Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 119

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 107

(IiNdumiso 107 – 150)

Ukuncoma ukulunga kukaThixo

1Mdumiseni *uNdikhoyo, kuba elungile;

ezakhe izibele zohlala zihleli.

2Ewe, mabadanduluke batsho abasindisiweyo bakaNdikhoyo,

abo abakhululeyo esandleni sotshaba;

3nditsho abo baqokelelwe kwizizwe ngezizwe,

empuma nasentshona, emantla nasezantsi.

4Bambi babebhadula entlango,

bengenaso isixeko sokuma bazinze.

5Ewe, babelamba benxanwa;

kwakugos' okwaphukayo beyoba.

6Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo bekhohliwe,

waza yena wabakhulula kwezo ngxaki zabo,

7wabakhokela ngendlela ethe ngqo,

wada wabamisa esixekweni bazinza.

8Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,

nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

9Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo,

aze amhluthise ngokulunga olambileyo!

10Abanye babehlala esithokothokweni sobumnyama,

bengamabanjwa akhonkxwe ngemixokelelwane;

11kuba kaloku bawavukela amazwi kaThixo,

bawudela ummiselo kaPhezukonke.

12Babeziinxekenxeke, besebenza nzima;

babezizigede, kungekho bani ubasizayo.

13Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,

waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.

14Wabakhupha esithokothokweni sobumnyama,

waziqhawula iimbophelelo zabo.

15Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,

nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

16Kaloku yena uyazifohloza iingcango zesinyithi,

aze azikroboze izibonda zentsimbi.

17Bambi babencithekile ngenxa yezono zabo;

ngenxa yobugwenxa babo babexhwalekile.

18Ukutya babengasafuni nokukubona;

kaloku babesebelikrobile ingcwaba.

19Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,

waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.

20Wathetha ngelizwi, baza baphila;

ewe, wabahlangula ekufeni.

21Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,

nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

22Mabenze amadini okubulela,

batsholoze bemdumisa ngemisebenzi yakhe.

23Abanye babehamba elwandle ngeenqanawa;

babephila kukurhweba elwandle.

24Babeyibona imisebenzi emikhulu kaNdikhoyo;

nditsho imimangaliso yakhe elwandle.

25Kaloku wathetha ngelizwi, kwavel' isaqhwithi,

aza ke wona amaza alatyuza.

26Iinqanawa zaphatha kunyuka, zaphatha kuzika;

ke bona abarhwebi banxuba.

27Batatazela badidizel' okwamanxila;

ewe, lalixubayele bexakiwe.

28Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,

waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.

29Wasithothisa ke isaqhwithi,

aza ke amaza olwandle azola.

30Ke kaloku bachulumacha kuba kuzolile,

waza ke wabafikisa kwizibuko ababelinqwenela.

31Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,

nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

32Ngoko ke mabamncome ebandleni labakhe,

bamdumise embizweni yamadoda amakhulu.

33Ulojika imilambo ibe yinkangala,

imithombo ibe ngumqwebedu.

34Ngenxa yenkohlakalo yabemi balo

elichumayo ulitsho libe yintlango.

35Umajik' intlango ibe sisithabazi samanzi,

elibharhileyo litsho litsits' imithombo.

36Uzimisa apho ke izilambi,

khon' ukuze zime zizinze.

37Ziyalima, zizityalela izidiliya;

ewe, zivuna intabalala yendyebo.

38Ngentsikelelo yakhe bazala bangayeki,

neenkomo zabo zihlala zisanda.

39Suka ke bancipha ngamanani,

baza ke bathobeka,

ngenxa yengcinezelo, inkxwaleko, neentsizi.

40Amatshawe uwagalele ngehlazo,

aba zizibhadu-bhadu zelibharhileyo.

41Ke bona abahlelelekileyo uyabonyula ezinkathazweni,

abatsho bande ngokwemihlambi.

42Athi akuyibona le nto amalungisa agcobe;

ke bona abangendawo baxakwe.

43Olumkileyo makazigqale ezi zinto;

abantu mabaziqonde izibele zikaNdikhoyo.

IINDUMISO 108

Ukucela ukukhuselwa ezintshabeni

(Ndum 57:7-11; 60:5-12)

1Awu, Thixo, ndizimisele ngokupheleleyo;

ewe ngenene, andithandabuzi;

ndiza kumemelela nditsholoze!

2Ndosuka ndiqubul' ihapu nekatala;

ewe, ndovuka xa kumpondo zankomo.

3Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, *Ndikhoyo;

ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe.

4Izibele zakho zibalasele ezulwini;

ukuthembeka kwakho kurhec' amafu.

5Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;

isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.

6Nceda ngamandla akho usivelele,

ukuze basinde abo ubathandayo.

7UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,

wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,

ngoloyiso ndiyayihlahlela;

intili yeSukoti yona ndiyibenge.

8IGiliyadi yeyam, noManase ngowam;

uEfrayim lelona xhadi lam;

uJuda ngumsimbithi wam.

9UMowabhi yintili yam yebhongo;

ke yena uEdom ndiyambanga.

EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”

10Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?

Ngubani onokundisa e-Edom?

11Noko usilahlile, Thixo?

Akusaphumi nemikhosi yethu?

12Sincedise ezintshabeni zethu;

kaloku olomntu uncedo luphuthile.

13Ukuba uThixo ungakuthi, siya kuphumelela;

uya kuzinyhasha iintshaba zethu.

IINDUMISO 109

Isikhalazo somntu osengxakini

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.

1Thixo wam endimncomayo,

ngani ukuba uthi cwaka,

2ndimangalelwa nje zizikhohlakali namaxoki?

Kaloku bona bandirhintyela ngobuxoki;

3bathetha izinto ezimasikizi ngam;

bandihlasela ndingenzanga nto.

4Ndandibathanda ndibathandazela,

kodwa bandibuyekeza ngokundityhola.

5Ukulunga kwam bakubuyekeza ngobubi;

uthando lwam balubuyekeza ngentiyo.

6Mmisele isibhoja lo mfo;

misa ofana naye ematyaleni.

7Ematyaleni makafunyaniswe onile,

nomthandazo wakhe mawumgwebe.

8Imihla yakhe mayinqanyulwe;

indawo yakhe mayithathwe ngomnye.

9Abantwana bakhe mababe ziinkedama,

umfazi wakhe abe ngumhlolokazi.

10Abantwana bakhe mababe zizibhadu-bhadu ezingqibayo;

mabajikeleze bazingele ukutya nasemabhodlweni.

11Ombamba ulutho wanga angamthimba;

amandla akhe makaxhatshazwe ngabasemzini.

12Ngamana akungebikho bani uvelana naye,

angabikho ozisizelayo ezo nkedama.

13Ngamana yaphanza nenzala yakhe,

igama lakhe lingaphindi likhankanywe.

14Ngamana wabuxhiba *uNdikhoyo ububi booyise,

buhlale phambi kwakhe nobubi bukanina.

15Ngamana wabugcina njalo uNdikhoyo obu bubi;

igama lakhe malicime kuthi tu emhlabeni.

16Kaloku lo mntu zange abakhathalele abahlelekileyo nabaxakekileyo,

koko wabadobelela abacinezelwa.

17Wayengumqalekisi, naye ke makaqalekiswe;

zange athamsanqele, naye ke makangakuzuzi.

18Ukuqalekisa wayekunxiba njengempahla:

makuthi nca emzimbeni njengamanzi;

makugqobhozele emathanjeni njengamafutha.

19Ewe, makube njengengubo ayambathayo;

mihla le makube yibhanti ayibhinqayo.

20Ndikhoyo, esi mayibe sisohlwayo sâbo bandimangalelayo,

abo bathetha kakubi ngam.

21Kodwa ke, Mhlekazi Ndikhoyo,

ndivelele ngenxa yegama lakho;

ndihlangule ngenxa yezibele zakho.

22Kaloku ndihlelelekile, ndixakekile;

futhi ke ndixhelekile.

23Ndithe shwaka ngokwesithunzi samarhatya;

ndivuthuluke ngokwesinambuzane.

24Nditsho ndanengevane kukungatyi;

andibhityanga, ndingumcinga!

25Iintshaba zam ziphoxisa ngam;

zakundibona zihlunguzel' intloko.

26Khawundincede, Ndikhoyo Thixo wam;

ndisindise ngokwezo zibele zakho!

27Khawubethe baqonde ukuba nguwe lo,

nguwe ondihlangulayo, Ndikhoyo.

28Mabathi bendiqalekisa nje, ube wena undithamsanqela;

bathi ntimfa ngehlazo abo bandihlaselayo.

Mna ke sicaka mandiphuphume yimincili.

29Abandimangalelayo mabavathe ihlazo;

ewe, mabalithi wambu oku komnweba.

30Ndiya kubhomboloza ndidumisa uNdikhoyo;

ndiya kumncoma phakathi kwezihlwele;

31kuba yena uyamxhasa ohlelelekileyo,

amhlangule kwabo bamsingela phantsi.

IINDUMISO 110

UNdikhoyo nomthanjiswa wakhe

Umhobe kaDavide.

1*UNdikhoyo wathi enkosini yam ukumkani:

“Hlala ngakum kweli wonga,

lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.”

2Ulawulo lwakho uNdikhoyo woluqalisa eZiyon.

Ke wena zilawule iintshaba zakho.

3Amatshawe akho ozincama engaqhutywa,

evethe eziyokoyoko zoloyiso,

mhla wagagana notshaba lwakho.

Kusasa ngejekejeke lobuthelana okombethe ulutsha.

4UNdikhoyo akayi kujika, kuba wafunga wathi:

“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki

oya kuhlala ehleli.”

5Ke yona iNkosi ingakuwe;

mhla yacaphuka iya kuzibhangisa izikumkani.

6Iya kuzingenela ngomgwebo izizwe,

zitsho ziqungquluze izidumbu zabantu;

ewe, iya kuzivikiva iziphathamandla jikelele.

7Ukumkani uya kusela ecaleni kwendlela;

ngako ke aqingqe ethwel' indwe.

IINDUMISO 111

Izibongo zikaNdikhoyo

1Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

*UNdikhoyo ndiya kumbonga ndiphelelise;

ewe, ndiya kumbonga ndikunye namalungisa ebandleni lakhe.

2Ewe, mikhulu kambe imisebenzi kaNdikhoyo;

abayilangazelelayo bayayiphicotha bayiqondisise.

3Imisebenzi yakhe inesidima nobungangamsha;

ubulungisa bakhe buhlala buhleli.

4Yena uyasikhumbuza imisebenzi yakhe;

uNdikhoyo unobubele enesisa.

5Uyabondla abo bamthobelayo;

yena akawulibali umnqophiso wakhe.

6Abantu bakhe ubabonisile amandla akhe

ngokubabèla ilifa leentlanga.

7Ewe, imisebenzi yakhe mihle, inyanisekile;

umntu angaqamela ngemimiselo kaNdikhoyo.

8Ke yona iya kuhlala ihleli;

yamiselwa ngentembeko nokunyaniseka.

9Abantu bakhe wabathi jize ngenkululeko,

waza wabamisela umnqophiso ongatshitshiyo.

Hay' ubunyulu nobungangamsha begama lakhe!

10Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.

Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.

Ewe, makadunyiswe nanini-nanini!

IINDUMISO 107:1-111:10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-