Amaculo 33
ICULO XXXIII.
1VUYELELANI kuye uyehova, nina balungileyo! indumiso ifanelekile kwabalungisekileyo. 2Dumisani uyehova ngekinore; culani kuye ngenebele ezintambo zilishumi. 3Mvumeleni iculo elitsha; lungisani ukubeta ngentsholo enkulu.
4Ngokuba ilizwi likayehova lilungile; nawo wonke umsebenzi wake ngowenyaniso. 5Uyatanda ubulungisa nobugwebo: umhlaba uzele bububele bukayehova. 6Ngelizwi likayehova kwenziwa izulu, nangomoya womlomo wake wonke umkosi walo. 7Uyabuta amanzi olwandle njengemfumba; uyabeka inzulu ezindaweni zokubekela. 8Wonke umhlaba mawoyike pambi kwoyehova; bonke abemi belizwe mabahlonele yena. 9Ngokuba eke wateta, kwabako ke; waxela, kwema kwenqi ke. 10Uyehova utshabalalisile icebo labaheyideni; utshitshisile amaqinga entlanga. 11Icebo likayehova lima limi kude kube ngunapakade, namaqinga entliziyo yake kwisizukulwana ngesizukulwana.
12Hai itamsanqa lesizwe esi tixo u nguyehova; nelabantu abaqashileyo babe lilifa lake! 13Uyehova uyakangela esezulwini; uyabona bonke onyana boluntu. 14Kwa sendaweni yokuhlala kwake uyabonela bonke abemi bomhlaba. 15Uyadala zonke intliziyo zabo kunye; uyagqala zonke izenzo zabo. 16Akuko kumkani usindiswayo bubuninzi bomkosi; iṙoti alihlangulwa bubukulu bamandla. 17Ihashe libuxoki ekusindiseni; aliyi kusindisa nangobukulu bamandla alo. 18Bona ke, iliso likayehova lingakubo abamoyikayo; lingakubo abatembela ebubeleni bake; 19ukuhlangula umpefumlo wabo ekufeni, nokubapilisa ngexesha lendlala.
20Umpefumlo wetu uyalinda uyehova; uncedo lwetu nekaka letu nguye. 21Ngokuba intliziyo yetu iya kuvuya ngaye; ngokuba sitembele egameni lake elingcwele. 22Ububele bako, Yehova! mabube pezu kwetu, njengokuba sitemba kuwe.
Bible Society of South Africa 1902