Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 101

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 1

(IiNdumiso 1 – 41)

Ilungisa nomoni

1Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,

ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,

umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo.

2Lowo wonwatyiswa yimiyalelo *kaNdikhoyo,

ayetyise emini nasebusuku.

3Unjengomth' otyalwe ngasemijelweni yamanzi,

umth' ovelisa iziqhamo ngexesha leziqhamo,

umth' omagqabi angasoz' abune.

Ewe, konk' akwenzayo umnt' onjalo kuyaphumelela.

4Àbanjalo kambe bona abantw' abagwenxa;

bona banjengomquq' ophetshethwa ngumoya.

5Ngenxa yoko aboni abanako ukujongana nenkundla,

koko bona baya kugxothwa embizweni yamalungisa.

6Kaloku uNdikhoyo uyalusile indlela yamalungisa;

ke indlela yabakhohlakeleyo iya kudaka.

IINDUMISO 2

UMthanjiswa kaThixo

1Ngani na izizwe zisenza imbudumbudu nje?

Ngani na abantu besenza amayelenqe azé nje?

2Ookumkani bemi bume,

neziphathamandla zenza amabhunga

okuvukela *uNdikhoyo nomthanjiswa wakhe, besithi:

3“Masiziqhawule ezo mbophelelo zabo,

sikhululeke kuloo makhamandela abo.”

4Lowo ungqendeve esihlalweni sakhe ezulwini uyabahleka;

uNdikhoyo usuka abagxwale.

5Uya kusuka akhalimele ngomsindo,

abankwantyise ngengqumbo yakhe, athi:

6“Ndim lo umisele lo kumkani wam phezu kweZiyon,

intaba yam ncakasana.”

7Ewe, ndivakalisa isibhengezo sikaNdikhoyo esithi:

“Ungunyana wam wena; ndikuzele namhlanje.

8Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho,

namaphethelo ehlabathi abe ngawakho.

9Wòzilawula ngegqudu lentsimbi,

ùzintlekeze zibe ziingceba oku kwezitya zomdongwe.

10Ngoko ke, nina bokumkani, lumkani,

nina ziphathamandla zelizwe, yalekani.

11Mkhonzeni ngembeko uNdikhoyo,

nivuye ninokuzoyikela.

12Khahlelani kuye unyana ngentobeko,

hleze aniqumbele nitshabalale endleleni;

kaloku umsindo wakhe uyakhawuleza.

Hayi uyolo lwabo bonke abazimela ngoNdikhoyo!

IINDUMISO 3

Umthandazo wokucela uncedo kusasa

Umhobe kaDavide xa wayesaba uAbhasalom unyana wakhe.

1*Ndikhoyo, hay' ukuba ninzi kwazo iintshaba zam!

Ewe, zindivukela zinguMbo nomXesibe.

2Zide zithi xa zithetha ngam:

“Naloo Thixo wakhe akamhlanguli konke!”

3Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.

Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya.

4Ndiyakhala, ndibhenele kuNdikhoyo,

andiphendule esentabeni yakhe eyodwa.

5Ndiyaphumla, ndilale ubuthongo,

ndibuye ndivuke, kuba uNdikhoyo uyandixhasa.

6Andiwoyiki amawaka-waka eentshaba,

naxa zindirhawule nje, zindingqonge macal' onke.

7Khawuphakame ume, Ndikhoyo!

Ndisindise, Thixo wam!

Kaloku nguwe ozoyisayo zonk' iintshaba zam;

ewe, nguwe ozaphul' iimpondo iintshaba zam.

8Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;

khawubathamsanqele ke abantu bakho!

IINDUMISO 4

Umthandazo wokucela uncedo ngokuhlwa

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uphelekwa ngeentambula.

1Ndiphendule ndakukhala kuwe,

Thixo, mlondolozi wamalungelo am!

Wandikhulula embandezelweni yam;

yiba nenceba ke ngoko, uwuve umthandazo wam.

2Bantundini, koda kube nini na nindihlazisa?

koda kube nini nithand' ilize, niphuthaphuth' ubuxoki?

3Yazini ke ukuba *uNdikhoyo uyabathand' abantu bakhe;

uyandiva xa ndizibika kuye.

4Xa niqumbileyo, ze ningoni;

loo nto yetyiseni nithe cwaka kwiimandlalo zenu.

5Menzeleni amadini alungileyo,

nikholose ngaye uNdikhoyo.

6Baninzi abalangazelela okulungileyo.

Ndikhoyo, sikhangele ngobubele,

7usiphe ukuchulumacha okudlula okwâbo

bakufumana ngomdliva wengqolowa newayini.

8Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;

nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.

IINDUMISO 5

Umthandazo wokucela inkokhelo

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uhlatyelwa ngeefleyiti.

1Khawuwabekel' iindlebe amazwi am, *Ndikhoyo,

usigqale isingqala sam.

2Kuve ukukhala kwam, kumkani wam, Thixo wam,

xa ndithandazayo kuwe.

3Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa:

kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo.

4Kaloku unguThixo ongadlelaniyo nobugwenxa;

akukunyamezeli ukungcola phambi kwakho.

5Akubanyamezeli abantw' abazingcayo;

ubuthiye bonk' ubugqwirha.

6Uyawatshabalalisa amaxoki; ewe, Ndikhoyo,

abaxhaphi-gazi nabakhohlisi banezothe kuwe.

7Ke mna ndiya kungena endlwini yakho,

ngenxa yobubele bakho obuncamisileyo,

ndikunqule endlwini yakho ekhethiweyo,

ndikunqule ngembeko ndingcangcazela.

8Ndikhokelel' ekwenzeni intando yakho, Ndikhoyo.

Kaloku baninzi abandichasayo;

yenze icace phambi kwam indlela yakho.

9Azinanyani iintshaba zam,

iintliziyo zazo zizel' inkohlakalo;

Zizungula ukutshabalalisa ngentetho elalanisayo.

10Zohlwaye, Thixo;

zirhintyele kwangamacebo azo;

zigxothe ngenxa yezono zazo,

kuba ziphikisana nawe.

11Bayavuya bonke abo bathembela ngawe;

bohlala bechulumacha luvuyo.

Kaloku uyabakhusela abo bakuthandayo;

abo ke banemihlali ngenene.

12Ndikhoyo, uyabathamsanqela abakuthobelayo,

ubafukamele ngobubele ngathi bagqunywe ngekhaka.

IINDUMISO 6

Ukucela uncedo engxakini

Umhobe kaDavide, kumbhexeshi-kwayara; uhlatyelwa ngeentambula; ngelizwi lebhasi.

1Uze ungandikhalimeli unomsindo, *Ndikhoyo;

ungandohlwayi uqumbile.

2Yiba nenceba kum, Ndikhoyo, kuba ndityhafile;

ndomeleze, Mhlekazi, ndiphelelwe.

3Ndihleli ndinexhala elibi;

koda kube nini kodwa kunje, Ndikhoyo?

4Yiza, Ndikhoyo, undihlangule;

ndikhulule ngenxa yothando lwakho olungajikiyo.

5Kaloku akusekho kukukhumbula kwabafileyo;

akukho bani unokukudumisa engcwabeni.

6Sendide ndatyhafa sisingqala;

ubusuku ngobusuku ndiyantywizisa;

umqamelo umanzi tixi ziinyembezi.

7Atyhumfutyhumfu amehlo am kukulila;

sekude kwanzima nokujonga.

Ndinje nje nje kungenxa yeentshaba zam.

8Sukani kum, nonke nina mathol' esihulu-hulu!

Kaloku uNdikhoyo usivile isingqala sam.

9Ukuvile ukubongoza kwam,

wawuphulaphula umthandazo wam.

10Ziya kudana, zidideke zonk' iintshaba zam;

ziya kujika ngephanyazo, ziphoxekile.

IINDUMISO 7

Ukuthandazela ukuncedwa kwelungisa

Isililo sikaDavide awasivumela *uNdikhoyo ngenxa kaKushe wesizwe sakwaBhenjamin.

1Thixo wam, Ndikhoyo, ndithembele ngawe!

Ndihlangule, undisindise kubo bonk' abandileqayo,

2hleze bandiqwenga-qwenge njengengonyama,

bandiqangqulule ndibe zizijungqe ndingenamhlanguli.

3Thixo wam, Ndikhoyo,

ukuba kukho nto ndiyenzileyo kwezi zinto:

ukuba kukho bani ndimonileyo,

4nokuba ndingcatshe umhlobo wam,

okanye ndifumane ndalwenzakalisa utshaba lwam,

5malundileqe ke lundifumane utshaba,

lundinqumle, ndife kube kanye,

lundishiye apho ndilutywantsi.

6Khalima ngomsindo, Ndikhoyo;

undithethelele kule ngqumbo yeentshaba zam.

Thixo wam, vuka undincede;

kaloku wena ufuna kugwetywe ngobulungisa.

7Mazibizwe zonke izizwe zikungqonge,

ungqendeve esihlalweni sakho phezu kwazo.

8NguNdikhoyo umgwebi wabo bonk' abantu.

Ligwebe ityala lam ke, Ndikhoyo,

bucace ubulungisa bam, kucace ukuba ndimsulwa.

9Phelisa inkohlakalo yabantw' abagwenxa,

uwazimase amalungisa, wena Thixo othand' ukulunga,

ogocagoca iintliziyo neengcinga zabantu.

10Likhaka lam uThixo,

uyabakhusela abantw' abathand' ukulunga.

11UThixo ngumgwebi olilungisa;

unguThixo ocatshukisw' imihla nezolo.

12Ukuba abazohlwayi abantu

wolirhola ikrele lakhe elibukhali uThixo.

Selesityedile isaphetha sakhe, wema kuhle;

13uzikhuphile esingxotyeni sazo izikhali,

wajolisa ngeentolo ezinomlilo.

14Khangela, umnt' ogwenxa ukhawula ukungcola,

amith' ubumenemene, azal' ubuxoki.

15Umba umhadi onzulu,

ajike eyele kwakuloo mgibe awenzileyo;

16urhintyelwa kwabubumenemene bakhe,

isikhuni sibuye nomkhwezeli.

17Ndiyambulela uNdikhoyo ngenxa yobulungisa bakhe.

Ndisaya kumbonga uNdikhoyo uPhezukonke.

IINDUMISO 8

Ubungangamsha bukaThixo nesidima somntu

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngathi yilaa ngoma yamaGati.

1*Ndikhoyo, Nkosi yethu,

hayi ukubaluleka kwegama lakho ehlabathini!

Wena uqaqambisa amazulu ngesithozela sakho,

2nditsho abantwana kwaneentsana ziyakubonga,

nto leyo ibamisela umqobo abachasi

wokuvalela utshaba kwanomphindezeli.

3Xa ndiqwalasela amazulu owenzileyo,

inyanga, neenkwenkwezi ezidalwe nguwe,

4ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,

engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?

5Ngaphezu koko umenze wanganeno kancinane nje kuwe, Thixo;

umthe jize ngesihomo nesithozela.

6Umnike igunya kuyo yonke indalo yakho,

wazibeka phantsi kwegunya lakhe zonk' izinto:

7iinkomo neegusha, kwanazo neenyamakazi;

8iintaka eziphaphazelayo, neentlanzi,

nayo yonke into ephithizela elwandle.

9Hayi ukubaluleka kwalo igama lakho ehlabathini liphela,

Ndikhoyo, Nkosi yethu!

IINDUMISO 1:1-8:9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-