Umbongo kuThixo otyebisa umhlaba
Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ingoma.
1Ukuthozama kuyindumiso kuwe, Thixo, eZiyon;
Sizaliswa kuwe isibhambathiso.
2Wena mphulaphuli wemithandazo,
Iza kuwe inyama yonke.
3Zindoyisile nje iindawo zobugwenxa,
Ukreqo lwethu ùyaluxolela wena ngocamagushelo.
4Hayi, uyolo lomnyulayo, umsondeze
Ukuba ahlale ezintendelezweni zakho!
Sìya kuzihluthisa ngokulunga kwendlu yakho,
Kwetempile yakho engcwele.
5Ùsiphendula ngezenzo ezoyikekayo zobulungisa,
Thixo osisindisayo;
Nkoloseko yeziphelo zonke zehlabathi, neyolwandle olukude;
6Ulozinzisa iintaba ngamandla akhe,
Ebhinqe ubugorha;
7Ulodambisa ukugquma kweelwandle, ukugquma kwamaza azo,
Nokuxokozela kwezizwe.
8Bayayoyika imiqondiso yakho abemi beziphelo zehlabathi.
Ùmemelelisa ukuvela kokusa nokuhlwa.
9Ùwuvelele umhlaba, wawunyéla,
Wawutyebisa kakhulu.
Umjelo kaThixo uzele ngamanzi:
Walungisa ingqolowa yabo, ngokuba uwenjenje ukuwulungisa.
10Useza ihluthe imisele yawo;
Unyakamisa imiqela yawo.
Uthambisa ngeziphango;
Usikelela izilimo zawo.
11Uwuthwesile umnyaka wokulunga kwakho,
Imikhondo yakho itsitsa ukutyeba.
12Ayatsitsa amakriwa entlango,
Iinduli zizibhinqise umgcobo.
13Amadlelo anxibé imihlambi yeenkomo;
Iintili zambethe ingqolowa.
Yonke into iyaduma, yonke into iyavuma.