KwaYuda akukho mlawuli
1Ngokuba ùyabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, isusa eYerusalem nakwaYuda isixhaso nenkxaso, sonke isixhaso sesonka kwanesixhaso samanzi: 2igorha nendoda yokulwa, umgwebi nomprofeti, umvumisi nendoda enkulu, 3umthetheli wamashumi amahlanu, nobekekileyo, nomphakathi, nesilumko esinobungcibi, nengqondi yokukhwitsa. 4Ndobanika abathetheli abangabantwana, nabafekethi babalawule; 5bakhandanisane abantu ulowo nalowo, ulowo nalowa. Baya kusunduzana umntwana nendoda enkulu, ubuvuvu nabazukileyo. 6Xa umntu aya kuthi abambelele kumzalwana wakhe endlwini kayise, athi, Unengubo wena, masiphathwe nguwe, oku kukhahleleka kube sesandleni sakho: 7wóphimisela ngaloo mini athi, Andingebi mphilisi, endlwini yam kungekho sonka, kungekho ngubo; aninakundenza umphathi wabantu.
8Ngokuba ikhahlelekile iYerusalem, awile amaYuda; ngokuba iilwimi zabo neentlondi zabo zichase uYehova, ukuba bawaphikise amehlo obuqaqawuli bakhe. 9Imbonakalo yobuso babo iyangqina ngabo, bayazixela izono zabo njengeSodom, àbakhanyeli. Yeha umphefumlo wabo, ngokuba beziphethe kakubi kwabona! 10Yithi kumalungisa, kuya kulunga kuwo; ngokuba isiqhamo sezenzo zawo aya kusidla. 11Yeha ongendawo! Kuya kuba kubi kuye; ngokuba ukuphatha kwezandla zakhe kuya kwenziwa kuye. 12Abantu bam bakhandaniswa ngabantwana, balawulwa ngabafazi. Bantu bam, abakhokeli benu ngabandwendwisi, bayigqukile indlela yomendo wenu. 13Úsukile wema uYehova ukuba athethe ityala; umi ukuba agwebe ebantwini. 14UYehova uya kungena ematyaleni namadoda amakhulu abantu bakhe, nabathetheli babo; esithi, Ke nina nisigqibile isidiliya; okuphangwe kusizana kusezindlwini zenu. 15Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusìle ubuso beentsizana? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
Amahombakazi aseYerusalem nokuya kuwahlela
16Kananjalo uthi ke uYehova, Ngenxa enokuba zizidla iintombi zaseZiyon, zihamba zolule iintamo, zitshawula ngamehlo, zihamba zicothoza ukuhamba kwazo, zisenza isigampe esisezinyaweni zazo: 17ngako oko iNkosi yolujadula ukakayi lweentombi zaseZiyon, uYehova azihlube ubunkazana bazo. 18Ngaloo mini iNkosi yozisusa izihombo zemixokelelwane, nesangqawe, nentsimbi yomqala, 19namajikazi, neewatsha, nezigqubuthelo, 20neembasa, neenxaxhazo, neenqwemesha, namahlala okujoja, namakhubalo, 21nemisesane, namakhonkco empumlo, 22nezambatho ezinqabileyo, neengubo zokwaleka ezingaphezulu, neetyali, neengxowa zemali, 23nezipili, neeqhiya zelinen entle, neenkontsho, neengubo zokwaleka ezikrelekrele. 24Kothi esikhundleni sobulawu ibe kukuvunda, esikhundleni sombhinqo ibe yintambo; esikhundleni seempothe ibe yimpempethe, esikhundleni sengubo engwabungwabu ibe sisikhaka esirhwexayo; ibe ngumtshiso esikhundleni sobunzwakazi. 25Amadoda akho aya kuwa likrele, namagorha akho yimfazwe; 26ancwine enze isijwili amasango ayo, ithi yona ikhutshululwe, ihlale phantsi emhlabeni.