Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 122

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 120

Ukucela uncedo

Iculo labahambi.

1Ndazibika *kuNdikhoyo ndixhwalekile;

yena wandiva, wasabela.

2Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangule

kumaxoki nakubakhohlisi.”

3Nithi makenze ntoni ngani uThixo?

Nisalindele ntoni eyenye, maxokindini,

4ngaphandle kotolo lwemfazwe olubukhali,

ngokunjalo neziko elimalahle avuthayo!

5Athi ke mna, mnt' ubhacele kwaMesheki,

mna mntu uxhwarhe phakathi kwamaKedare!

6Kunini ndihlalele ukungcuchalaza

phakathi koompayipheli.

7Phi ke, ndisithi nje ndakuthetha,

basuke bahlab' umkhosi.

IINDUMISO 121

UNdikhoyo umalusi wethu

Iculo labahambi.

1Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;

yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?

2Umncedi wam *nguNdikhoyo,

yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.

3Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;

kaloku akozeli, walusa mna.

4Khangela, umalusi kaSirayeli akozeli,

engalali nokulala oku.

5Kaloku nguNdikhoyo okwalusayo –

nguye okwenzela umthunzi.

6Emini ilanga aliyi kukugqatsa;

kanti ke nenyanga ebusuku ayinakukwenza nto.

7NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;

ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.

8Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,

xa uhambayo naxa ubuyayo,

kuqalela ngoku kude kube nini-nini.

IINDUMISO 122

Izibongo zeJerusalem

Iculo likaDavide; lelabahambi.

1Hay' imincili endaba nayo basakuthi kum:

“Masihambe siye endlwini *kaNdikhoyo.”

2Naku ke ngoku iinyawo zethu zime bhuxe ngaphakathi kwamasango akho, Jerusalem.

3Ke kaloku iJerusalem yingxikela yesixeko

esakhiwe sabandakanywa saba sinye.

4Kulapho zityelela khona izizwe;

nditsho izizwe zikaNdikhoyo.

Kaloku lowo yaba ngummiselo kumaSirayeli

ukuba aye kudomboza abulele uNdikhoyo.

5Apha kulapho zikhoyo iinkundla;

nditsho iinkundla zendlu kaDavide.

6Thandazani kubekho inzolo eJerusalem, nithi:

“Makube yinkqubela kwabakuthandayo, Jerusalem;

7kuwe makube chosi, kube hele,

ukhuseleke umzi wakho jikelele.”

8Ngenxa yezihlobo nabalingane bam

nangoku ndithi: “Makube chosi, kube hele!”

9Kanti ke nangenxa yendlu kaNdikhoyo uThixo wethu

ndiya kuzabalaza ndikufunela intlala-kahle.

IINDUMISO 123

Ukutarhuzisa

Iculo labahambi.

1*Ndikhoyo, ndikhangela kuwe,

wena ohlala emazulwini.

2Kaloku namaphakathi ajonga izinwe zenkosi yawo,

nanjengokuba namaphakathikazi elindele izinwe kwinkosazana.

Nathi ke senjenjalo ukukhangela kuwe, Ndikhoyo Thixo wethu,

ude wena usenzele inceba.

3Awu, Ndikhoyo, sikwa yimfesane;

velana nathi, siyakubongoza!

Koda kube nini sisisigculelo?

4Ewe, kudala sinyamezele, sigxijwa ngabazingcayo,

sidodotyaliswa ngabacinezeli abanekratshi.

IINDUMISO 124

UThixo uyayisindisa imilowo yakhe

Iculo likaDavide; lelabahambi.

1USirayeli makatsho athi:

“Ukuba *uNdikhoyo ebengekho ngakuthi,

2ewe, ukuba besingaxhaswa nguNdikhoyo

ekuhlaselweni kwethu lutshaba,

3ngelusiginye sihleli ngokuya lwaluvutha ngumsindo.

4Ngezasitshayela iimpuphuma;

ewe, umsinga ngewawusirhaxile.

5Ngesantywiliselwa, satshona lè,

kuloo manzi alatyuzayo.”

6UNdikhoyo ngowokubongwa,

kuba yena akasiyekelanga

saba ngamaxhoba okuqwengwa.

7Thina siphuncule njengentak' esigwini;

ewe, isigu saphukile, sasinda ke thina.

8Uncedo lwethu luvela kuNdikhoyo

ongumdali wamazulu nehlabathi.

IINDUMISO 125

Ukhuseleko lwemilowo yakwaThixo

Iculo labahambi.

1Abo bakholosa *ngoNdikhoyo banjengentaba iZiyon,

yona ingasoze yashukunyiswa koko izinzile ngonaphakade.

2Kwanjengokuba iintaba ziyingqongile iJerusalem

noNdikhoyo wenjenjalo ukubaphahla abantu bakhe,

nangoku kude kube ngunaphakade.

3Izikhohlakali soze zilawule elizweni lamalungisa,

hleze namalungisa asuke enze ububi.

4Awu, Ndikhoyo, walungiselele amalungisa,

abo bantliziyo zingaphambukiyo.

5Kodwa ke bona abaphambukayo

babandakanye nezikhohlakali, Ndikhoyo.

Makube chosi, kube hele kwaSirayeli!

IINDUMISO 126

Ukucel' ibuyambo

Iculo labahambi.

1Ekusibuyiseleni *kukaNdikhoyo eZiyon,

ngokuya sasiphuma ekuthinjweni,

kwasuka kwaba ngathi liphupha.

2Safumana sagigitheka yintsini,

kwayintswahla yemincili novuyo.

Zade zatsho nezizwe zathi:

“Ngenene uNdikhoyo ubenzele izinto ezinkulu.”

3UNdikhoyo usincede kakhulu, ngoko ke siyavuya.

4Khawusibuyisele inkqubela, Ndikhoyo,

njengamanzi empompoz' entlango.

5Abo bahlwayela behlininika besezinyembezini

banga bangavuna bebobotheka yimincili.

6Abo baphuma bahambe bezibambe ngeenkophe,

bepheth' imbewu, besiya kuhlwayela,

bobuya bedanduluka, bememelela ngemincili.

Kaloku bobuya besikaza, bethwel' isivuno.

IINDUMISO 127

Ukuncoma izibele zikaNdikhoyo

Iculo likaSolmon; lelabahambi.

1Ukuba *uNdikhoyo akayakhi indlu,

bafumana bebulaleka abayakhayo.

Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko,

ancam' ubuthongo ngelize amajoni alindayo.

2Ngamampunge ukuzabalaza uzam' ukuzixhasa,

uvuka ngentseni, ulal' ezinzulwini,

ungumaphila-kukuzenzela.

Kaloku uNdikhoyo uyabaxhasa abakhe;

ewe, yena ubaxhasa belele.

3Uyabona ke, oonyana lilifa elivela kuNdikhoyo;

ngenene, abantwana sisipho esivela kuye.

4Oonyana bendodana bafana neentolo

elixhobe ngazo ijoni.

5Hay' ukuzimaseka kwendoda enesiphampa sazo!

Ayisoze yadeleka mpela,

naxa ixambulisana neentshaba enkundleni.

IINDUMISO 128

Inyhweba yabathobela uNdikhoyo

Iculo labahambi.

1Hay' inyhweba yomntu omthobelayo *uNdikhoyo,

ohamba ngokwemimiselo yakhe.

2Onjalo uyazibona iziqhamo zemisebenzi yakhe;

uhlala ngokonwaba enenkqubela.

3Inkosikazi yakhe ifana nomdiliya oyokozelayo, omi ngasendlwini;

abantwana bakhe bafana nezithole zomnquma ezingqonge isithebe sakhe.

4Ewe, ngenene unenyhweba umntu omthobelayo uNdikhoyo.

5Ngamana waphokoza amathamsanqa eseZiyon uNdikhoyo,

ke wena uyibone inkqubela yeJerusalem

ngayo yonke imihla yobomi bakho,

6ukhule ude ukhokhobe.

Makube chosi, kube hele kwaSirayeli!

IINDUMISO 129

Ukucela ukuhlangulwa

Iculo labahambi.

1USirayeli makabalise athi:

“Iintshaba zandihlasela kwandiseyimveku.

2Ewe, zanditshutshisa kwandiselula,

kodwa zange zindongamele.

3Zandixobula umqolo, ndangathi bendilinywa.

4Kambe ke yena *uNdikhoyo ulilungisa;

undikhulule kwiimbophelelo zabakhohlakeleyo.”

5Bonke abayithiyileyo iZiyon mababuye bephoxekile.

6Mabafane nengca entshula phezu kwendlu,

yona idodobalayo ingakhuli.

7Ayide isikwe nokusikwa;

futhi ayiqokelelwa ibe zizipha.

8Nabadlulayo abatsho nokutsho ukuthi:

“UNdikhoyo makanithamsanqele;

thina siyanithamsanqelisa egameni likaNdikhoyo!”

IINDUMISO 130

Ukukhululwa esonweni

Iculo labahambi.

1*Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;

ndikhala kuwe ndibindekile.

2Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,

usiphulaphule isikhungo sam.

3Ukuba ubuzigcina izono zabantu, Ndikhoyo,

ngubani obengasindayo?

4Kambe ke wena uyaxolela,

khon' ukuze uhlonitshwe.

5Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;

ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.

6Umoya wam ukholosa ngoNdikhoyo ngenzondelelo,

ngaphezu komlindi ojonge ukusa,

nangaphezu komantshingilane ojong' umsobomvu.

7Sirayeli, thembela kuNdikhoyo, kuba yena unobubele,

futhi yena ukhulula ngokupheleleyo.

8Ewe, yena uya kumkhulula uSirayeli

kuzo zonke izono zakhe.

IINDUMISO 131

Isikhungo sentobeko

Iculo likaDavide; lelabahambi.

1Awu, *Ndikhoyo, mna andizigwagwisi;

ngokunjalo mna andiziphakamisi.

Kaloku andizixakekisi ngemicimbi ephakamileyo kunokuba ndinjalo mna.

2Kodwa ndanelisekile, ndaye ndixolile.

Ndinjengosana oluthe cwaka ezingalweni zikanina;

ngenene umoya wam uphuphuma ukwanela.

3Sirayeli, khawuthembele kuNdikhoyo, kususela ngoku kude kube nini-nini.

IINDUMISO 132

Umhobe wendlu kaThixo

Iculo labahambi.

1Awu, *Ndikhoyo, mkhumbule uDavide

ngawo onke amasuka-ndihlale akhe,

2nesifungo awakwenzela sona, Ndikhoyo,

eso akuthembise ngaso, Ngangalala yakwaYakobi.

3Wathi: “Andisayi kugoduka, ndingasayi kulala,

4ngenene andisoze ndiwavale amehlo,

ndingasoze ndibuthurhe ubuthongo,

5ndingamakhelanga umzi uNdikhoyo,

nditsho ikhaya lengangalala kaYakobi.”

6Ewe, seva ngaloo mnqophiso e-Efrata,

sagagana nawo kumathafa aseYeharim, sathi:

7“Masiye kuye ebhotwe;

masiye kumnqula simkhahlele.”

8Ndikhoyo, khawuye endaweni yakho yokuphumla,

wena ndawonye netyesi yomnqophiso;

nditsho leyo ingumqondiso wamandla akho.

9Ababingeleli mabavathe ubulungisa,

abantu bakho batsholoze ngovuyo.

10Ngenxa yesicaka sakho uDavide

ungamfulatheli umthanjiswa wakho.

11Kaloku, Ndikhoyo, wamenzela isifungo uDavide,

futhi ke soze usijike, usithi:

“Omnye koonyana besinqe sakho

ndiya kumthambisa abe ngukumkani,

angene esikhundleni sakho.

12Ukuba ke bathe bawugcina

umnqophiso lo oonyana bakho,

kwanemimiselo endibafundisa yona,

noonyana babo bolawula,

bachophe esikhundleni sakho ngonaphakade.”

13Kaloku uNdikhoyo uyinyule iZiyon;

uyikhethele ukuba ibe likhaya lakhe, esithi:

14“Eli likhaya lam lokuphumla naphakade;

ndiya kuma apha ngokomnqweno wam.

15Ndiya kuyithi jize ngentabalala yendyebo;

abahlelelekileyo ndiya kubondla.

16Ababingeleli bovatha usindiso,

abantu bam batsholoze ngemihlali.

17Kuya kuvela omnye kubazukulwana bakaDavide;

ndiya kuwugcina umlibo womthanjiswa wam.

18Iintshaba zakhe ndozigalela ngehlazo;

ke olwakhe ulawulo loba nesidima nenkqubela.”

IINDUMISO 120:1-132:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-