1KWAYE kute ngoweshumi linesine umnyaka wokumkani u‐Hezekiya, wenyuka u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya ngakuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwa‐Juda, wazibamba.
2Waza ukumkani we‐Asiriya wasusa u‐Rabeshake e‐Lakishe ukuya e‐Yerusaleme, kukumkani u‐Hezekiya, enempi enkulu. Weza wema ngakuwo umjelo wecibi lasentla, ngasemendweni wentsimi yomsuki. 3Kwandula kwapumela kuye u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, no‐Jowahi unyana ka‐Safa umkumbuzi.
4Waza u‐Rabeshake wati kubo: Ize niti ke ku‐Hezekiya: Utsho ukumkani omkulu, ukumkani we‐Asiriya, ukuti: Litemba elinina eli utemba ngalo, usiti: 5Nditi, (kanti lilizwi lomlomo wodwa,) kuko icebo namandla ukulwa? Kaloku utemba kubanina ukuba uvukele ngakum? 6Bona ke, uyatemba kulomsimelelo wengcongolo etyumzekileyo, kwi‐Jipete; eti ukuba umntu uyayama ngayo, yandule ingene esandleni sake, isihlabe: unjalo u‐Faro ukumkani we‐Jipete kubo bonke abatembayo kuye. 7Kodwa ukuba uti kum: Siyatemba kuyehova, utixo wetu; asi nguye na, ondawo zake ezipakamileyo nezibingelo zake u‐Hezekiya uzisusile, wati ko‐Juda nakwi‐Yerusaleme: Pambi kwaso isibingelo esi niya kutoba pantsi? 8Ngako kaloku uke ungene ekulweni nenkosi yam ukumkani we‐Asiriya, ndandiya kukunika amahashe angamawaka mabini, ukuba ungati ngecala lako unike abakweli pezu kwawo. 9Woti nina pofu ukunqanda ubuso benkosana inye ezicakeni zenkosi yam ezincinane? Noko uyatemba kwi‐Jipete ngenxa yenqwelo nangenxa yabakweli bamahashe. 10Kodwa kaloku, kungapandle kwoyehova na endinyukile ngakulo elilizwe, ndize ndilitshabalalise? Uyehova ute kum: Nyuka ngakulo elilizwe, ulitshabalalise.
11Wandula wati u‐Eliyakime, no‐Shibena, no‐Jowahi, kuye u‐Rabeshake: Kautete kwizicaka zako ngesi‐Siriya, ngokuba sisiva tina; zungateti nati ngesi‐Juda, ezindlebeni zabantu abapezu kwodonga. 12Koko wati u‐Rabeshake: Kusenkosini yako na nakuwe, inditumileyo inkosi yam ukuza kuteta lamazwi? asi kulamadoda na ahleliyo pezu kwodonga, ukuba atye elawo ilindle, nokuba asele owawo umtundo, kunye nani?
13Waza wema u‐Rabeshake, wadanduluka ngelizwi elikulu ngesi‐Juda, wati: Yivani amazwi ake ukumkani omkulu, ukumkani we‐Asiriya! 14Utsho ukumkani ukuti: Maningakohliswa ngu‐Hezekiya; ngokuba eya kukohlwa kukunisindisa. 15Kanjako makangati u‐Hezekiya anitembise kuyehova, ngokuti: Uyehova wosisindisa ngenyaniso; esisixeko asisayi kunikelwa esandleni sokumkani we‐Asiriya. 16Ningapulapuli ku‐Hezekiya; ngokuba esitsho ukumkani we‐Asiriya ukuti: Yenzani uxolo nam, nipumele kum, nitye abanye ngabanye kumti weveyine wabo, nabanye ngabanye kumkiwane wabo, nisele abanye ngabanye amanzi equla labo; 17ndide ndize ndinise elizweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lenqolowa neveyine, ilizwe lesonka nemiyezo yemiti yeveyine. 18Makanganihendi u‐Hezekiya, esiti: Uyehova wosisindisa. Otixo bentlanga balisindisa na abanye ngabanye ilizwe labo esandleni sokumkani we‐Asiriya? 19bapina otixo base‐Hamati nabase‐Arapadi? bapina otixo base‐Sefarevayime? kanene bayisindisile i‐Samariya esandleni sam na? 20Ngobanina pakati kwabo bonke otixo bamazwe lawo, abalisindisileyo ilizwe labo esandleni sam, ukuba uyehova ayisindise i‐Yerusaleme esandleni sam?
21Koko bebesiti cwaka, bengampendulanga nangazwi; ngokuba umyalelo wokumkani ubungowokuti: Aniyi kumpendula.
22Kwandula kweza u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, no‐Jowahi unyana ka‐Safa umkumbuzi, ku‐Hezekiya, benezivato eziṙazukileyo, bamshumayeza amazwi ka‐Rabeshake.