.

Shenxa kuzo, uhambe uzigqithe.

16Kaloku izikhohlakali azaneli kukulala zingenzanga nto imbi.

Ewe, ziphuthelwa ubusuku bonke, zide zibe zenzakalise umntu.

17Kaloku inkohlakalo sisonka abasidlayo;

ubundlobongela yiwayini abayiselayo.

18Ke yona indlela yamalungisa ifana nemitha yokusa,

yona iya iqaqamba ngokuqaqamba de ibe yimini epheleleyo.

19Kambe ke zona iindlela zabakhohlakeleyo zingumnyam' ombonde-mbonde.

Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo.

20Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,

uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.

21Amazwi am makangacimi emehlweni akho,

koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho.

22Ewe, abubomi kwabo bawafumeneyo;

ayimpilo kumzimba xa uwonke.

23Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,

kuba yona ingumthombo wobomi.

24Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,

nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho.

25Makathi ntshoo phambili amehlo akho,

neenkophe zamehlo akho zithi ngqo.

26Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni,

ukuze ihambo yakho iqiniseke.

27Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;

unyawo lwakho malubucezele ububi.

IZAFOBE 5

Izilumkiso

1Mfo wam, buve ubulumko bam,

ukubazele iindlebe ukuqonda kwam,

2ukuze ube nako ukuzilungelelanisa izinto,

futhi ukwazi ukuthetha ngengqiqo.

3Kaloku imilebe yomfazi ongakwaziyo ukuziphatha ivuza ubusi;

kwaye nenkalakahla yakhe igudile kunamafutha omnquma.

4Kanti ke ekugqibeleni uba nobukrakra okomhlonyane,

akwenzakalise okwekrele elibukhali macala.

5Kaloku iinyawo zakhe zisinga ekufeni;

ukunyathela kwakhe kubheka ngqo engcwabeni.

6Uyakuwexula kwindlela eyeyobomi;

ube wena ungayazi loo nto.

7Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,

ningashenxi koko ndinixelela kona.

8Ewe, ndithi mcezeleni umfazi onjalo,

ningasondeli nasemnyango wendlu yakhe,

9hleze amandla enu axhatshazwe ngabanye,

niyinike isikhohlakali iminyaka yenu.

10Ewe, xa ningeva ikamva lenu liya kuxhanyulwa ngabasemzini,

zize zona izinto eniziqwebileyo zibe sisisulu seentlanga.

11Ekugqibeleni ke yoba ziincwina zodwa ugcuma,

ube wona umzimba wakho uvuthuluka nezihlunu zawo.

12Uya kuthi: “Akwaba ndandingazange ndiyithiye ingqeqesho;

akwaba ndandiziphulaphule iziluleko.

13Ngenene zange ndiwaphulaphule amazwi âbo babendiyala,

zange ndiyibazele iindlebe imfundiso yabandilulekayo.

14Ngoku ke naku ndizibhaqa sendisehlazweni

ekuhlaleni naseluntwini.”

15Nyaniseka kumfazi wakho;

ewe, sela amanzi kwelakho iqula.

16Ngani ukuba abantwana bakho bathi saa,

oku komthombo omanzi wawo aphuphumela esitalatweni?

17Abantwana bakho mayibe ngabakho wedwa;

sukuvuma baxhatshazwe nangabasemzini.

18Ewe, ziyolise nomfazi wakho weenkomo,

abe ngumthombo olithamsanqa lakho –

19nditsho loo nzwakazi imanz' andonga,

elo bhadikazi lihle kunene!

Isifuba sayo sanga singakutsho ube nemihlali,

ikurhawule ngolo thando lwayo, utsho uthi ncithi.

20Mfo wam, ngani ukuba ude uthinjwe ngumfazi ongakwaziyo ukuziphatha?

Ngani ukuba ugonane nomka-mntu?

21Kaloku zonke izinto ezenziwa ngumntu ziyabonwa *nguNdikhoyo;

zonke iindlela zakhe uzijongile.

22Ke zona izenzo zomntu okhohlakeleyo zibambisa kwayena,

ajike akhonkxwe kwasisono sakhe.

23Ubulawa kukungaqeqesheki;

ewe, uphuphuthekiswa bubuhiba bakhe.

IZAFOBE 6

Ezinye izilumkiso

1Mfo wam, ukuba uthe wamela omnye umntu,

wabambana nomnye ngesandla,

2waza ke ngaloo ndlela warhintyeleka ngamazwi omlomo wakho,

wavaleleka emgibeni ngenxa yesithembiso sakho,

3nantsi ke into omawuyenze, nyana wam, ukuze ukhululeke ezandleni zommelwane wakho:

hamba uzithobe kuye,

umbongoze akukhulule.

4Ewe, ungakhe ulale ungayenzanga loo nto,

ungaphumli nokuphumla oku.

5Xelisa inxala elizihlangulayo esandleni somzingeli,

okanye intaka ephuncuka esandleni somthiyeli.

6Yiya embovaneni, vilandini;

qwalasela indlela eziphethe ngayo, nawe ulumke.

7Kaloku yona ayinankosi,

ingenamlawuli nankokheli,

8kodwa nakuba injalo iyaxakeka ehlotyeni iqokelela umphako,

izilungiselela ukutya ngexesha lokuvuna.

9Kodwa kodwa, vilandini, koda kube nini uthe tywa kuloo mandlalo?

Uya kuvuka nini kobo buthongo bakho?

10Ulibele kukuthi: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane,

khe ndisonge izandla, ndiphumle.”

11Kambe ke bona ubuhlwempu nâbo bukuchwechwela njengomkhuthuzi.

Ewe, nantso ihambo-nzima isiza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo!

12Ke yena umntu ohamba ejikeleza ethetha ezolwimi

ngungantweni wetshijolo.

13Ewe, onjalo ungafika emana encwina amehlo,

egobhana nabanye, ekhomba ngaloo minwe yakhe.

14Ngalo lonke ke elo xesha uqulunqa amayelenqe entliziyweni yakhe;

ewe, uyila ububi, aphembelele uqhushululu.

15Kuthi kunjalo ke afunyanwe yinkxwaleko ngebhaqo,

atsho enzakale ngephanyazo, angabi nakunyangeka.

16Zintandathu izinto azithiyileyo *uNdikhoyo;

gxebe, zisisixhenxe izinto ezilizothe kuye:

17amehlo endelelo,

ulwimi oluxokayo,

izandla eziphalaza igazi elimsulwa,

18intliziyo eceba amayelenqe,

iinyawo ezikhawuleza ukuquqela ebubini,

19ingqina elixokayo liyigqwethe inyaniso,

nomntu ophembelela ingxabano phakathi kwabazalanayo.

Isiyalo ngabakrexezi

20Mfo wam, yithobele imimiselo oyinikwa nguyihlo,

ungazityesheli neziluleko zikanyoko.

21Amazwi abo wamilisele engqondweni yakho nanini nanini,

uwagaxele abe sisihombo entanyeni yakho.

22Ewe, la mazwi aya kukukhokela endleleni yakho,

abe ngumlindi wakho xa ulele,

aze athethe nawe xa uvukile.

23Kaloku imiyalelo isisibane;

zona iziluleko zilukhanyiso;

ingqeqesho ekukhalimelayo ingundoqo wobomi.

24Zizo ezinokukukhwebula kumfazi oziphethe kakubi,

zikuhlangule kumfazi wasemzini olwimi lugudileyo.

25Sukunikezela umncwase ngenxa yobuhle bakhe;

sukumkhathalela nokuba selecela amehlo.

26Ihenyukazi ungalithenga nangesonka,

kanti yena umkrexezikazi angakwenza uphulukane nobomi bakho.

27Khawutsho! Uthi ungawufaka esifubeni sakho umlilo

ize impahla yakho ingatshi?

28Uthi ungawanyathela amalahle avuthayo

zize zingatshi iinyawo zakho?

29Kunjalo ke kumntu owambatha umka-mntu:

akukho namnye omchukumisayo oya kuba msulwa.

30Aligxekwa kangako isela

xa lisiba kuba lilambile.

31Noxa kunjalo lihlawuliswa kasixhenxe xa libanjiwe,

lithinjwe yonke impahla yendlu yalo.

32Ke yena umntu okrexezayo ngathi ushiywe ziingqondo;

ewe, uyazibhubhisa yena ngokunokwakhe.

33Isiqhamo salo msebenzi wakhe ziinduma nokuhlazeka;

futhi ke oko kuphoxeka kwakhe kuya kuhlala kungenakucinywa.

34Kaloku indoda enobukhwele inengcwangu;

ithi ke apho iziphindezela khona ingabi nanceba.

35Ewe, xa sele ikuloo meko ayiva zicengo,

kungekho nantlawulo iya kuyamkela noba ingakanani na.

IZAFOBE 7

Isiyalo ngomkrexezikazi

1Mfo wam, wagcine amazwi am,

uyimilisele kuwe imiyalelo yam.

2Ukuba uyayilandela imimiselo yam uya kubudla ubomi.

Ewe, imfundiso yam yilondoloze njengokhozo lweliso lakho.

3Imiyalelo yam zikhumbuze ngayo ngokungathi ibotshelelwe eminweni yakho,

ihlale ibhaliwe engqondweni yakho.

4Yithi kubulumko: “Wena ungudade wethu,”

kwingqiqo uthi: “Wena ungumwethu.”

5Xa kunjalo ke uya kusinda kumfazi okrexezayo,

ungabi nakufumaneka kumfazi wasemzini okulalanisayo ngamazwi.

6Ndikrobe ngefestile yendlu yam,

ndalunguza ndingasemva kwenqwanqwa,

7ndabona abafana abaswele ukuqonda,

phakathi kwabo ndaqaphela omnye osisityhakala.

8Wahamba ke esitalatweni apho,

waya kubhijela ngekona ngasendlwini yomfazi othile.

9Ngelo xesha ke kwakungongcwalazi, imini seyisangene,

ubusuku nobumnyama sebunkqonkqoza.

10Nâko ke kusithi gqi umfazi emkhawulela,

ethe wambu ezobuhenyukazi, eneenjongo ezigwenxa.

11Wayengungantweni womfazi othethela phezulu,

engunyawo lwambethe indlela.

12Uthi esezitalatweni abe sezindaweni zembutho,

abe elunguza nasezirhangeni.

13Lo mfazi usuke wamgona umfana lowo, wamanga;

ngobuso obungenazintloni wathi kuye:

14“Ekhaya ndenze amadini obudlelwane;

namhlanje ndizifezekisile izibhambathiso zam.

15Ndilapha nje ke bendikhangela wena,

kambe ke ngoku nguwe lo, ndikufumene!

16Nomandlalo wam ndiwulungisile;

ndiwuthe wambu ngengayiwayo ilinen yaseJiputa.

17Ewe, umandlalo wam sendiwuqhole

ngoozimore, ikhala, ndawonye nesinamon.

18Yiza ke, masibe seluthandweni kude kuse;

ewe, masizonwabise ngalo!

19Kaloku owakwam usathe tshalala;

uthathe uhambo olude, akekho ekhaya.

20Umke isipaji sakhe sizele yimali;

uya kubuya ukuthwasa kwenyanga.”

21Wamlalanisa ngaloo ntetho yakhe igudileyo,

wamwexula ngamazwi ezicengo zakhe.

22Nanko ke selerhorhozela kwangoko emva kwaloo mfazi,

selengathi yinkomo eya ekuxhelweni.

Ungena okwesiyatha emgibeni,

23luze utolo lumchane isibindi.

Oku kwentaka engqala esigwini

ulahlekelwa bubomi bakhe engaqondi.

24Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,

niwathathele ingqalelo amazwi am!

25Musa ukulandelana neendlela zomfazi onjalo,

ungaze ulahlekele kuzo.

26Kaloku zininzi iingxwelerha aziwisileyo;

linani eliphezulu amadoda awabuleleyo.

27Xa usiya endlwini yakhe usinga ekufeni;

ewe, uhlela kumagumbi elabafileyo.

IZAFOBE 4:1-7:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-