U‐Mika 5
1Kaloku zihlanganise ngamabandla, ntombi yamabandla! sibekiwe ekuvingcelekeni: ngoswazi bambetile esidleleni umgwebi wo‐Sirayeli!
2Nawe, Beteleheme Eferata! umncinane ukuba pakati kwamawaka akwa‐Sirayeli; kodwa kuwe kwopumela kum ukuba ngumpati kwa‐Sirayeli, ozipumo zake zibe zikudala, emihleni yonapakade. 3Noko wobayekelela kude kube lixesha azeleyo lowo oya kuzala; bandule abazalwana bake abaseleyo babuyele elusatsheni luka‐Sirayeli. 4Waeya kuma ke, aluse ngamandla kayehova, ngobukulu begama likayehova, utixo wake: babeya kuhlala; ngokuba kaloku eya kuba mkulu kude kube sezincameni zomhlaba. 5Woba luxolo kwa lowo.
Xeshekweni um‐Asiriya aya kungena ezweni letu, naxeshekweni aya kunyatela kuzo izindlukazi zetu, siya kwandula sivuse ngakuye abalusi abasixe̔nxe, namadoda atanjisiweyo asibozo. 6Baya kugqiba ilizwe le‐Asiriya ngesiṙele, nelizwe lika‐Nimrode ezingenweni zalo: waeya kusisindisa kum‐Asiriya, okuya aya kungena elizweni letu, nokuya aya kunyatela emideni yetu. 7Isisalela sika‐Yakobi sobako pakati kwezizwe ezininzi, njengombete uvela kuyehova, njengemvula pezu kwemifuno, engalindeli umntu, engalibaleli onyana babantu kanjako. 8Ewe, isisalela sika‐Yakobi sobako pakati kwabaheyideni, pakati kwezizwe ezininzi, njengengonyama pakati kwezilo zehlati, njengengonyama entsha pakati kwemihlambi yezimvu, eti, nxa icandayo, inyatele pantsi ke, iqwenge nokuqwenga, kungeko osindisayo. 9Isandla sako sopakanyiswa pezu kwabayimpi kuwe, nazo zonke intshaba zako ziya kunqanyulwa.
10Kwakuya kuti ngomhla lowo, utsho uyehova, ukuba ndiya kunqamla amahashe ako kwa pakati kwako; nenqwelo zako ndiya kuzitshabalalisa. 11Ndandiya kuzinqamla izixeko zelizwe lako, nazo zonke inqaba zako ndozici̔ta. 12Ndiya kubunqamla nobugqi esandleni sako, uze ungabi nabo abalauli. 13Ndandiya kuyinqamla imifanekiso yako eqingqiweyo nezifanekiso ezimiyo zako kwa pakati kwako; akusayi kupinda ubedeshe umsebenzi wezako izandla. 14Nemifanekiso yako ka‐Ashera ndoyidonyula kwa pakati kwako, nezixeko zako ndozici̔takalisa. 15Ndandiya kuyenza impindezelo ngengqumbo nangomsindo pezu kwabaheyideni, abo abangapulapulanga.
Bible Society of South Africa 1902