Amaculo 45
ICULO XLV.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeshoshanime, konyana baka‐Kora, elokuqondisa, ingoma yotando.
1INTLIZIYO yam iyampompoza umcimbi olungileyo; ndiyateta imisebenzi yam ngaye ukumkani; ulwimi lwam lulusiba lwomba̔li okuteleyo.
2Udlule onyana babantu ngokuba mhle; kugalelwe ufefe emlonyeni wako: utixo ngoko ukutamsanqelisile kude kube ngunapakade. 3Binqa iṙele lako esinqeni. Somandla! udumo lwako nobungcwalisa bako. 4Uti kwa ngobungcwalisa bako ukwele weyise, ngenxa yenyaniso nolulamo nobulungisa; sasiya kuti isandla sako sokunene sikufundise izinto ezoyikekayo. 5Intolo zako zibukali entliziyweni yentshaba zokumkani; izizwe zowa pantsi kwako. 6Isihlalo sako sobukumkani. Tixo! singunapakade kanapakade; intonga yobukumkani bako yintonga yokulunga. 7Uyatanda ubulungisa, uyatiya inkohlakalo; ngako oko utixo, kwa utixo wako, ukutambisile ngeoli yovuyo ngapezu kwabalingane bako. 8Zinemore nekala nekasiya ingubo zako zonke, zivela ezindlwini zopondo lwendlovu apo uvuyiselwe kona. 9Bekuko intombi zokumkani emankazaneni ako adumileyo; kwesokunene isandla sako kwema ukumkanikazi ngegolide yase‐Ofire.
10Pulapula, Ntombi! uqonde, utobe indlebe yako: libala ke abantu bakowenu, nendlu kayihlo; 11kukona ukumkani aya kunqwenela ubuhle bako kakulu; ngokuba eyinkosi yako; uze umbedeshe ke. 12Nentombi yase‐Tire, abazityebi pakati kwabantu, bobongoza ubuso bako ngomnikelo. 13Intombi yokumkani ibungcwalisa kanye ngapakati; isivato sayo sesesetyenzwa elilukiweyo legolide. 14Iya kukatshelwa kukumkani ngengubo ezitungiweyo ngamabala: intombi eziyilandelayo, ezingabalinganekazi bayo, ziya kuziswa kuwe. 15Zokatshwa ngemivuyo nangomgcobo; ziya kungena endlwini yokumkani.
16Endaweni yabo oyihlo kuya kubako onyana bako, ongati wena ubenze inkosi emhlabeni wonke. 17Ndiya kwenza igama lako likunjulwe kuzo zonke izizukulwana: zoti ngoko izizwe zibulele kuwe kude kube ngunapakade kanapakade.
Bible Society of South Africa 1902