Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 102

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 9

Ukubulela uThixo umgwebi olilungisa

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngathi yilaa ngoma ithi: “Ukufa konyana.”

1Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, *Ndikhoyo,

ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.

2Ndomemelela ngemincili,

ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.

3Zithe xa zihlehlayo iintshaba zam,

zawa zatshabalala, wakuvela wena, Ndikhoyo.

4Kaloku undigwebele ityala lam;

ungqendeve esihlalweni sakho,

wena mgwebi olungileyo.

5Uzikhalimele iintlanga,

wabatshabalalisa abantw' abagwenxa,

waliphanzisa kwaphela igama labo.

6Iintshaba zethu zibhangile mpela,

uzidilize didli izixeko zazo;

sele zacimayo nasezingqondweni.

7Kodwa uNdikhoyo uya kuhlal' elawula kude kube nini-nini;

selengqendeve enkundleni yakhe, elungele ukugweba.

8Ulilawula ngobulungisa elimiweyo;

azigwebe kakuhle zonke iintlanga.

9NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;

nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo.

10Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;

kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.

11Mbongeni uNdikhoyo ongqendeve ebhotwe eZiyon;

zibhengezeni eluntwini izinto asenzele zona.

12Uyaliphindezela igazi labacinezelweyo;

akasilibali isikhalo sabo baselusizini.

13Ndenzele inceba, Ndikhoyo;

bona indlela abandiphethe ngayo abo bandithiyileyo,

wena ondihlangula ethunzini lokufa.

14Mandiluxele udumo lwakho

phakathi kwabantu bakho eJerusalem.

Ewe, ndinemincili ngenxa yokuba undihlangule.

15Iintlanga zeyele kumhadi ebeziwembile,

zabhajiswa sisabatha ebezisithiyile.

16Uzibonakalisile uNdikhoyo, wasiwisa isigwebo;

izikhohlakali zarhintyelwa kwayimisebenzi yazo.

17Ziya kwelabafileyo izikhohlakali,

neentlanga zonke ezimfulathelayo uThixo.

18Kaloku akayi kusoloko elityalwa amahlwempu;

ithemba labahlelelekileyo aliyi kusoloko lifuthaniselwe.

19Lamla, Ndikhoyo; malungaphakami uluntu;

mazize phambi kwakho uzigwebe iintlanga.

20Zenze zikoyike, Ndikhoyo,

ziqonde ukuba zingabantu nje kuphela.

IINDUMISO 10

Ukucela uncedo

1Yini na, *Ndikhoyo? Wachasela?

Kutheni? Wazifihla ngexesha longxunguphalo?

2Abantw' abagwenxa banolunya;

bayabaleqa ababuthathaka.

Mabarhintyelwe kwangaloo mayelenqe abo.

3Bayazidla ngaloo magugwana abo,

bazicengezele konempumelelo,

bamdele uNdikhoyo.

4Libathe lwale ikratshi abantw' abagwenxa;

bade bazikhohlise ngokuthi: “Akukho Thixo ngandawo!”

5Zinempumelelo zonk' iinzame zabo,

kodwa imiyalelo yakho ikude lee kubo.

Bayazeya zonke iintshaba zabo.

6Baziqhayisa ngokuthi abasoze boyiswe nto bona,

abasoze balibone ishwangusha.

7Umlomo wabo mbi, uzel' izishwabulo, ubuxoki, nezisongelo;

basoloko beceba ububi nobutshinga.

8Bahamba bencathama ngezindlu ezixekweni,

bezungul' ukugwint' abantw' abangenatyala,

balalel' abantw' abangenakuzikhusela.

9Bazimel' engontsini, baxel' ingonyama,

ilalel' ixhoba elingumnt' oludwayi;

xhakamfu bambambise ngomgibe wabo!

10Nal' olo sizana lungen' esigwini lusoyisakala.

11Bathi xa bezikhohlisa: “UThixo akakhathali;

akahoyanga nto; akasoz' aqonde.”

12Lamla, Ndikhoyo; caca ukuba unguThixo!

Sukubalibal' abantw' abahlelelekileyo!

13Kungani bekudela nje abantw' abagwenxa?

Kutheni le nto bade bathi: “Akukho nt' aya kuyenza loo Thixo”?

14Ewe, wena uzijongile wazibona iintlupheko neentsizi,

khon' ukuze ulungele ukusisiza.

Ewe, zibalekela kuwe nazo iindwayi,

wena ongumncedi weenkedama.

15Zaphul' iimpondo ke izikrelemnqa nabantw' abagwenxa;

bohlwaye ide iphele nya inkohlakalo yabo.

16Ngukumkani uNdikhoyo kuya kude kube nini-nini.

Zobhanga ziphele nya emhlabeni iintshaba zakhe.

17Ndikhoyo, uyaziva izicelo zabantw' abathobekileyo;

uyabavuselela, uziphendule izicelo zabo.

18Iinkedama nabacinezelweyo uyabaqwebela,

khon' ukuze oonyana babantu bangagrogrisi mntu ehlabathini.

IINDUMISO 11

Ukuthembela ngoThixo

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Ndithembele *ngoNdikhoyo nje,

ningathini ukuthi: “Balekela ezintabeni zenu njengentaka!

2Kaloku abantw' abagwenxa sebejolisile ngesaphetha esinotolo,

bajolisel' ukulidubul' emnyameni ilungisa.

3Xa sekudilike neziseko nje,

lingenzani ke lona ilungisa?”

4UNdikhoyo ukwibhotwe lakhe elilodwa,

uhlel' esihlalweni sakhe ezulwini.

Uyabagqala oonyana babantu,

uyazibona izintw' abazenzayo,

5uyabavavany' abalungileyo nabagwenxa,

abathiye ngentiyokazi enkulu abaphalazi-gazi.

6Uya kubabetha ngesichotho sesalfa namalahl' avuthayo abantw' abagwenxa;

iziphango nezaqhwithi ziba sisabelo sabo.

7Kaloku ulilungisa uNdikhoyo;

uyazithanda izenzo ezilungileyo.

Abo balungisayo bobonana naye ubuso ngobuso.

IINDUMISO 12

Ukucela uncedo

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngebhasi.

1Nceda, *Ndikhoyo!

Akukho namnye umnt' olungileyo;

baphelile abantw' abathembekileyo.

2Bathetha ubuxok' abantu, bekhohlisana.

Bav' amantyontyelo baxokisane ngeentethw' ezimbaxa.

3Wobaqhawul' imilebe uNdikhoyo abantw' abakhohlisayo;

wobashunqul' iilwimi abantw' abazigwagwisayo.

4Nditsho nkqu abo bathi: “Sophumelela ngolwimi lwethu.

Iyeyethu nje imilebe le, ngubani owosixelela emasikuthethe?”

5“Ndiza kulamla ke ngoku,” utsho uNdikhoyo,

“ngenxa yokuba amahlwempu ayacinezelwa,

neentsizana ziyancwina.

Ndobanika oko kuphumla bakulangazelelayo.”

6-7Zithembekile izithembiso zikaNdikhoyo,

azinasibhidi, zinjengesiliva enyityilikiswe eziko kasixhenxe.

Uzigcinile izithembiso zakho, Ndikhoyo;

sigcine sikhuselekile kubantw' abagwenxa.

8Basingqonge macal' onke abantw' abagwenxa,

lo gama wonke ubani ekuvuyela ukungcola.

IINDUMISO 13

Ukucela uncedo

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Koda kube nini na, *Ndikhoyo, undilibele kwaphela?

Koda kube nini na ndingakuboni?

2Koda kube nini na ndinomva-ndedwa,

ndinesingqala, ibuhlung' imini yonke intliziyo yam?

Koda kube nini zindivuyelel' iintshaba zam?

3Bek' iindlebe, Ndikhoyo, undive, Thixo wam.

Ndihlaziye, hleze ndilal' ubuthongo bokufa,

4hleze luthi lundoyisil' utshaba lwam,

bachwayit' ababandezeli, kuba ndoyisiwe.

5Kodwa ndithembe uthando lwakho olungajikiyo;

ndochulumacha kuba uyandihlangula.

6Ndombonga uNdikhoyo, kuba endiphethe ngobubele.

IINDUMISO 14

Abakhohlakeleyo

(Ndum 53)

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.

Zonakele, futhi zenza amasikizi;

akukho ulungisayo kuzo.

2Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu;

uhlel' ezulwini efuna ukuqonda

ukuba ngaba sikho na isilumko,

nditsho ofuna ukunqula uThixo.

3Kambe ke bonke bemkile,

xa bebonke bonakele;

kuba akakho olungisayo,

nditsho nokuba abe mnye.

4Abanangqondo na abakhohlakeleyo;

abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,

bangamnquliyo nokumnqula uNdikhoyo?

5Baya kunkwantya benkwantyile,

kuba uThixo ukunye nâbo bamthobeleyo.

6Nangona aminxwayo amacebo osizana,

nguNdikhoyo olixhadi lalo.

7Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli,

akuba uNdikhoyo eyibuyisile inkqubela yabantu bakhe.

AbakwaYakobi baya kugcoba;

ewe, ochulumacha amaSirayeli.

IINDUMISO 15

Undwendwe lukaNdikhoyo

Umhobe kaDavide.

1*Ndikhoyo, ngubani oya kuba lundwendwe lwakho;

ingubani oya kutyelela kwakho?

2Ngulowo uhambo ingenabala,

owenza ubulungisa,

ayithethe inyaniso engafihlisi.

3Ngulowo unganyelisiyo,

ungamenziyo into embi uwabo,

ungamhlebiyo ummelwana wakhe.

4Ngobadelayo abo babukulwe nguThixo,

abancome abo bamoyikayo uNdikhoyo,

ofunga angajiki noba kunyembelekile.

5Ngongabolekisi ngemali yakhe,

ngenxa yokuba efuna inzala;

ngongekhe anyotywe ngokuthengisa umnt' ongenatyala.

Lowo ke wenjenjalo

ngumnt' ozinzileyo.

IINDUMISO 16

Umthandazo wethemba

Ucamngco lukaDavide.

1Ndikhusele kaloku, Thixo;

ndithembele ngawe.

2Ewe, ndiyazibika, *Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam;

ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani.

3Kuba mna ulonwabo lwam luphakathi kwemilowo yakwaThixo;

nditsho leyo itshatsheleyo kweli hlabathi.

4Bazandisel' iintsizi abo bazinyulela *thixo wumbi.

Andiyi kuba nanxaxheba kumadini abo;

andiyi kubanqula ngomlomo wam oothixo babo.

5Nguwe kuphela, Ndikhoyo, inxaxheba endiyabelweyo;

lisentendeni yesandla sakhw' ibango lam.

6Isabelo sam sisendaweni entle;

hayi ukuba lihle kwalo ilifa lam!

7Mbongeni uNdikhoyo ngokuba endiphe icebo;

nesazela sam siyandiluleka ebusuku.

8Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;

ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.

9Yiyo ke loo nto ndihleli ndichwayitile nje;

ngenene ndiziva ndikhuselekile.

10Kaloku akuyi kundishiya enyanyeni ndide ndife;

akuyi kusiyeka sibole isicaka sakho esithembekileyo.

11Wena undazisa iindlela zobomi;

kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.

Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.

IINDUMISO 17

Umthandazo womntu ongenankohliso

Umthandazo kaDavide.

1Kuphulaphule ukunyaniseka kwam, *Ndikhoyo;

kubazel' iindlebe ukutarhuzisa kwam.

Yiva, nas' isicelo sam.

Kaloku mna andinankohliso.

2Malicace kuwe ibango lam;

amehlo akho makakhangele ngokungenaxanasi.

3Uyicikidile intliziyo yam, wandivelela ebusuku;

undivavanyile, akwafumana bugwenxa kum.

Kaloku ndizimisele ukungoni,

nditsho nangokuthetha oku.

4Andixelisang' abany' abantu ngokuphikisana nomyalelo wakho;

ndizikhwebule kwiindlela zamathanda-gazi.

5Ndithe ngcembe, ndihamba ngendlela yakho;

andaphambuka konke kuyo.

6Ndizibika kuwe, Thixo; kaloku uyandiva;

zibaze iindlebe, uwuve umthandazo wam.

7Bonakalisa uthando lwakh' olungagugiyo,

wena msindisi wâbo bathembela ngawe,

ubakhusele ezintshabeni zabo.

8Ndilondoloze ngokokhozo lweliso lakho,

undisithelise ngethunzi lamaphiko akho

9kubantw' abagwenxa abandihlaselayo,

kwezo ntshaba zindingqongileyo, zifuth' inkohlakalo.

10Azinalo novelwano;

zithe lwale likratshi.

11Ziyandizungula, zifun' ukundirhangqa;

zindithe ntsho ngamehlo, zijong' ukundiqethula.

12Zifun' ukundithi qwenge-qwenge zixel' ingonyama;

zindilalele zincatham' engontsini njengerhamncwa.

13Lamla, Ndikhoyo; zikhalimele iintshaba, uzichithe!

Ndihlangule ngekrele lakho kubantw' abagwenxa.

14Ndihlangule, Ndikhoyo, koohlohlesakhe abazisu zimbaxa,

betsho ngenyambalala yoonyana.

Bathi zubelele bafe,

babushiyel' oonyana obo butyebi.

15Mna ndobonana nawe ngenxa yobulungisa bam;

ndokwaneliswa kukubona wena xa ndivukayo.

IINDUMISO 9:1-17:15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-