UISAYA 18
Umyalezo kuKushi
1Yeha ke, ilizwe lenzwinini yamaphiko, eliphesheya kwemilambo yakwaKushi; 2elithuma izigidimi ngolwandle ngemikhombe yemikhanzi phezu kwamanzi! Ndithi, Hambani, bathunywa banamendu, niye kuhlanga olude, olugudileyo, kubantu aboyikekayo ngapha nangapha, kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo! 3Nonke bemi belimiweyo, nani bahleli ehlabathini, xa kuthe kwenyuka ibhanile• ezintabeni, khangelani; xa kuthe kwavuthelwa isigodlo, yivani. 4Ngokuba utshilo uYehova kum ukuthi, Ndiya kuzola, ndibonele ndisendaweni yam; kufudumele, lisile, likho ilanga, kukho ilifu lombethe ekufudumaleni ngexa lokuvuna. 5Kuba phambi kokuvuna, akugqibela ukuphuma amathupha, intyantyambo yakuba yidiliya emuncu: úya kuwanqumla amasebe ngesitshetshe, awasuse awavikive anabayo. 6Onke aya kushiywa abe ngawamaxhalanga eentaba, abe ngawamarhamncwa elizwe; amaxhalanga adlulise ihlobo phezu kwawo, onke amarhamncwa elizwe adlulise ubusika phezu kwawo.
7Ngelo xesha kuya kusiwa kuYehova wemikhosi isithabathaba, esingabantu abade, abagudileyo, bephuma kubantu aboyikekayo abangapha nangapha; kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo; sisiwe endaweni yegama likaYehova wemikhosi, entabeni yaseZiyon.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.