UISAYA 17
Okuya kuhlela iDamasko noSirayeli
1Isihlabo esisingisele kwiDamasko. Yabona, iDamasko iya kususwa ekubeni ngumzi, ibe ngumwewe owileyo. 2Ishiyiwe imizi yaseArohere; iya kuba yeyemihlambi, ibuthe khona, kungabikho uyothusayo; 3iphelìswe inqaba kwaEfrayim nobukumkani kwiDamasko, amasalela ama-Aram• abe njengobuqaqawuli boonyana bakaSirayeli; utsho uYehova wemikhosi.
4Kuya kuthi ngaloo mini, busweleke ubuqaqawuli bukaYakobi, ingcumbeke inyama yakhe etyebileyo. 5Kuya kuba njengomvuni ehlanganisa ingqolowa emiyo, ingalo yakhe isika izikhwebu, kube njengokubhikica izikhwebu esihlanjeni samaRafa; 6kusale okubhikicwayo khona, njengasekuvuthululweni komnquma; amabhumbulu abe mabini namathathu emancamini phezulu, abe mané namahlanu ezimbaxeni zawo umthi oneziqhamo; utsho uYehova, uThixo kaSirayeli. 7Ngaloo mini umntu uya kondela kuMenzi wakhe, amehlo akhe akhangele koyiNgcwele kaSirayeli; 8anganoneleli izibingelelo, izenzo zezandla zakhe, angayikhangeli into eyênziwa yiminwe yakhe, noAshera,• nezithixo zelanga.
9Ngaloo mini imizi yakhe enqabileyo iya kuba ngamanxuwa asezintshinyeleni zehlathi, nawasezincotsheni zeentaba, abawashiyáyo phambi koonyana bakaSirayeli; koba senkangala. 10Ngokokuba ùmlibele uThixo, umsindisi wakho, akwalikhumbula neliwa lokunqaba kwakho; ngenxa yoko watyala izityalo ezimnandi, wamilisela kuzo iintswazi zomdiliya wasemzini. 11Ngemini yokutyala kwakho wawubiyela, kusasa wayityatyambisa imbewu yakho — sisitha sokwindla eso ngemini yesifo, nomvandedwa obulalayo.
Ukubhukuqwa kweAsiriya
12Yeha, ukuguguma kwezizwe ezininzi, ziguguma njengokuguguma kweelwandle! Yeha, ukungxola kwezizwe, zingxola njengokungxola kwamanzi anamandla! 13Izizwe zingxola njengokungxola kwamanzi amaninzi; ke uThixo wozikhalimela, zisabe ziye kude, zisukelwe njengomququ weentaba phambi komoya, njengefukufuku lothuli phambi kwesaqhwithi. 14Ngexa langokuhlwa, nanko zikhwankqile; kungekasi, azikho. Siso eso isahlulo sabasidywidayo, nelifa labasiphangayo.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.