U‐Mika 3
1NDANDISITI: Yivani ke, nina zintloko zika‐Yakobi, nani bagwebi bendlu ka‐Sirayeli! asi kuko okwenu na ukwazi ubugwebo? 2Abati okulungileyo bakutiye, nokukohlakeleyo bakutande; abaxwebula intlonze yabo kubo, nenyama yabo ematanjeni abo: 3abati kanjalo bayidle inyama yabantu bam, bayobule intlonze yabo kubo; namatambo abo bayawapula, bawaxaxele njengasembizeni, nanjengenyama pakati kwongxawo. 4Oko baya kubiza kuyehova, kodwa akayi kubapendula; uya kufihla ubuso bake kubo ngexesha elo, njengokuba bezikohlakalisile izenzo zabo.
5Utsho ukuti uyehova ngabo abaprofite abalahlekisa abantu bam, abaluma ngamazinyo abo, bashumayele uxolo; kodwa lowo ongafakeli emilonyeni yabo, bayalungisa imfazwe ngakuye: 6Ngako oko noba ninobusuku, singabiko isiboniso; noba ninobumnyama, kungabiko ukulaula; ewe, ilanga liya kubatshonela abaprofite, nemini yoba mnyama pezu kwabo. 7Baya kwandula ababoni ukudana, nabalauli ukumata; bona bonke bogubungela imbovu yabo, ngokuba ingeko impendulo kutixo. 8Kodwa ngenyaniso ndizele ngamandla ngomoya kayehova; ndizele nalugwebo nokalipo: ukuba ndixele ku‐Yakobi isigqito sake, naku‐Sirayeli isono sake.
9Yivani ke oku, nina zintloko zendlu ka‐Yakobi, nani bagwebi bendlu ka‐Sirayeli! abazondayo ubugwebo, nako konke okufaneleyo bakwenze gwenxa; 10besaka i‐Ziyone ngegazi, ne‐Yerusaleme ngenkohlakalo. 11Intloko zayo ziyagweba ngenxa yamabaso, nabaperisite bayo bayafundisa ngenxa yomvuzo, nabaprofite bayo bayalaula ngenxa yemali: noko bayayama kuyehova, besiti: Uyehova akapakati kwetu na? ububi abuyi kuza pezu kwetu. 12Ngako oko, ngenxa yenu, i‐Ziyone iya kuku̔tyelwa njengentsimi, ne‐Yerusaleme yoba zimfumba, nentaba yalendlu yoba yimimango ebuhlati.
Bible Society of South Africa 1902