Amaculo 42
ICULO XLII.
Elokuqondisa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu, konyana baka‐Kora.
1NJENGOKUBA ixama lilangazelela imilanjana yamanzi, kwa njalo umpefumlo wam ulangazelela wena, Tixo! 2Umpefumlo wam unxanelwe utixo, kwa utixo ohleliyo: ndoza ninina ndibonakale ebusweni botixo? 3Inyembezi zam bezikukutya kwam emini nasebusuku, nxa bati kum imihla yonke: Upina utixo wako? 4Ndizikumbula nje ezizinto ndiyapalaza umpefumlo wam pakati kwam: ngokuba ndibe ndidlule nesihlwele; ndahamba kakuhle naso endlwini katixo, ngelizwi lomgcobo nelombulelo, kwa nesihlwele sisenza umtendeleko.
5Kunganina ukuba utobeke, mpefumlo wam? kunganina nokuba ube nesitukutezi pakati kwam? Tembela kutixo; ngokuba ndisaza kubulela kuye, ngenxa yoncedo lwobuso bake.
6Tixo wam! umpefumlo wam utobekile pakati kwam; ngako oko ndokukumbula ndisezweni lase‐Yoredane, nakwelama‐Heremone, entabeni ye‐Mitsare. 7Inzulu imemeza inzulu ekungxoleni kwengxangxasi zako; onke amaza ako nemisinga yako idlule pezu kwam. 8Emini uyehova woxela kubeko ububele bake, nasebusuku iculo lake liya kuba nam, kwa ukutandaza kutixo wobomi bam. 9Ndoti kutixo: Liwa lam, kunganina ukuba undilibele? kunganina ukuba ndihambe ndilila ngenxa yokubandezela kwotshaba? 10Ngento yokubulala ematanjeni am bayandigxeka abo balana nam, nxa bati kum imihla yonke: Utixo wako upina?
11Kunganina ukuba utobeke, mpefumlo wam? kunganina nokuba ube nesitukutezi pakati kwam? Tembela kutixo; ngokuba ndisaza kubulela kuye, uncedo lwobuso bam, notixo wam.
Bible Society of South Africa 1902