1Kwaye kute, akuva u‐Hezekiya, wandula waṙazula ingubo zake, wazigubungela ngentlakantlaka, wangena endlwini kayehova. 2Waza watuma u‐Eliyakime, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, nabadala bakubaperisite, begujungelwe ngentlakantlaka, ukuya ku‐Yisaya, unyana ka‐Amotse, umprofite. 3Baye besiti kuye: Utsho u‐Hezekiya ukuti: Namhla ngumhla wobunzima, nesohlwayo, nogxeko; ngokuba abantwana beze endaweni yokutyoboza, kanti akuko amandla ukuzala. 4Kungaba uyehova, utixo wako, uya kuva amazwi ka‐Rabeshake, otunyiweyo ngukumkani we‐Asiriya, inkosi yake, ukuza kutuka utixo opilileyo, awohlwayele amazwi awavileyo uyehova, utixo wako; ngako pakamisa umtandazo ngenxa yesisalela esikoyo.
5Kwa njalo izicaka zokumkani u‐Hezekiya zeza ku‐Yisaya. 6Waza u‐Yisaya wati kuzo: Niya kutsho enkosini yenu ngokuti: Utsho uyehova ukuti: Ungoyiki ngenxa yamazwi uwavileyo, lawo abafana bokumkani we‐Asiriya bandigxekile ngawo. 7Bona ke, ndiya kubeka umoya kuye, waeya kuva iṙeto, abuyele elizweni lake; ndandiya kumenza awe ngesiṙele elizweni lake.
8Wada wabuya u‐Rabeshake, wamfumana ukumkani we‐Asiriya esilwa ngakuyo i‐Libena: ngokuba ebevile ukuba undulukile e‐Lakishe. 9Wayesiva ngaye u‐Tiraka ukumkani we‐Tiyopiya, kusitwa: Upumile ukuza kulwa nawe. Wati akuva, watuma izigidimi ukuya ku‐Hezekiya, esiti: 10Niya kutsho ku‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, nisiti: Maungakohliswa ngutixo wako, lowo utemba kuye, esiti: i‐Yerusaleme ayiyi kunikelwa esandleni sokumkani we‐Asiriya. 11Bona ke, ukuvile oko bakwenzileyo okumkani be‐Asiriya kuwo onke amazwe, ngokuwalahlela ekutshatyalalisweni; kekaloku wena uya kusindiswa ke na? 12Otixo bentlanga, ezo bazitshabalalisile obawo, kebazisindisa na; i‐Gozane, ne‐Karane, ne‐Retsefe, nosapo lwase‐Hedeni, oluse‐Telasare? 13Upina ke ukumkani we‐Hamati, nokumkani we‐Arapadi, nokumkani wesixeko se‐Sefarevayime, ne‐Hena, ne‐Hiva?
14Waye u‐Hezekiya eyamkela incwadi leyo esandleni sezigidimi, wayilesesha, wenyuka waya endlwini kayehova; waza u‐Hezekiya wayaneka ebusweni bukayehova. 15Watandaza u‐Hezekiya kuyehova, esiti: 16Yehova wemikosi, Tixo wo‐Sirayeli, ohleli pakati kwazo ikerubime! unguwe wedwa o ngutixo wabo bonke ubukumkani bomhlaba; wenzile wena izulu nomhlaba. 17Tobela, Yehova! indlebe yako, uve; vula, Yehova! amehlo ako, ubone; uze uweve onke amazwi ka‐Senakeribe, otumileyo ukutuka utixo opilileyo. 18Ngenyaniso, Yehova! okumkani be‐Asiriya bacitakalisile zonke izizwe namazwe azo; 19notixo bazo babalahlele emlilweni: ngokuba bengengabo otixo bona, koko bengumsebenzi wezandla zabantu, imiti namatye; ngako babatshabalalisile. 20Ngako kaloku, Yehova, Tixo wetu! sisindise esandleni sake, ukuze bonke ubukumkani bomhlaba bazi ukuba wena u nguyehova, wena wedwa.
21Waza u‐Yisaya unyana ka‐Amotse watuma ku‐Hezekiya, esiti: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Okokuba utandazile kum ngaye u‐Senakeribe, ukumkani we‐Asiriya, — 22lilo eli ilizwi alitetileyo uyehova pezu kwake:
Intombi ipela, intombi yase‐Ziyone, iyakudela, iyakuhleka; intombi yase‐Yerusaleme iyahlunguzela intloko ngakuwe. 23Ngubanina omtukileyo, nomgxekileyo? kungakubanina ulipakamisile ilizwi, namehlo ako uwanyusile ngapezulu? ngakuye oyingcwele ka‐Sirayeli. 24Ngazo izicaka zako uyitukile inkosi, wati: Ngobuninzi benqwelo zam ndiqolile indawo ezipezulu zentaba, amatambeka e‐Lebanone; sendiya kugaula isedare zayo ezinde, nemiberoshe yayo edlulisileyo; ndofikela eyokupela indawo yayo yapezulu, ihlati layo elicu̔mileyo. 25Ndimbele ndasela amanzi ke; nangomzantsi wenyawo zam ndiyomisile yonke imilambo yase‐Jipete.
26Akuvanga na, ukuba kudala ndikwenzile oku, ukuba emihleni yamatanci ndakuqinga? kaloku ndikuzisile kubako, ukuba kucitakaliswe izixeko ezinqatyisiweyo zibe zimfumba ezitshabaleleyo. 27Ngako abemi bazo bebenamandla amancinane; babete qege, badana nokudana; babenjengenca yasendle, nanjengotyani obuluhlaza, njengesikota pezu kwezindlu, nanjengembabala kungekadutyulwa. 28Kodwa ukuhlala kwako, nokupuma kwako, nokungena kwako, ndiyakwazi, kwa nokujala kwako ngakum. 29Ngenxa yokuba ukujala kwako ngakum, nokur̔atsha kwako, kunyukele ezindlebeni zam, ndiya kufaka igwegwe lam empumlweni yako, nomkala wam emlonyeni wako, ndize ndikubuyise ngalondlela ubusiza ngayo.
30Kanjalo oku kwoba ngumqondiso kuwe: Kuya kutyiwa lomnyaka okuhlumayo ngokwako; nangomnyaka wesibini okupumayo ngokunjalo; nangomnyaka wesitatu hlwayelani, nivune nokuvuna, tyalani nemiyezo, nesiqa̔mo sayo nisidle. 31Boti abasindileyo bendlu ka‐Juda, abo baseleyo, babuye bendelise ingcambo ngapantsi, bahlanze isiqa̔mo ngapezulu. 32Ngokuba kuya kupuma e‐Yerusaleme isisalela, nasentabeni ye‐Ziyone abo basindileyo: ubukwele bukayehova wemikosi bokwenza oku.
33Ngako oko, utsho uyehova ngaye ukumkani we‐Asiriya ukuti: Akayi kungena kwesisixeko, akayi kulutolela kona utolo kanjako; akayi kuza pambi kwaso nekaka, akayi kuyiposela indulana ngakuso kananjalo. 34Londlela ubesiza ngayo, uya kubuya kwa ngayo, nakuso esisixeko akayi kungena, utsho uyehova. 35Ngokuba ndiya kukusela isixeko esi, ndisisindise, ngenxa yokwam, nangenxa ka‐Davide isicaka sam.
36Yaza yapuma ingelosi kayehova, yabulala emnqubeni wama‐Asiriya ikulu linamashumi asibozo enesihlanu lamawaka: kwati kwakuvukwa kusasa ngomnye umhla, nanga onke eyimizimba efileyo. 37Wandula u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya wanduluka, wahamba, wabuya, waya wahlala e‐Nineve. 38Kwada kwati, nxa abezitoba endlwini ka‐Niseroki utixo wake, basuka u‐Adrameleki no‐Sharetsere onyana bake bambulala ngesiṙele; bati bona basindela ezweni le‐Ararate: waza u‐Esare‐hadoni unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.