IZiyon, iziko lonqulo lwehlabathi; ulawulo loxolo lwelimiweyo
1Ilizwi awalibonayo uIsaya unyana ka-Amotsi, ngokusingisele kuYuda neYerusalem.
2Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba, izongamele iinduli, zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga. 3Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyàlele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe. Kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem. 4Úya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.
Isono sikaSirayeli nozuko lweNkosi
5Ndlu kaYakobi, yizani, sihambe ekukhanyeni kukaYehova. 6Kuba ùbalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga. 7Ilizwe labo lizele yisilivere negolide; abunakuphela ubuncwane babo. Ilizwe labo lizele ngamahashe; azinakuphela iinqwelo zabo zokulwa. 8Ilizwe labo lizele zizithixo ezingení; baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, kwinto eyenziwe yiminwe yabo. 9Ophantsi uyagoba, nendoda ephakamileyo ithotyelwe phantsi, ungabaxoleli ke.
10Ngena eweni, uziselele eluthulini, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe. 11Amehlo aqwayingileyo esintu othotywa, noqhankqalazo lwamadoda lusibekeke; nguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini. 12Kuba uYehova wemikhosi unemini eyozongamela izinto zonke ezinekratshi, ezinoqhankqalazo; nezinto zonke ezizinyusileyo zithotywe nezinto zonke ezisinyusileyo zithotywe ke. 13-14Wóyongamela imisedare• yonke yaseLebhanon, emide, ezinyusileyo, nezonke ezinde, neenduli zonke ezizinyusileyo; 15neenqaba zonke eziphakamileyo, neendonga zonke ezinqatyisiweyo; 16neenqanawa zonke zaseTarshishe, nezinto zonke ezibonakala zinqweneleka. 17Kosibekeka ukuzidla kwaba baphantsi, kuthotywe ukuqhankqalaza kwamadoda aphakamileyo. NguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini; 18izithixo ezingení zothi shwaka zonke ziphela.
19Bongena emiqolombeni yamawa nasemingxunyeni yomhlaba ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe. 20Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingení zesilivere, nezithixo zakhe ezingení zegolide, abamenzeláyo ukuze aqubude kuzo; 21ukuze angene ezimfanteni zamawa nasemiqhokrweni yeengxondorha, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe. 22Khanimyeke umntu omphefumlo usemathatheni akhe; ngokuba kuthiwa, Úyintoni na?