Amaculo 51
ICULO LI.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu, okuya u‐Natane umprofite ebezile kuye, emveni kwokungena kwake ku‐Batesheba.
1YIBA nofefe kum, Tixo! kwa njengabo ububele bako: njengobuninzi benceba zako, cima izigqito zam. 2Ndihlanze kunene enkohlakalweni yam, undihlambulule esonweni sam. 3Ngokuba izigqito zam ndizazi; isono sam sisebusweni bam futi. 4Kungakuwe, ngakuwe wedwa endonileyo, ndenza okukohlakeleyo emehlweni ako: kukona ulungile ekuteteni kwako, ungcwele ekugwebeni kwako. 5Kangela, bendizalelwe enkohlakalweni; uma̔ wandimitela esonweni. 6Kangela, uyatanda inyaniso embilini; nasemfihlekweni uya kundazisa ubulumko. 7Ndihlambulule ngehisope, ndandiya kuba yingcwele; ndihlanze, ndandiya kugqitisa ingqweqwe ngokuba mhlope. 8Ndivise uvuyo nomgcobo; aze avuyelele amatambo owatyumzileyo. 9Fihla ubuso bako ezonweni zam, ucime zonke izikohlakalo zam. 10Ndidalele intliziyo eyingcwele, Tixo! uwuhlaziye umoya olungileyo pakati kwam. 11Zungandilahli ebusweni bako; no‐Moya wako oyi‐Ngcwele ungamsusi kum. 12Buyisela kum uvuyo lwosindiso lwako; umoya ovumayo maundixase.
13Kukona ndiya kufundisa abagqiti indlela zako, naboni baya kuguqukela kuwe. 14Ndikulule etyaleni legazi, Tixo, Tixo wosindiswa lwam! ulwimi lwam luya kudumisa ubulungisa bako ngovuyo. 15Nkosi! vula umlomo wam; kukona umlomo wam uya kushumayela udumo lwako. 16Ngokuba ungatandi umbingo, ukuba ndinikele ngawo; akukoliswa lidini lokutshiswa. 17Amadini katixo angumoya owapukileyo; intliziyo eyapukileyo negqobokileyo akuyi kuyidela, Tixo!
18Yenzela i‐Ziyone okulungileyo ngenkolelo yako; yaka indonga ze‐Yerusaleme. 19Oko uya kutanda imibingo yobulungisa, idini elitshiswayo, nedini elitshiswayo lipela: oko baya kunikela ngenkabi pezu kwesibingelo sako.
Bible Society of South Africa 1902